IMizekeliso 4:1-27

  • Icebiso lobulumko likatata (1-27)

    • Funa ubulumko ngaphezu kwayo yonke into (7)

    • Ziphephe iindlela zobubi (14, 15)

    • Indlela yamalungisa iya ikhanya (18)

    • “Khusela intliziyo yakho” (23)

4  Yimameleni bonyana, ingqeqesho katata wenu;+Mamelani kakuhle ukuze nicacelwe,   Kuba ndiza kunifundisa kakuhle;Sanukuyilahla imfundiso yam.*+   Ndandingunyana wokwenene kutata+Ndithandwa ngokukhethekileyo ngumama.+   Utata wayendifundisa esithi: “Kwanga intliziyo yakho ingawabamba nkqi amazwi am.+ Thobela imiyalelo yam uze uhlale uphila.+   Funa ubulumko, ufune nokuqonda.+ Uze ungazilibali, yaye ungasuki kwizinto endizithethayo.   Ungabulahli, buza kukukhusela. Buthande, buza kukugada.   Ubulumko yeyona nto ibalulekileyo,+ ngoko funa ubulumko,Ibe ngaphezu kwazo zonke ezinye izinto ozifunayo, funa ukuqonda.+   Buxabise kakhulu, buza kukuphakamisa.+ Buza kukuzukisa ngenxa yokuba ubamkela.+   Buza kukuthwalisa isithsaba esinomtsalane entloko,Bukuhombise ngesithsaba sobuhle.” 10  Ndimamele nyana wam, uwamkele amazwi am,Ibe uza kuphila iminyaka emininzi.+ 11  Ndiza kukufundisa indlela yobulumko,+Ndikukhokelele kwindlela yokulunga.+ 12  Xa uhamba, iinyawo zakho azizukuphazanyiswa,Naxa ubaleka, awuzukukhubeka. 13  Bambelela kwingqeqesho; ungayiyeki.+ Yigcine, kuba iya kukunika ubomi.+ 14  Sukungena endleleni yabantu abangalunganga,Ungahambi endleleni yabenzi-bubi.+ 15  Yiphephe, ungahambi ngayo;+Hambela kude kuyo.+ 16  Kuba abakwazi kulala bengenzanga nto imbi. Abuhli ubuthongo bengakhange benzakalise mntu. 17  Ububi sisonka abasityayo,Nenkohlakalo yiwayini abayiselayo. 18  Kodwa indlela yamalungisa ifana nokuthi qheke kokusaOkuya kukhanya ngokukhanya de kube semini.+ 19  Indlela yabenzi-bubi injengobumnyama;Naxa bekhubeka abayazi into abakhubeka kuyo. 20  Nyana wam, yimamelisise le nto ndiyithethayo;Wamamele kakuhle* amazwi am. 21  Mawangemki emehlweni akho;Wagcine emazantsi entliziyo yakho,+ 22  Kuba abubomi kwabo bawafumanayo+Nempilo emizimbeni yabo. 23  Ngaphezu kwazo zonke ezinye izinto ozikhuselayo, khusela intliziyo yakho,+Kuba iphuma kuyo imithombo yobomi. 24  Makungabikho buxoki emlonyeni wakho,+Mawabe kude kuwe amazwi axokayo. 25  Amehlo akho mawajonge ngqo phambili,Mawathi* ntsho phambi kwakho.+ 26  Yilungise* indlela yeenyawo zakho,+Yaye zonke iindlela zakho ziza kuqiniseka. 27  Sukuya ngasekunene okanye ngasekhohlo.+ Zisuse iinyawo zakho ebubini.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Sanukuwulahla umthetho wam.”
Ngokoqobo, “Wavulele iindlebe.”
Okanye “Amehlo akho aqaqambileyo mawathi.”
Okanye “Yicingisise.”