IMizekeliso 5:1-23

  • Kulumkiswa ngabafazi abaziphethe kakubi (1-14)

  • Yonwaba nomfazi wakho (15-23)

5  Nyana wam, buve ubulumko bam. Kumamelisise* ukuqonda kwam,+   Ukuze ukhusele amandla akho okucingaUze ugcine ulwazi emilebeni yakho.+   Kuba imilebe yomfazi oziphethe kakubi* imnandi njengobusi,+ Nomlomo wakhe uthambe ngaphezu kweoli.+   Kodwa ekugqibeleni ukrakra okomhlonyane+Futhi ubukhali okwekrele elibukhali macala.+   Iinyawo zakhe zikhokelela ekufeni. Ukunyathela kwakhe kusa ngqo engcwabeni.*   Akayikhathalelanga nganto indlela yobomi. Indlela yakhe ibhadulela esithubeni.   Bonyana bam, ndimameleniNize ningayinikeli mva le nto ndiyithethayo.   Hambela kude kuye,Ungasondeli nakumnyango wendlu yakhe,+   Ukuze singalahleki isidima sakho kwabanye,+Ungavuni neminyaka yentlungu;+ 10  Ukuze abasemzini bangabusengi ubutyebi bakho,*+Nezinto ozisebenzele nzima zingayi endlini yowasemzini. 11  Ukuba awenzi njalo, uza kuba sentlungwini ekupheleni kobomi bakhoXa inyama nomzimba wakho ziguga+ 12  Uze uthi wena: “Ndlela le bendikucaphukela ngayo ukuqeqeshwa! Ndlela le intliziyo yam ibisonyanya ngayo isohlwayo! 13  Andikhange ndibamamele abo bebendifundisaNdingakhange ndibahoye ootitshala bam. 14  Sele ndiza kuhlazeka ngokupheleleyoPhambi kwalo lonke ibandla.”+ 15  Sela amanzi kwelakho iqula,Namanzi aqukuqelayo* kowakho umthombo.+ 16  Kutheni le nto kufuneka amanzi akho achithakele ngaphandle,Imisinga yakho yamanzi kwiindawo zikawonke-wonke?+ 17  Mayibe yeyakho wedwa,Ingabi yeyakho nabantu basemzini.+ 18  Makusikeleleke owakho umthombo,Wonwabe nomfazi wobutsha bakho,+ 19  Ixhamakazi elinothando, ibhokhwe yasezintabeni entle kunene.+ Amabele akhe mawakwanelise* ngalo lonke ixesha. Uhlale uyotywa luthando lwakhe.+ 20  Ngoko ke nyana wam, kutheni umele uthabatheke ngumfazi ongakwazi kuziphatha,*Okanye usondeze isifuba somfazi oziphethe kakubi?*+ 21  Kuba uYehova uzijongile iindlela zomntu;Uhlolisisa zonke iindlela zakhe.+ 22  Umntu ongalunganga urhintyelwa zizono zakhe,Ibe uza kubotshwa ziintambo zesono sakhe.+ 23  Kuza kumbulala ukungafuni kwakhe ingqeqesho,Aphume endleleni ngenxa yokuqatsela kobudenge bakhe.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “Kuvulele indlebe.”
Ngokoqobo, “wasemzini.” Funda iMi 2:16.
Okanye “bangawasengi amandla akho.”
Okanye “aqabulayo.”
Okanye “mawakuyobe.”
Okanye “wasemzini.” Funda iMi 2:16.
Okanye “wasemzini.” Funda iMi 2:16.