Indlela Yokumelana Nengxaki Yempilo
Ngaba impilo yakho iye yatshintsha ngokukhawuleza? Ngoko uyazi ukuba xa unengxaki yempilo ungahlala udiniwe engqondweni ize itshintshe nendlela oziva ngayo, ibe unyango lubiza imali eninzi. Yintoni enokukunceda? Ungalinceda njani umntu okwintsapho yakho okanye umhlobo onengxaki yempilo? Nangona iBhayibhile ingeyoncwadi yezinto zonyango, inemigaqo enokukunceda ukwazi ukumelana nengxaki okuyo.
Amacebiso anokukunceda umelane nengxaki yempilo
Yiya kugqirha
Into ethethwa yiBhayibhile: “Abantu abaphile qete abamdingi ugqirha, kodwa udingwa ngabagulayo.”—Mateyu 9:12.
Indlela esebenza ngayo: Funa uncedo koogqirha xa kuyimfuneko.
Ungazama oku: Khangela olona nyango unokukwazi ukulufumana. Ngamanye amaxesha, ingaba bubulumko ukucela uncedo hayi kugqirha omnye kodwa kwabohlukeneyo. (IMizekeliso 14:15) Bacacisele kakuhle oogqirha iimpawu zesigulo sakho, uze uqiniseke ukuba bayaziqonda ezoo mpawu. (IMizekeliso 15:22) Sazi kakuhle isigulo sakho, kuquka neendlela zonyango ezifumanekayo. Xa uyazi kakuhle into elindelekileyo, uza kukwazi ukwenza izigqibo eziluncedo ngempilo yakho.
Hlala usenza izinto eziza kukunceda ube sempilweni
Into ethethwa yiBhayibhile: ‘Ukujima kuyanceda.’—1 Timoti 4:8.
Indlela esebenza ngayo: Kuyanceda ukuhlala usenza izinto eziza kukunceda ube sempilweni, njengokujima qho.
Ungazama oku: Ungajima qho, utye ukutya okusempilweni, uze ulale ngokwaneleyo. Ngoxa usaqhelana nesi sigulo, abezempilo bayavuma ukuba xa uzama ukwenza izinto eziza kukunceda ube sempilweni, uza kuziva bhetele. Nangona kunjalo, qiniseka ukuba into oyenzayo ayizokwenza impilo yakho ibe mbi ize iphazamisane nonyango olufumanayo.
Cela uncedo kwabanye
Into ethethwa yiBhayibhile: “Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke, ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.”—IMizekeliso 17:17.
Indlela esebenza ngayo: Abahlobo bakho bangakunceda unyamezele ngamaxesha anzima.
Ungazama oku: Thetha nomhlobo omthembayo umchazele ngokukhululekileyo indlela oziva ngayo. Ukwenza loo nto kungakunceda ungabinastres kakhulu uze wonwabe. Abahlobo nentsapho bangakuvuyela ukukunceda nangezinye iindlela, kodwa basenokungayazi ukuba mabenze ntoni. Bachazele into abanokuyenza ukuze bakuncede. Sukulindela ukuba benze nezinto abangenakukwazi ukuzenza, uze ubabulele ngoncedo abakunika lona. Nangona abahlobo bakho befuna ukukunceda, ngamanye amaxesha bangafuna ukuba wenze izinto ongenakukwazi ukuzenza. Ngoko kufuneka ubaxelele ukuba bangafika nini baze bahlale ixesha elingakanani.
Cinga kakuhle
Into ethethwa yiBhayibhile: “Intliziyo evuyayo iliyeza, kodwa umoya ophantsi utheza amandla.”—IMizekeliso 17:22.
Indlela esebenza ngayo: Ukucinga kakuhle kungakunceda ukuba uhlale uzolile ukwazi ukumelana nengxaki yempilo estresayo.
Ungazama oku: Njengokuba uqhela le ndlela intsha, yenza izinto okwaziyo ukuzenza, hayi izinto ongenakukwazi ukuzenza. Kuphephe ukuzithelekisa nabanye okanye nendlela owawukade usenza ngayo izinto ngaphambi kokuba ugule. (Galati 6:4) Loo nto iza kukunceda ucinge kakuhle xa uzimisele ukwenza izinto okwaziyo ukuzenza. (IMizekeliso 24:10) Xa iimeko zikuvumela, yenzela abanye izinto. Uvuyo olubangelwa kukupha luya kukunceda ungasoloko ucinga ngeengxaki zakho.—IZenzo 20:35.
Ngaba uThixo angakunceda umelane nengxaki yempilo?
IBhayibhile ibonisa ukuba uYehova uThixo a angakwazi ukumnceda umntu ukuba akwazi ukumelana neengxaki zempilo. Nangona singenakulindela ukuba siphiliswe ngokungummangaliso, abo bakhonza uThixo bangancedwa ngezi ndlela zilandelayo:
Uxolo. UYehova angasinika “uxolo lukaThixo oluyodlulayo indlela yabantu yokucinga.” (Filipi 4:6, 7) Olu xolo, okanye ukuzola, kunganceda umntu ukuba angabi naxhala kakhulu. UThixo unika olu xolo kwabo bathandaza kuye bemazisa izinto ezibaxhalabisayo.—1 Petros 5:7.
Ubulumko. UYehova angasinika ubulumko ukuze sikwazi ukwenza izigqibo ezilungileyo. (Yakobi 1:5) Umntu angabufumana obu bulumko xa efunda imigaqo engaphelelwayo efumaneka eBhayibhileni aze ayisebenzise.
Ithemba elikhuthazayo lexesha elizayo. UYehova usithembisa ixesha elizayo apho kungekho “mhlali oza kuthi: ‘Ndiyagula.’” (Isaya 33:24) Eli themba lincede abaninzi bahlala bevuya nangona beneengxaki zempilo ezinzima kakhulu.—Yeremiya 29:11, 12.
a Igama likaThixo nguYehova njengokuba libonisiwe eBhayibhileni.—INdumiso 83:18.