IiNdumiso 107:1-43

  • Bulelani kuThixo ngenxa yemisebenzi yakhe emangalisayo

    • Wabahambisa kwindlela efanelekileyo (7)

    • Wanelisa abanxaniweyo nabalambileyo (9)

    • Wabakhupha ebumnyameni (14)

    • Wayethumela ilizwi lakhe aze abaphilise (20)

    • Uyawakhusela amahlwempu kwinkxwaleko (41)

107  Bulelani kuYehova, kuba ulungile;+Uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.+   Mabathethe loo mazwi abo basindiswe* nguYehova,Abo abasindise esandleni sotshaba,*+   Awabaqokelela ebathatha emazweni,+Empumalanga nasentshonalanga,Emntla nasemzantsi.+   Babhadula entlango, enkqantosini,Abafumana ndlela iya kwisixeko ababenokuhlala kuso.   Babelambile yaye benxaniwe;Babetyhafile* ngenxa yokudinwa.   Babehlala bekhala kuYehova besentlungwini;+Wabasindisa kwiingxaki zabo.+   Wabahambisa kwindlela efanelekileyo,+Ukuze bafike kwisixeko ababenokuhlala kuso.+   Abantu mabambulele uYehova+ ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyoNangenxa yemisebenzi emangalisayo ayenzela oonyana babantu.+   Kuba ubanelisile abo banxaniweyoWaza abo balambileyo wabahluthisa* ngezinto ezilungileyo.+ 10  Abanye babefathula entsunguzini yobumnyama,Bengamabanjwa entlungu yaye bebotshelelwe ngeentsimbi. 11  Kuba bawavukela amazwi kaThixo,Bawadelela amacebiso Oyena Uphakamileyo.+ 12  Ngoko wabayekela ebunzimeni ukuze zithobeke iintliziyo zabo;+Bakhubeka, akwabakho mntu ubancedayo. 13  Bakhala kuYehova bemcela ukuba abancede kwiingxaki zabo;Wabasindisa kwiingxaki zabo. 14  Wabakhupha kwintsunguzi yobumnyama,Waqhawula namakhamandela abo.+ 15  Abantu mabambulele uYehova ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyo+Nangenxa yemisebenzi emangalisayo ayenzela oonyana babantu. 16  Kuba uzaphule iingcango zekopolo,Wayinqumla nemivalo yentsimbi.+ 17  Baba zizidenge baza bangena engxakini+Ngenxa yeziphoso zabo nezono zabo.+ 18  Baphelelwa ngumdla wokutya* nantoni na;Baya besondela emasangweni okufa. 19  Babekhala kuYehova bemcela ukuba abancede kwiingxaki zabo;Wabasindisa kwiingxaki zabo. 20  Wayethumela ilizwi lakhe aze abaphilise,+Abasindise emingxunyeni ababetshone kuyo. 21  Abantu mabambulele uYehova ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyoNangenxa yemisebenzi emangalisayo ayenzela oonyana babantu. 22  Mabanikele imibingelelo yokubulela+Baze babhengeze izinto azenzileyo bevuya. 23  Abo bahamba elwandle ngeenqanawa,Beshishina embindini wolwandle,+ 24  Bayibonile imisebenzi kaYehovaNemisebenzi yakhe emangalisayo enzulwini yolwandle;+ 25  Indlela ovuthuza ngayo umoya wakuva ilizwi lakhe,+Unyusa amaza olwandle. 26  Bayenyuka baye esibhakabhakeni,Behle baye emazantsi. Kuphela isibindi* kubo ngenxa yentlekele ezayo. 27  Bayahexa, bagxadazele okomntu onxilileyo,Abubancedi nganto nobo buchule babo.+ 28  Emva koko bakhala kuYehova besentlungwini,+Aze abasindise kwiingxaki zabo. 29  Uzolisa isaqhwithi somoya,Aze amaza olwandle athi cwaka.+ 30  Bayavuya xa ezola,Aze uThixo abakhokelele kwizibuko abafuna ukuya kulo. 31  Abantu mabambulele uYehova ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyoNangenxa yemisebenzi emangalisayo ayenzela oonyana babantu.+ 32  Mabamzukise ebandleni labantu;+Mabamdumise kwintlanganiso yabadala.* 33  Ujika imilambo ibe yintlango,Imithombo yamanzi ibe ngumhlaba owomileyo,+ 34  Nelizwe elineziqhamo libe lelomileyo,+Ngenxa yezinto ezimbi ezenziwa ngabo bahlala kulo. 35  Ujika intlango ibe ngamachibi amanzi aneengcongolo,Nelizwe elomileyo libe yimithombo yamanzi.+ 36  Ubahlalisa apho abo balambileyo,+Ukuze bakhe isixeko abaza kuhlala kuso.+ 37  Batyala amasimi baze batyale imithi yeediliya+Evelisa iziqhamo ezihle.+ 38  Uyabasikelela baze babe baninzi;Akazivumeli zibe mbalwa iinkomo zabo.+ 39  Kodwa liphinda lehle inani labo baze bahlazekeNgenxa yokucinezelwa, nokwehlelwa ziintlekele neentlungu. 40  Uyazihlaza izikhulu,Azibhadulise enyanyeni, apho kungekho ndlela.+ 41  Kodwa uyawakhusela* amahlwempu entlungwini+Aze azandise iintsapho zawo zibe ngangomhlambi. 42  Amalungisa ayayibona le nto aze avuye;+Kodwa bonke abantu abangalunganga batya tyum.+ 43  Nabani na osisilumko uza kuziqaphela ezi zinto+Aze acingisise ngezinto ezenziwe nguYehova kuba enothando olungagungqiyo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “bahlawulelwe.”
Okanye “emandleni otshaba.”
Okanye “Umphefumlo wabo wawutyhafile.”
Okanye “wahluthisa imiphefumlo yabalambileyo.”
Okanye “Umphefumlo wabo wenyanya ukutya.”
Okanye “umphefumlo.”
Ngokoqobo, “kwisihlalo sabadala.”
Okanye “uyawaphakamisa,” oko kukuthi, uwenza angafikeleleki.