IMizekeliso 23:1-35

  • Zibambe xa usenzelwa ububele (2)

  • Sukuleqa ubutyebi (4)

  • Ubutyebi bunokubhabha bukushiye (5)

  • Sukuba phakathi kwabantu abasela kakhulu (20)

  • Utywala buza kukuluma njengenyoka (32)

23  Xa uhlala phantsi ukuze utye nokumkani,Yiqwalasele into ephambi kwakho;   Zibeke imela emqaleni*Ukuba uyarhala.   Sukurhalela izimuncu-muncu zakhe,Kuba zikukutya okunenkqatho.   Sukubulalekela ukufumana ubutyebi.+ Khawuyiyeke loo nto, usebenzise ingqondo.*   Uza kuthi xa ukrwaqula, bube bungasekho,+Kuba buza kumila amaphiko njengokhozi, bubhabhe buye esibhakabhakeni.+   Sukutya ukutya komntu oligqolo;*Ungazirhaleli nezimuncu-muncu zakhe,   Kuba ehleli nje uyakubalela. Uthi kuwe, “Yitya nje wena usele,” kodwa abe engathethi loo nto.*   Uza kugabha naloo nto incinci ubuyityile,Ube udlale ngezincomo zakho.   Sukuthetha ezindlebeni zesidenge,+Kuba siza kuwenyanya amazwi akho anengqondo.+ 10  Sukuwususa umda owabekwa kudala,+Okanye woxuthe intsimi yabantwana abangenatata. 11  Kuba uMkhuseli* wabo unamandla;Uza kubalwela.+ 12  Zimisele entliziyweni yakho ukwamkela ingqeqeshoNendlebe yakho yinikele kumazwi olwazi. 13  Sukungayiqeqeshi inkwenkwe.*+ Ukuba uyibetha ngentonga, ayizukufa. 14  Ufanele uyibethe ngentonga,Ukuze uyisindise engcwabeni.* 15  Nyana wam, ukuba intliziyo yakho iyalumka,Neyam intliziyo iza kuvuya.+ 16  Ndiza konwaba ngokusuka emazantsi entliziyo yam*Xa imilebe yakho ithetha izinto ezilungileyo. 17  Ungayivumeli intliziyo yakho imonele aboni,+Kodwa hlala usoyika uYehova ngalo lonke ixesha.+ 18  Xa usenza loo nto, uza kuba nekamva elihle,+Ibe ithemba lakho alizukunqunyulwa. 19  Mamela nyana wam, ube sisilumko,Uze ukhokelele intliziyo yakho endleleni efanelekileyo. 20  Sukuba phakathi kwabantu abasela kakhulu,+Phakathi kwabanyolukele inyama,+ 21  Kuba inxila nedla-kudla baza kuba ngamahlwempu,+Umntu othanda ubuthongo uza kunxiba amadlavu. 22  Mamela utata wakho okuzeleyo,Ungamdeleli umama wakho kuba nje emdala.+ 23  Thenga* inyaniso, ungaze uthengise ngayo,+Nobulumko, ingqeqesho nokuqonda.+ 24  Utata welungisa uza kuvuya ngokuqinisekileyo;Nabani na ozala isilumko uza konwaba. 25  Utata wakho nomama wakho baza konwaba,Nalowo ukuzeleyo uza kuvuya. 26  Nyana wam, ndinike intliziyo yakho,Namehlo akho mawazithande iindlela zam.+ 27  Kuba umfazi othengisa ngomzimba ngumngxuma onzulu,Nomfazi ongakwazi kuziphatha* liqula elimxinwa.+ 28  Ulalela oku kotsotsi;+Wandisa inani lamadoda angathembekanga. 29  Ngubani osezintlungwini? Ngubani ongakhululekanga? Ngubani onoqhushululu? Ngubani onezikhalazo? Ngubani onamanxeba ngaphandle kwesizathu? Ingubani onamehlo anorhatyazo? 30  Ngabo bathi behleli nje babe besela iwayini,+Ufike bekhangela* iwayini exutyiweyo. 31  Sukube ubukana nobubomvu bayo,Xa ibengezela endebeni, isehla kamnandi emqaleni, 32  Kuba ekugqibeleni iluma okwenyoka,Ize ikhuphe ityhefu okwerhamba. 33  Amehlo akho aza kubona izinto ezingaqhelekanga,Nentliziyo yakho iza kuthetha izinto ezijijekileyo.+ 34  Ibe uza kuba njengomntu olele phakathi elwandle,Njengolele kwindawo ebamba iseyile yenqanawa. 35  Uza kuthi: “Bandibethile, kodwa andivanga ntlungu. Bandinkalile, kodwa andiyikhumbuli loo nto. Ndiza kuvuka nini?+ Ndifuna ukuphinda ndisele.”*

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Zinqande.”
Okanye kusenokwenzeka, “Kuyeke okwakho ukuqonda.”
Okanye “komntu onelihlo elibi.”
Ngokoqobo, “ibe intliziyo yakhe ingekho kuwe.”
Ngokoqobo, “uMkhululi.”
Okanye “Mqeqeshe umntwana; Mqeqeshe umntu osemtsha.”
Ngokoqobo, “ngokusuka kwizintso zam.”
Okanye “Fumana.”
Ngokoqobo, “wasemzini.” Funda iMi 2:16.
Okanye “beqokelelana ukuze bangcamle.”
Okanye “Ndiza kuphinda ndifune enye iwayini.”