Eksodus 3:1-22
3 UMoses waba ngumalusi womhlambi kaYitro,+ umbingeleli wakwaMidiyan, umkhwe wakhe. Wawukhokelela kwicala elingasentshona lentlango, wade waya kufika eHorebhe, intaba yoThixo wokwenene.+
2 Emva koko wabona ingelosi kaYehova ikwidangatye lomlilo kwityholo elinameva.+ Esajonge leyo, waqaphela ukuba ityholo elinameva liyavutha kodwa alide litshe liphele.
3 Wathi: “Ndiza kuya phaya khe ndibone le nto ingaqhelekanga, ndibone ukuba kutheni eli tyholo linameva lingade litshe liphele.”
4 Uthe uYehova akubona ukuba uyasondela ukuze ajonge, wambiza ephakathi kwityholo elinameva, wathi: “Moses! Moses!” yena wathi: “Nkosi.”
5 UThixo wathi: “Sukusondela apha. Khulula ezi mbadada uzinxibileyo, kuba le ndawo umi kuyo ingcwele.”
6 Waphinda wathi: “NdinguThixo katata wakho, uThixo ka-Abraham,+ uThixo kaIsake+ noThixo kaYakobi.”+ UMoses wabufihla ubuso bakhe, kuba wayesoyika ukujonga uThixo wokwenene.
7 UYehova wathi: “Ndiyibonile intlungu yabantu bam abaseYiputa, kwaye ndisivile isikhalo sabo ngenxa yabo babanyanzela ngomsebenzi, ndiyiqonda kakuhle intlungu yabo.+
8 Ndiza kuhla ukuze ndibahlangule esandleni samaYiputa+ ndize ndibakhuphe kwelo lizwe, ndibase kwilizwe elihle neliphangaleleyo, ilizwe eligcwele ubisi nobusi,+ umhlaba wamaKanan, amaHiti, ama-Amori, amaPerizi, amaHivi namaYebhusi.+
9 Ngoku ke jonga! Isikhalo sabantu bakaSirayeli sifikile kum, kwaye ndiyibonile nendlela abacinezelwa kabuhlungu ngayo ngamaYiputa.+
10 Yiza, ndiza kukuthuma kuFaro, ibe uza kubakhupha eYiputa abantu bam, amaSirayeli.”+
11 UMoses wathi kuThixo wokwenene: “Ndingubani na mna ukuba ndingade ndiye kuFaro, ndize ndikhuphe amaSirayeli eYiputa?”
12 UThixo wathi kuye: “Ndiza kuba nawe,+ yaye nantsi indlela oza kwazi ngayo ukuba uthunywe ndim: Emva kokuba ubakhuphile abantu eYiputa, niza kumkhonza* kule ntaba+ uThixo wokwenene.”
13 Kodwa uMoses wathi kuThixo wokwenene: “Masithi ke ndiyaya kumaSirayeli ndize ndithi kuwo, ‘UThixo wookhokho benu undithume kuni,’ aze athi wona, ‘Ngubani igama lakhe?’+ Ndifanele ndithini kuwo?”
14 UThixo wathi kuMoses: “Ndiza Kuba Yiloo Nto Ndikhetha* Ukuba Yiyo.”*+ Waphinda wathi: “Uze uthi kumaSirayeli, ‘UNdiza Kuba Yiyo undithume kuni.’”+
15 Waphinda wathi uThixo kuMoses:
“Uze uthi kumaSirayeli, ‘UYehova uThixo wookhokho benu, uThixo ka-Abraham,+ uThixo kaIsake+ noThixo kaYakobi,+ undithume kuni.’ Elo ligama lam ngonaphakade,+ ibe leyo yindlela endimele ndikhunjulwe ngayo kwizizukulwana ngezizukulwana.
16 Hamba ke uze uqokelele abadala bakwaSirayeli, uthi kubo, ‘UYehova uThixo wookhokho benu ubonakele kum, uThixo ka-Abraham, kaIsake noYakobi, wathi: “Ndinijongile+ yaye ndiyibonile into eyenziwa kuni eYiputa.
17 Ngoko ke ndithi ndiza kunisusa kwimpatho-mbi+ eniyifumana kumaYiputa, ndinise kwilizwe lamaKanan, amaHiti, ama-Amori,+ amaPerizi, amaHivi namaYebhusi,+ ilizwe eligcwele ubisi nobusi.”’+
18 “Nakanjani baza kulimamela ilizwi lakho,+ ibe uza kuya kukumkani waseYiputa, wena nabadala bakwaSirayeli, nithi kuye: ‘UYehova uThixo wamaHebhere+ uye wathetha nathi. Ngoko sicela usiyeke sihambe uhambo lweentsuku ezintathu siye entlango, ukuze sibingelele kuYehova uThixo wethu.’+
19 Kodwa ke ndazi kakuhle ukuba, ukumkani waseYiputa akazukunivumela nihambe, ngaphandle kokuba isandla esinamandla siyamnyanzela.+
20 Ngoko kuza kufuneka ndisolule isandla sam ndize ndiyihlasele iYiputa ngazo zonke izinto ezingaqhelekanga endiza kuzenza kuyo, emva koko uza kunikhulula nihambe.+
21 Ndiza kusenza esi sizwana sithandwe ngamaYiputa, yaye xa nihamba, anizukuhamba ningenanto.+
22 Mfazi ngamnye umele acele kummelwane wakhe nakumfazi ohlala kwikhaya laloo mfazi ungumSirayeli, izinto zesilivere nezegolide neempahla, kwaye niza kuzinika oonyana neentombi zenu, niwaphuce amaYiputa.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “kumnqula.”
^ Okanye “Ndiza Kuzibonakalisa Ndiyiloo Nto Ndiza Kuzibonakalisa Ndiyiyo.” Funda Isihlomelo A4.
^ Okanye “Ndifuna.”