KumaHebhere 5:1-14
5 Kuba wonke umbingeleli omkhulu ongumntu umiselwa ngenxa yabantu phezu kwezinto zikaThixo,+ ukuze anikele izipho nemibingelelo yezono.+
2 Uyakwazi ukubaphatha ngovelwano* abantu abangazi nto nabenza iimpazamo,* kuba naye unobakhe ubuthathaka,
3 yaye ngenxa yaloo nto kufuneka enze imibingelelo yezono zakhe kanye njengokuba ebenzela abantu.+
4 Umntu akazifuneli ngokwakhe eli wonga, kodwa ulifumana kuphela xa ebizwe nguThixo, kanye njengokuba kwakunjalo ngoAron.+
5 NoKristu akazange azizukise+ ngokuzenza umbingeleli omkhulu, kodwa wazukiswa ngulowo wathi kuye: “Ungunyana wam; namhlanje ndiye ndaba ngutata wakho.”+
6 Kunjengokuba nakwenye indawo esithi: “Ungumbingeleli ngonaphakade njengoMelkitsedeki.”+
7 Xa uKristu wayephila emhlabeni, wayethandaza kuThixo owayekwazi ukumsindisa ekufeni, emcenga yaye emcela, ekhala kakhulu esihla iinyembezi,+ yaye imithandazo yakhe yaviwa kuba wayemoyika uThixo.
8 Nangona wayengunyana, wafunda ukuthobela kwizinto ezibuhlungu ezamehlelayo.+
9 Emva kokuba enziwe wagqibelela,+ waba yindlela yokuba bonke abo bamthobelayo basindiswe ngonaphakade,+
10 kuba uye wakhethwa nguThixo ukuba abe ngumbingeleli omkhulu njengoMelkitsedeki.+
11 Ininzi into esinokuyithetha ngaye, ibe kunzima ukuyicacisa, kuba niye nabuthuntu ekuveni.*
12 Kaloku ngoku bekumele ukuba nifundisa abanye, kodwa kusafuneka umntu oza kuniqala phantsi,+ anifundise izinto ezingcwele zikaThixo. Niluhlobo lwabantu abasafanelwe lubisi, hayi ukutya okuqinileyo.
13 Wonke umntu osasela ubisi akaqhelananga nelizwi likaThixo* kuba ungumntwana.+
14 Kodwa ukutya okuqinileyo kokwabantu abaqolileyo, abantu abayisebenzisayo ingqondo, itsho iqeqesheke, ikwazi ukwahlula into elungileyo nembi.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “kakuhle.”
^ Okanye “nabaphume endleleni.”
^ Okanye “niva kade.”
^ Ngokoqobo, “nelizwi lobulungisa.”