IiNdumiso 20:1-9
-
Ukumkani okhethwe nguThixo uyakhuselwa
-
Abanye bathembele ngeenqwelo namahashe, “kodwa thina sithandaza egameni likaYehova” (7)
-
Kumalathisi. Ingoma emnandi kaDavide.
20 Kwanga uYehova angakuphendula xa usentlungwini.
Kwanga igama loThixo kaYakobi lingakukhusela.+
2 Kwanga angakuthumelela uncedo luvela kwindawo engcwele+
Aze akuxhase eseZiyon.+
3 Kwanga angayikhumbula yonke iminikelo yakho esisipho;Kwanga angayamkela* iminikelo yakho etshiswayo. (Selah)
4 Kwanga angakunika loo nto ifunwa yintliziyo yakho,+Awenze aphumelele onke amacebo akho.
5 Siza kukhwaza ngovuyo ngenxa yosindiso lwakho;+Siza kuphakamisa iiflegi zethu egameni loThixo wethu.+
Kwanga uYehova angazenza zonke izinto ozicelayo.
6 Ngoku ndiyazi ukuba uYehova uyamsindisa othanjisiweyo wakhe.+
Umphendula ekumazulu akhe angcwele,Amsindise* ngesandla sakhe sasekunene esomeleleyo.+
7 Abanye bathembele ngeenqwelo, abanye ngamahashe,+Kodwa thina sithandaza egameni likaYehova uThixo wethu.+
8 Baye bawa bhuma phantsi,Kodwa thina siye saphakama sema nkqo.+
9 Owu yhini Yehova, msindise ukumkani!+
Uza kusiphendula ngemini esicela ngayo uncedo.+