Eyesibini KuTimoti 3:1-17
3 Kodwa umele wazi ukuba ngemihla yokugqibela+ kuza kufika amaxesha ekunzima ukuwanyamezela.
2 Kuba abantu baza kuthanda iziqu zabo, bathande imali, baqhayise, baziphakamise, bathethe kakubi ngoThixo nangabantu, bangathobeli bazali, bangabi nambulelo, bangathembeki,
3 bangabi naluthando, babe nenkani, bangcolise amagama abantu, bangakwazi kuzibamba, babe ziindlobongela, bangazithandi izinto ezilungileyo,
4 bajikele abahlobo babo, bangafuni kumamela mntu, bakhukhumale likratshi, bathande ulonwabo kunokuba bathande uThixo,
5 babonakale ngathi bayamkhonza uThixo, kodwa indlela abaphila ngayo ibe ingatsho.+ Baphephe abantu abanjalo.
6 Kuba phakathi kwabo kuvela amadoda athubeleza angene ezindlini zabantu, elahlekisa abafazi ababuthathaka, abasindwa zizono nabaqhutywa yiminqweno eyahlukahlukeneyo,
7 abasoloko befunda kodwa bangaze balufumane ulwazi oluchanileyo lwenyaniso.
8 Kanye njengokuba uYanes noYambresi bamchasayo uMoses, nawo la madoda ayayichasa inyaniso. Onakele ngokupheleleyo engqondweni, nokholo lwawo alwamkelekanga.
9 Kodwa awasoze ahambele ndawo, kuba ubudenge bawo bubonakala kubantu bonke, njengokuba kwaba njalo nangobudenge bala madoda mabini.+
10 Kodwa wena uye wayilandela imfundiso yam, indlela endibuphila ngayo ubomi bam,+ eyona nto ndiyiphilelayo, ukholo lwam, umonde wam, uthando lwam, nokunyamezela kwam;
11 uyakwazi ukutshutshiswa kwam, nokutsala nzima kwam kwa-Antiyokwe,+ eIkoniyo+ naseListra.+ Ndazinyamezela zonke ezo ntshutshiso, ibe iNkosi yandisindisa kuzo zonke.+
12 Phofu ke, wonke umntu ofuna ukukhonza uThixo engumlandeli kaKristu Yesu, naye uza kutshutshiswa.+
13 Kodwa abantu abenza izinto ezimbi nabazenza amalungisa baza kuhambela phambili ebubini, belahlekisa yaye belahlekiswa.+
14 Noko ke, wena qhubeka uzikholelwa izinto ozifundileyo waza wancedwa ukuba uzikholelwe,+ kuba uyazi ukuba uzifunde kubani,
15 yaye uzaze uselusana+ izinto ezingcwele ezibhaliweyo,+ ezikunika ubulumko obuza kukunceda usindiswe kuba unokholo kuKristu Yesu.+
16 Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo+ ibe sinceda ekufundiseni,+ ekululekeni, ekulungiseni izinto, nasekusiqeqesheni ukuba senze izinto ezilungileyo,+
17 ukuze umntu kaThixo awulungele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.