Eyesibini KuTimoti 4:1-22

  • “Wenze ngokupheleleyo umsebenzi wakho wokushumayela” (1-5)

    • Lishumayele ilizwi ngokungxamisekileyo (2)

  • “Ndiwulwile umlo omhle” (6-8)

  • Amazwi kaPawulos (9-18)

  • Imibuliso yokugqibela (19-22)

4  Ndiyakuyala phambi koThixo noKristu Yesu, oza kugweba+ abaphilayo nabafileyo,+ xa ebonakala+ naxa eseBukumkanini bakhe:+  Lishumayele ilizwi+ ngokungxamisekileyo, xa iimeko zivuma naxa zinzima. Baluleke abantu,+ ubangxolise, ubacenge, ubafundise ngobuchule nangomonde.+  Kuba kuza ixesha lokuba bangayinyamezeli imfundiso ephilileyo,*+ kodwa kuba befuna ukwanelisa iminqweno yabo, baza kuzifunela abafundisi bokubanyumbaza iindlebe.*+  Baza kuyishiya inyaniso baze bamamele amabali obuxoki.  Wena ke, hlala uthe qwa, nyamezela ubunzima,+ qhubeka ushumayela iindaba ezilungileyo,* uwenze ngokupheleleyo umsebenzi wakho wokushumayela.+  Mna ke sele ndigalelwa njengomnikelo oselwayo,+ ibe ixesha lokukhululeka kwam+ ­selikufutshane.  Ndiwulwile umlo omhle,+ ugqatso ndilubaleke kwada kwasekugqibeleni,+ ndiye ndalugcina lomelele ukholo lwam.  Ngoko ke ndibekelwe isithsaba sobulungisa,+ endiza kusinikwa ngaloo mini njengomvuzo yiNkosi, umgwebi olilungisa;+ kodwa ayizukunika mna ndodwa,+ iza kunika nabo bonke abo bakuthandayo ukubonakaliswa kwayo.  Zama ngandlela zonke ukuba ukhawuleze uzokundibona. 10  Kaloku uDemas+ undishiyile waya eTesalonika, kuba ethanda eli hlabathi,* yena uKreskens uye eGalati, uTito waya eDalmatiya. 11  NguLuka yedwa oshiyeke nam. Ndicela uze noMarko, kuba uyandinceda kumsebenzi wam. 12  UTikiko yena ndimthume+ e-Efese. 13  Xa usiza, uze undiphathele ingubo yokwaleka endayishiya eTrowa kuKarpo, nemisongo, ingakumbi le yesikhumba. 14  UAleksandire osebenza ngekopolo wandenza izinto ezininzi ezimbi. UYehova* uza kumbuyekeza ngokwezenzo zakhe.+ 15  Ngoko nawe uze umlumkele, kuba wayeyiphikisa kakhulu yonke into esiyithethayo. 16  Xa ndandizithethelela okokuqala kwabasemagunyeni akukho nomnye owandixhasayo, kodwa bandishiya bonke. Kwanga uThixo angangabaphendulisi ngaloo nto. 17  Kodwa iNkosi yandinceda, yandinika amandla, yasebenzisa mna ukuze wenziwe ngokupheleleyo umsebenzi wokushumayela kuzo zonke iintlanga;+ ya­ndisindisa nasemlonyeni wengonyama.+ 18  INkosi iza kundisindisa kuzo zonke izinto ezimbi; iza kundisindisa de ­ndingene kuBukumkani bayo ­basemazulwini.+ Mayizukiswe ngonaphakade kanaphakade. Amen. 19  Ndicela undibulisele kuPriska nakuAkwila+ nakwindlu kaOnesiforo.+ 20  UErasto+ washiyeka eKorinte, kodwa yena uTrofimo ndamshiya+ eMileto kuba wayegula. 21  Zama kangangoko ukuba ufike bungekafiki ubusika. Uyabulisa uYubhulo noPudens noLino noKlawudiya nabo bonke abazalwana. 22  Kwanga iNkosi ingakusikelela ngomoya omhle owubonisayo. Kwanga inganenzela ububele.*

Umbhalo osemazantsi

Okanye “eluncedo.”
Okanye “abafundisi abaza kubaxelela le nto bafuna ukuyiva.”
Okanye “yenza umsebenzi womthunywa wevangeli.”
Okanye “ububele obunganifanelanga.”