IiNdumiso 130:1-8

  • “Ndikubiza ndibindekile”

    • “Ukuba ubugadene neziphoso” (3)

    • UYehova uxolela ngokwenene (4)

    • “Ndilindele kuYehova” (6)

Ingoma Yokunyuka. 130  Ndikubiza ndibindekile Yehova.+   Owu Yehova, ndicela ulive ilizwi lam. Akwaba iindlebe zakho zingakumamela ukucela kwam uncedo.   Ukuba ubugadene neziphoso* wena Ya,*Ngubani ke Yehova obenokuxolelwa?+   Kuba wena uxolela kakhulu,+Ukuze abantu bamangaliswe nguwe.*+   Ndithembele ngoYehova, ndithembele* ngaye ngokupheleleyo,Ndilindele kwizithembiso zakhe.   Ndilindele* kuYehova+Ngaphezu koonogada belinde ukuba kude kuse.+   USirayeli makaqhubeke elindele kuYehova,Kuba uthando lukaYehova alugungqi,+Ibe unamandla okukhulula ngokupheleleyo.   Uza kumkhulula uSirayeli kuzo zonke iziphoso zakhe.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ububala iziphoso.”
“UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.
Ngokoqobo, “bakoyike.”
Okanye “umphefumlo wam uthembele.”
Okanye “Umphefumlo wam ulindele.”