IiNdumiso 1:1-6
1 Wonwabile umntu ongahambiyo ngecebiso labenzi-bubiNongemiyo endleleni yaboni+Nongahlaliyo esihlalweni sabathetha ukusa.+
2 Kodwa othanda umthetho kaYehova,+Nofunda umthetho wakhe ngelizwi eliphantsi* imini nobusuku.+
3 Uza kuba njengomthi otyalwe ngakwimisinga yamanzi,Umthi ovelisa isiqhamo ngexesha laso,Onamagqabi angabuniyo.
Yaye yonke into ayenzayo iza kuphumelela.+
4 Abakho njalo ke bona abenzi-bubi;Banjengomququ ophetshethwa ngumoya.
5 Yiloo nto abenzi-bubi bengazukusinda xa kugwetywa;+Naboni bengazukuma kwibandla lamalungisa.+
6 Kuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa,+Kodwa indlela yabenzi-bubi iza kutshabalala.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Nowetyisa umthetho wakhe.”