IiNdumiso 127:1-5
Ingoma Yokunyuka. EkaSolomon.
127 Ukuba ayakhiwa nguYehova indlu,Kulilize ukusebenza nzima kwabakhi bayo.+
Ukuba isixeko asigadwanga nguYehova,+Kulilize ukungalali koonogada.
2 Kulilize ukuvuka kwenu ngonyezi,Ukusebenza de kube sebusuku,Ukubulalekela ukutya,Kuba uyabahoya abantu abathandayo, abaphe nobuthongo.+
3 Jonga! Oonyana* balilifa elivela kuYehova;+Isiqhamo sesibeleko singumvuzo.+
4 Oonyana bobutsha,Banjengeentolo esandleni sekroti.+
5 Yonwabile indoda egcwalisa ingxowa yayo ngabo.+
Abazukuhlaziswa,Kuba baza kuthetha neentshaba esangweni lesixeko.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Abantwana.”