Eyesibini KuTimoti 1:1-18

  • Imibuliso (1, 2)

  • UPawulos ubulela uThixo ngokholo lukaTimoti (3-5)

  • Sikhwezele njengomlilo isiphiwo osinikwe nguThixo (6-11)

  • Hlala uyigcinile imfundiso ephilileyo (12-14)

  • Iintshaba zikaPawulos nabahlobo bakhe (15-18)

1  Mna Pawulos, ongumpostile kaKristu Yesu ngokuthanda kukaThixo, ngokwesithembiso sobomi esisifumana ngenxa kaKristu Yesu,+  ndibhalela uTimoti, unyana wam endimthandayo:+ Kwanga uThixo uTata wethu noKristu Yesu iNkosi yethu bangakwenzela ububele* nenceba bakunike noxolo.  Ndiyambulela uThixo endimkhonza ngesazela esicocekileyo, kanye njengokuba nookhokho benzayo, ndingayekanga ukuthandaza ndicenga uThixo imini nobusuku.  Ndithi ndakukhumbula iinyembezi zakho, ndifune ukukubona, ukuze ndivuye kakhulu.  Ndikhumbula ukholo lwakho olunyanisekileyo,+ awayenalo nomakhulu wakho uLoyisi nomama wakho uYunike, endiqinisekileyo ukuba nawe usenalo.  Ndiyakukhumbuza ke ukuba usikhwezele njengomlilo isiphiwo owasinikwa nguThixo xa ndandikubeka izandla.+  Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala,+ kodwa usinike owamandla+ nowothando nosinceda siphile engqondweni.  Ngoko ke sukuba neentloni ngokushumayela ngeNkosi yethu,+ okanye ube neentloni ngam, mna endilibanjwa ngenxa yayo, endaweni yoko kulungele ukutsala nzima+ ngenxa yeendaba ezilungileyo, uthembele nangamandla kaThixo.+  Yena wasisindisa waza wasibiza ukuba sibe ngabangcwele,+ hayi ngenxa yezinto esizenzileyo, kodwa ngenxa yobubele bakhe* nokuthanda kwakhe.+ Wasenzela obu bubele kwakudala ngoKristu Yesu, 10  kodwa ngoku buye benziwa bacaca xa kubonakaliswa uMsindisi wethu, uKristu Yesu,+ oye wakuphelisa ukufa,+ waza ngeendaba ezilungileyo+ wasikhanyisela ngobomi+ nangokungonakali.+ 11  Zezi ndaba endamiselwa ukuba ndibe ngumshumayeli, umpostile nomfundisi wazo.+ 12  Ndehlelwa zezi zinto ngenxa yalo msebenzi ndiwenzayo,+ ibe andinazintloni ngaloo nto.+ Kaloku ndiyamazi Lowo ndithembele kuye, ibe ndiqinisekile ukuba uyakwazi ukukhusela nantoni na endithembe ukuba uza kuyikhusela de kube yimini yomgwebo.+ 13  Hlala ugcine umzekelo wemfundiso ephilileyo+ owayiva ngam, uhlale unokholo nothando esilufumana ngokumanyana noKristu Yesu. 14  Yigcine kakuhle loo nto uyiphathisiweyo ngoncedo lomoya oyingcwele okuthi.+ 15  Uyazi nawe ukuba bonke abantu baseAsiya+ bandilahlile. Ndilahlwe nanguFigelo noHermogene. 16  Kwanga iNkosi ingayenzela inceba indlu kaOnesiforo,+ kuba ebehlala endinceda, yaye akazange abe neentloni ngokubotshelelwa kwam ngamatsheyini ejele. 17  Kunoko, xa wayeseRoma, wandikhangela de wandifumana. 18  Kwanga iNkosi uYehova* ingamenzela inceba ngemini yomgwebo. Nawe uzazi kakuhle izinto awandenzela zona e-Efese.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ububele obungakufanelanga.”
Okanye “yobubele bakhe obungasifanelanga.”