IMizekeliso 20:1-30
20 Iwayini iyamgezisa umntu,+ utywala bumenza angalawuleki;+Nabani na obhaduliswa zizo akalumkanga.+
2 Ukoyikeka kukakumkani kunjengokugquma kwengonyama;*+Nabani na omcaphukisayo ubeka ubomi bakhe esichengeni.+
3 Umntu onesidima uyayiphepha ingxabano,+Kodwa sona isidenge singena zwabha kuyo.+
4 Ivila alilimi ebusika,Ngoko liza kuhamba licela ngexesha lokuvuna kuba lingenanto.*+
5 Iingcinga* zentliziyo yomntu zinjengamanzi anzulu,Kodwa umntu osisilumko uzitsala zinyuke.
6 Abantu abaninzi bathi banothando olungagungqiyo,Kodwa ngubani onokumfumana umntu othembekileyo?
7 Ilungisa lihamba ngokungenasiphoso.+Bayavuya abantwana* balo.+
8 Xa ukumkani ehleli etroneni yokugweba,+Uhluza bonke ububi ngamehlo akhe.+
9 Ngubani onokuthi: “Intliziyo yam imhlophe;+Ndimsulwa kwaye andinasono”?+
10 Amatye okukala aqhathayo nezitya zokukala eziqhathayo,Zombini ziyenyanyeka kuYehova.+
11 Kwanomntwana* ubonwa ngezenzo zakhe,Ukuba umsulwa okanye ulungile.+
12 Indlebe evayo nelihlo elibonayo,Zombini zenziwe nguYehova.+
13 Sukuthanda ubuthongo, kuba uza kuba lihlwempu.+Vula amehlo akho, ibe uza kuba nesonka esaneleyo.+
14 “Imbi le nto, imbi!” utsho umthengi;Akugqiba ahambe eqhayisa ngokuba ukhuphe imali encinci.+
15 Kukho igolide, kukwakho neekorale* ezininzi,Kodwa yimilebe enolwazi exabisekileyo.+
16 Ukuba umntu ubambisele ityala lomntu wasemzini,+ thatha isambatho sakhe;Bambisa ngaso ukuba umele ityala lomfazi* wasemzini.+
17 Isonka esifunyenwe ngamaqhinga sihla kamnandi emntwini,Kodwa emva koko umlomo wakhe ugcwala uhlalutye.+
18 Amacebo ayaphumelela* xa kuboniswana;+Fumana amacebiso obulumko ngaphambi kokuya emfazweni.+
19 Umntu onolwimi udiza amahlebo;+Sukuhlala nomntu okuthandayo ukuhleba.
20 Nabani na othuka utata wakhe nomama wakhe,Isibane sakhe siza kucinywa xa kufika ubumnyama.+
21 Ilifa elifunyanwa ngokubawa ekuqaleniAlizukuba yintsikelelo ekugqibeleni.+
22 Sukuthi: “Ndiza kuziphindezela ngobu bubi!”+Thembela kuYehova,+ uza kukusindisa.+
23 Amatye okulinganisa aqhathayo* ayenyanyeka kuYehova,Nezikali eziqhathayo azilunganga.
24 Ukunyathela komntu kwalathiswa nguYehova;+Angayiqonda njani ke indlela yakhe?*
25 Kungumgibe emntwini ukungxama athi, “Ingcwele!”+
Aze aqale emva koko ukucingisisa ngesivumelwano asenzileyo.+
26 Ukumkani olumkileyo uyabahluza abenzi-bubi+Aze ahambise ivili lokubhula phezu kwabo.+
27 Impefumlo yomntu sisibane sikaYehovaSokuhlolisisa konke okufihlakeleyo ngaphakathi emntwini.
28 Uthando olungagungqiyo nokuthembeka kuyamkhusela ukumkani;+Itrone yakhe ixhaswa luthando lwakhe olungagungqiyo.+
29 Uzuko lwabafana ngamandla abo,+Lona iwonga lamadoda amadala zizimvi.+
30 Ukugruzuka namanxeba kukhucula* ububi,+Nemivumbo ikhucula ububi obungaphakathi emntwini.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “kwengonyama entsha enesingci.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “Aza kujonga ngexesha lokuvuna kodwa angafumani nto.”
^ Okanye “Iinjongo.” Ngokoqobo, “Amacebo.”
^ Ngokoqobo, “oonyana.”
^ Okanye “Kwanenkwenkwe.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “lomntu.”
^ Okanye “ayazinza.”
^ Okanye “Iindidi ezimbini zamatye okulinganisa.”
^ Okanye “indlela amele ahambe ngayo?”
^ Okanye “kukhuhla.”