Hagayi 2:1-23
2 Ngenyanga yesixhenxe, ngomhla we-21 kuloo nyanga, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi+ umprofeti lisithi,
2 “Ndicela ubuze uZerubhabheli+ unyana kaShelatiyeli, umlawuli wakwaYuda,+ noYoshuwa+ unyana kaYehotsadaki,+ umbingeleli omkhulu, nabantu abashiyekileyo, uthi:
3 ‘Ngubani kuni owayibonayo indlela eyayizuke ngayo le ndlu* ngaphambili?+ Injani ngoku? Xa niyithelekisa naleyaa, aniyiboni ingeyonto?’+
4 “‘Kodwa ke yomelela Zerubhabheli,’ utsho uYehova, ‘womelele nawe Yoshuwa nyana kaYehotsadaki, umbingeleli omkhulu.’
“‘Yomelelani nani bantu beli lizwe,’+ utsho uYehova, ‘nize nisebenze.’
“‘Kuba ndinani,’+ utsho uYehova wemikhosi.
5 ‘Khumbulani into endanithembisa yona ukuphuma kwenu eYiputa,+ yaye umoya wam+ usephakathi kwenu nangoku.* Sanukoyika.’”+
6 “Kuba uthi uYehova wemikhosi, ‘Kungekudala, ndiza kuphinda ndiwagungqise amazulu nomhlaba, ulwandle nomhlaba owomileyo.’+
7 “‘Ndiza kuzigungqisa zonke iintlanga, zize izinto ezixabisekileyo* zazo zonke iintlanga zingene;+ yaye ndiza kuyigcwalisa ngozuko le ndlu,’+ utsho uYehova wemikhosi.
8 “‘Isilivere yeyam, negolide yeyam,’ utsho uYehova wemikhosi.
9 “‘Luza kuba lukhulu kakhulu uzuko lwale ndlu kunolo lweyangaphambili,’+ utsho uYehova wemikhosi.
“‘Ndiza kwenza kubekho uxolo kule ndawo,’+ utsho uYehova wemikhosi.”
10 Ngomhla we-24 kwinyanga yesithoba, ngonyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuHagayi+ umprofeti, lisithi:
11 “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Ndicela ubuze ababingeleli ngomthetho,+ uthi:
12 “Ukuba indoda iphethe inyama engcwele ngomphetho wesambatho sayo, size isambatho sayo sichukumise isonka okanye isityu okanye iwayini okanye ioli okanye nakuphi na ukutya, ngaba kuza kuba ngcwele?”’”
Ababingeleli baphendula bathi: “Hayi!”
13 UHagayi waphinda wabuza wathi: “Ukuba umntu ongacocekanga ngenxa yokuphatha isidumbu uchukumisa nayiphi na kwezi zinto, ngaba iza kuba yengacocekanga?”+
Ababingeleli baphendula bathi: “Iza kuba yengacocekanga.”
14 Ngoko uHagayi wathi: “‘Sinjalo ke esi sizwana, lunjalo ke olu hlanga phambi kwam,’ utsho uYehova, ‘unjalo nawo wonke umsebenzi wezandla zabo; nantoni na abayinikelayo apho ayicocekanga.’
15 “‘Kodwa ke, ukususela namhlanje kuse phambili, khanincede nicingisise ngale nto:* Ngaphambi kokuba kubekwe ilitye phezu kwelitye etempileni kaYehova,+
16 kwakunjani? Umntu waya kwimfumba yeenkozo elindele ukufumana imilinganiselo eyi-20, suke wafumana eyi-10 qha; omnye waya kwifatyi yesixovulelo sewayini ukuze akhe imilinganiselo eyi-50, suke wafumana eyi-20 qha.+
17 Ndanibetha ngembalela nangokungunda nangesichotho,+ kuwo wonke umsebenzi wezandla zenu, kodwa akukho namnye kuni owabuyela kum,’ utsho uYehova.
18 “‘Khanincede nicingisise ngale nto* ukususela namhlanje kuse phambili, ukususela ngomhla we-24 kwinyanga yesithoba, ukususela ngomhla esabekwa ngawo isiseko setempile kaYehova;+ cingisisani ngale nto:
19 Ngaba isekho imbewu esiseleni?+ Imithi yeediliya, yamafiya,* yeerharnati neyomnquma, ayikabi naziqhamo, akunjalo? Ukususela namhlanje ndiza kuzisa intsikelelo.’”+
20 Lafika okwesibini ilizwi likaYehova kuHagayi ngomhla we-24 kuloo nyanga,+ lisithi:
21 “Yithi kuZerubhabheli umlawuli wakwaYuda, ‘Ndiza kuwadlikidla amazulu nomhlaba.+
22 Ndiza kuzibhukuqa iitrone zookumkani ndize ndiwatshabalalise amandla ookumkani beentlanga;+ yaye ndiza kuzibhukuqa iinqwelo nabakhweli bazo; amahashe nabakhweli bawo baza kuwa, ngamnye ngekrele lomntakwabo.’”+
23 “UYehova wemikhosi uthi, ‘Ngaloo mini, ndiza kukuthatha mkhonzi wam Zerubhabheli+ nyana kaShelatiyeli,’+ utsho uYehova; ‘ndiza kukwenza ube njengeringi yokubeka isitampu, ngenxa yokuba nguwe endimkhethileyo,’ utsho uYehova wemikhosi.”
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “le tempile.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “naxa umoya wam wawumi phakathi kwenu.”
^ Okanye “ezinqwenelekayo.”
^ Okanye “nibeke iintliziyo zenu kule nto.”
^ Okanye “nibeke iintliziyo zenu kule nto.”
^ Okanye “yamakhiwane.”