IMizekeliso 21:1-31
21 Intliziyo kakumkani injengomsinga wamanzi esandleni sikaYehova.+
Uyisa apho athanda ukuyisa khona.+
2 Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kuye,+Kodwa uYehova uhlolisisa iintliziyo.*+
3 Ukwenza izinto ezilungileyo nobulungisaKumvuyisa kakhulu uYehova kunombingelelo.+
4 Amehlo anekratshi nentliziyo ezigwagwisayo,Zisisibane esikhokela abenzi-bubi, ibe zisisono.+
5 Amacebo omntu okhutheleyo aza kumenza aphumelele* ngokuqinisekileyo,+Kodwa bonke abenza ngokungxama, nakanjani na baza kuphelela endlaleni.+
6 Ukufumana ubutyebi ngolwimi oluxokayoKufana nomphunga osuka uthi shwaka, umgibe obulalayo.*+
7 Ubundlobongela babenzi-bubi buza kubatshayela,+Kuba abafuni kwenza bulungisa.
8 Indlela yomntu onetyala igqwethekile,Kodwa izenzo zomntu omsulwa zilungile.+
9 Kungcono ukuhlala ekoneni yophahlaKunokuhlala endlini enye nomfazi onochuku.*+
10 Umenzi-bubi urhalela izinto ezimbi;+Uyamkhohlakalela ummelwane wakhe.+
11 Xa umntu othetha ukusa esohlwaywa, ongenamava uba nobulumko,Ibe xa isilumko siye saphanda, sifumana ulwazi.*+
12 UThixo olilungisa uyazibukela izinto ezenzeka endlini yomenzi-bubi;Uyabatshabalalisa abenzi-bubi.+
13 Nabani na ozivalayo iindlebe zakhe xa kukhala umntu osweleyoNaye uza kuthi ekhala, angaphendulwa.+
14 Isipho esenziwa emfihlekweni sehlisa umsindo,+Nesinyobo emfihlekweni* sehlisa umsindo okrakra.
15 Kuyalivuyisa ilungisa ukwenza ubulungisa,+Kodwa kuyinto embi kubenzi-bubi.
16 Umntu oyishiyayo indlela yengqiqoUza kuphelela phakathi kwabo bafileyo, bengenamandla.+
17 Othanda ubumnandi uza kubhuqwa yindlala;+Othanda iwayini neoli akazukuba sisityebi.
18 Ilungisa lihlawulelwa ngomenzi-bubi,Ibe kuza kuthathwa umntu onamaqhinga endaweni yelungisa.+
19 Kungcono ukuhlala entlangoKunokuhlala nomfazi othanda ingxabano* nochuku.+
20 Kukho ubutyebi obuxabisekileyo neoli endlini yesilumko,+Kodwa umntu osisidenge ubhuqa* kwanto anayo.+
21 Umntu oleqa ubulungisa nothando olungagungqiyoUza kufumana ubomi, ubulungisa nozuko.+
22 Isilumko singasoyisa isixeko* samadoda anamandla,Siwajongele phantsi amandla athembele ngawo.+
23 Owugadayo umlomo nolwimi lwakheUzikhusela engxakini.+
24 Umntu ongugqada-mbekweni, nokhukhumele likratshiUyindoda esisityhuthu-tyhuthu nezigqatsayo.+
25 Ivila linqwenela izinto ezilikhokelela ekufeni,Kuba izandla zalo azifuni kusebenza.+
26 Lithi lihleli nje libe libawa imini le yonke,Kodwa ilungisa liyapha, alivimbi.+
27 Umbingelelo womenzi-bubi uyenyanyeka.+Kobekisela phi ke xa ewunikela eneenjongo ezimbi!*
28 Ingqina elixokayo liza kutshabalala,+Kodwa umntu omamelayo uza kuphumelela xa enikela ubungqina.*
29 Umntu ongalunganga uzenza onesibindi,+Kodwa olungileyo uneendlela ezinokuthenjwa.+
30 Akukho bulumko, kungekho kuqonda nacebo lilungayo xa lichasene noYehova.+
31 Ihashe liqeqeshelwa imini yedabi,+Kodwa nguYehova osindisayo.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “iinjongo.”
^ Okanye “alungelwe.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “kwabo bazingela ukufa.”
^ Okanye “ohlala ekhalaza.”
^ Okanye “siyazi ukuba masenzeni.”
^ Ngokoqobo, “Nesinyobo esifubeni.”
^ Okanye “ohlala ekhalaza.”
^ Ngokoqobo, “ubimbiliza.”
^ Okanye “singenyuka size singene kwisixeko.”
^ Okanye “esenza nezinto eziziintloni!”
^ Ngokoqobo, “uza kuthetha ngonaphakade.”