IMizekeliso 11:1-31

  • Ubulumko bobabo bathobekileyo (2)

  • Umwexuki wenzakalisa abanye (9)

  • “Kubakho impumelelo xa bebaninzi abacebisi” (14)

  • Umntu onobubele uza kuphumelela (25)

  • Othembela ngobutyebi bakhe uza kuwa (28)

11  Izikali eziqhathayo ziyenyanyeka kuYehova,Kodwa uyasithanda isikali esichanileyo.*+   Ukukhukhumala kulandelwa lihlazo,+Kodwa ubulumko bobabo bathobekileyo.+   Ukungasoleki kwamalungisa kuyawakhokela,+Kodwa amaqhinga amaqhophololo aza kuwatshabalalisa.+   Ubutyebi abuzukunceda* nganto ngemini yomsindo,+Kodwa bubulungisa obuza kusindisa abantu ekufeni.+   Ubulungisa balowo umsulwa buyenza ilunge indlela yakhe,Kodwa umenzi-bubi uza kuwa ngenxa yobubi bakhe.+   Ubulungisa babantu abenza izinto ezilungileyo buza kubasindisa,+Kodwa abo benza ngobuqhophololo baza kubanjiswa yiminqweno yabo.+   Xa umenzi-bubi esifa, liphelela emoyeni ithemba lakhe;Nezinto ebezilindelwe ngenxa yamandla akhe ziphelela emoyeni.+   Ilungisa liyasindiswa entlungwini,Ize indawo yalo ithathwe ngumenzi-bubi.+   Ngomlomo wakhe umntu ojikele uThixo* wenzakalisa ummelwane wakhe,Kodwa wona amalungisa asindiswa lulwazi.+ 10  Ukulunga kwamalungisa kuyasivuyisa isixeko,Ibe xa abenzi-bubi betshabalala, kukhalwa iinyembezi zovuyo.+ 11  Ngenxa yentsikelelo yamalungisa isixeko siyadunyiswa,+Kodwa umlomo wabenzi-bubi uyasidiliza.+ 12  Nabani ongayisebenzisiyo ingqondo* uyamdelela* ummelwane wakhe,Kodwa umntu ocingayo uthi cwaka.+ 13  Ongcolisa amagama abantu uhamba ediza iimfihlo,+Kodwa umntu othembekileyo* uyaligcina ihlebo.* 14  Xa engekho amacebiso obulumko, bayawa abantu,Kodwa kubakho impumelelo* xa bebaninzi abacebisi.+ 15  Nabani na onikela isibambiso ngenxa yento ebolekwe ngumntu angamaziyo, ziza kumhambela kakubi izinto,+Kodwa okuphephayo* ukuxhawula isandla efunga uza kukhuseleka. 16  Umfazi onesimilo* uyazukiswa,+Kodwa amadoda akhohlakeleyo athimba ubutyebi. 17  Umntu onobubele* uyazinceda,+Kodwa umntu okhohlakeleyo uzizisela iingxaki.*+ 18  Umenzi-bubi ufumana umvuzo ngamaqhinga,+Kodwa otyala ubulungisa, ufumana umvuzo wokwenene.+ 19  Obumelayo ubulungisa ulindelwe bubomi,+Kodwa lowo uleqa okubi ulindelwe kukufa. 20  UYehova uyabenyanya abo baneentliziyo ezigqwethekileyo,+Kodwa uyabathanda abo bangenakusoleka endleleni yabo.+ 21  Qiniseka ngale nto:* Umntu ongumenzi-bubi soze angohlwaywa,+Kodwa abantwana bamalungisa baza kusinda. 22  Njengecici legolide empumlweni yehagu,Unjalo umfazi omhle kodwa engayisebenzisi ingqondo. 23  Umnqweno wamalungisa ukhokelela kwizinto ezilungileyo,+Kodwa ithemba labenzi-bubi libangela umsindo. 24  Omnye uye athande ukupha* aze agqibele enezinto ezininzi;+Omnye azigcine izinto amele ukuphisa ngazo, kodwa abe lihlwempu.+ 25  Umntu onobubele uza kuphumelela;*+Nabani na ohlaziya abanye,* uza kuhlaziywa.+ 26  Abantu baza kumqalekisa umntu owala nokutya okuziinkozo,Kodwa baza kumsikelela lowo ukuthengisayo. 27  Lowo ukukhuthaleleyo ukwenza okulungileyo ufuna ukuthandwa,+Kodwa lowo ufuna ububi, uza kufikelwa yiloo nto kanye.+ 28  Othembela ngobutyebi bakhe uza kuwa,+Kodwa amalungisa aza kuchuma njengamahlamvu.+ 29  Nabani na oyizisela iingxaki* indlu yakhe uza kufumana ilifa elingumoya;+Isidenge sona siza kuba sisicaka salowo unentliziyo yesilumko. 30  Isiqhamo selungisa ngumthi wobomi,+Nalowo uzuza imiphefumlo* sisilumko.+ 31  Ukuba ilungisa elisemhlabeni liyohlwaywa,Kukangakanani ke ngomenzi-bubi nomoni!+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “uyalithanda ilitye lokulinganisa elipheleleyo.”
Okanye “Izinto zexabiso azizukunceda.”
Okanye “umntu ongenaThixo.”
Ngokoqobo, “oswele intliziyo.”
Okanye “uyamcaphukela.”
Ngokoqobo, “lowo unomoya othembekileyo.”
Ngokoqobo, “uyawogquma umbandela.”
Okanye “usindiso.”
Ngokoqobo, “okucaphukelayo.”
Okanye “onomtsalane.”
Okanye “onothando olungagungqiyo.”
Okanye “ihlazo.”
Ngokoqobo, “Isandla esandleni.”
Ngokoqobo, “asasaze.”
Ngokoqobo, “kutyetyiswa.”
Ngokoqobo, “onkcenkceshela abanye ngesisa.”
Okanye “ihlazo.”