IMizekeliso 9:1-18

  • Isimemo sobulumko bokwenene (1-12)

    • “Ngam uza kuphila imihla emininzi” (11)

  • Isimemo somfazi osisidenge (13-18)

    • “Amanzi abiweyo amnandi” (17)

9  Ubulumko bokwenene buyakhile indlu yabo;Buyenzele* iintsika ezisixhenxe.   Buyilungise ngokupheleleyo inyama;*Buxube iwayini;Badeka netafile.   Buthume izicakakazi zaboUkuba ziyokukhwaza kwiindawo eziphakamileyo zesixeko, zithi:+   “Nabani na ongenamava, makangene ngapha.” Buthi kulowo ungenangqondo:*   “Yizokutya isonka sam,Usele newayini endiyixubileyo.   Kushiye ukungabi namava kwakho* uze uphile;+Hamba endleleni yokuqonda.”+   Olungisa umntu osileyo uzizisela ihlazo,+Yaye nabani na okhalimela umenzi-bubi uza kwenzakala.   Sukumkhalimela umntu osileyo, kuba uza kukucaphukela.+ Khalimela umntu osisilumko, yena uza kukuthanda.+   Fundisa umntu osisilumko, uza kulumka ngakumbi.+ Fundisa ilungisa, ukuze longeze kwizinto elizaziyo. 10  Ubulumko buqala ngokoyika uYehova,+Ibe ukwazi Oyena Ungcwele+ kukuqonda. 11  Kuba ngam uza kuphila imihla emininzi,+Kongezelelwe iminyaka ebomini bakho. 12  Ukuba uba sisilumko, uza kuncedwa bubulumko bakho,Kodwa ukuba usile, uza kufumana imiphumo yokusa kwakho. 13  Umfazi osisidenge uyangxola.+ Usisiphukuphuku nje esingazi kwanto. 14  Uhlala kumnyango wendlu yakheEsitulweni kwiindawo eziphakamileyo zesixeko,+ 15  Aze akhwaze abo badlulayo,Abo bahamba ngendlela, esithi: 16  “Nabani na ongenamava, makangene ngapha.” Uthi kwabo bangenangqondo:*+ 17  “Amanzi abiweyo amnandi,Nokutya okutyelwa emfihlekweni kumnandi.”+ 18  Kodwa abazi ukuba kukho abantu abafileyo apho,Ukuba iindwendwe zakhe zisenzulwini yengcwaba.*+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Buyiqingqele.”
Ngokoqobo, “Buxhelile.”
Ngokoqobo, “uswele intliziyo.”
Okanye “Bashiye abangenamava.”
Ngokoqobo, “baswele intliziyo.”