IiNdumiso 22:1-31
Kumalathisi; mayidlalwe “ngeXhamakazi Lasekuseni.”* Ingoma emnandi kaDavide.
22 Thixo wam, Thixo wam, undishiyele ntoni na?+
Kutheni ukude ekundisindiseni,Ukude kwisandi sokugcuma kwam?+
2 Owu Thixo wam, ndihlala ndikubiza emini, ungaphenduli;+Nasebusuku andikwazi kuthula.
3 Kodwa ungcwele,+Ungqongwe ziindumiso* zikaSirayeli.
4 Ookhokho bethu babethembele kuwe;+Babekuthemba, ibe wena wawuhlala ubasindisa.+
5 Bakukhalela, baza basindiswa;Bathembela kuwe, ibe abazange badane.*+
6 Kodwa mna ndingumbungu, andingomntu,Ndigezelwa ngamadoda* ibe ndideliwe ngabantu.+
7 Bonke abo bandibonayo bahlekisa ngam;+Bayandinyevulela baze banikine intloko besithi:+
8 “Uzinikele kuYehova. Makamsindise ke!
Makamsindise kaloku xa emthanda!”+
9 Nguwe owandikhuphayo esibelekweni,+Owandenza ndaziva ndikhuselekile xa ndandisemabeleni kamama.
10 Bendihoywe nguwe* ukususela ekuzalweni kwam;UbunguThixo wam ukususela esibelekweni sikamama.
11 Sukuba kude nam, kuba inkathazo ikufutshane,+Ibe andinaye omnye umncedi.+
12 Ndingqongwe yinqwaba yeenkunzi zamathole eenkomo;+Iinkunzi zeenkomo zakwaBhashan zindijikelezile.+
13 Zindivulele imilomo yazo,+Njengengonyama egqumayo eqwenga ixhoba layo.+
14 Ndichithwe njengamanzi;Onke amathambo am ahlukanisiwe.
Intliziyo yam ifana namafutha;+Inyibilika ngaphakathi kum.+
15 Amandla am omile njengeceba lengqayi,+Nolwimi lwam luthe nca enkalakahleni;+Wena undihlisela eluthulini lokufa.+
16 Kuba ndingqongwe zizinja;+Zindivingcele okwegquba labenzi-bubi,+Zindiluma ezandleni nasezinyaweni okwengonyama.+
17 Ndingawabala onke amathambo am.+
Zona iintshaba zam zindijamele.
18 Zahlulelana ngezambatho zam,Zenza amaqashiso ngeempahla zam.+
19 Kodwa wena, Yehova, sukuhlala ukude kum.+
Wena ungamandla am; khawuleza uze kundinceda.+
20 Ndisindise kwikrele,Busindise ubomi bam obuxabisekileyo* kumathupha ezinja;*+
21 Ndisindise emlonyeni wengonyama+ nakwiimpondo zenkunzi yenkomo yasendle;Ndiphendule uze undisindise.
22 Ndiza kubaxelela abantakwethu ngegama lakho;+Ndiza kukudumisa ebandleni.+
23 Nina boyika uYehova, mdumiseni!
Nonke nina nzala* kaYakobi, mzukiseni!+
Moyikeni, nonke nina nzala* kaSirayeli.
24 Kuba akakhange amdelele ocinezelweyo okanye amenyanye xa esentlungwini;+Akakhange abufihle ubuso bakhe kuye.+
Xa wakhalela uncedo kuye, wamva.+
25 Ndiza kukudumisa ebandleni elikhulu;+Ndiza kuzenza izinto endizifungileyo phambi kwabo bamoyikayo.
26 Abalulamileyo baza kutya banele;+Abo bamkhangelayo uYehova baza kumdumisa.+
Kwanga ungaphila ubomi obumnandi* ngonaphakade.
27 Zonke iindawo ezikude zomhlaba ziza kumkhumbula uYehova, zize kuye.
Zonke iintsapho zeentlanga ziza kuqubuda phambi kwakho.+
28 Kuba ubukumkani bobukaYehova;+Nguye olawula iintlanga.
29 Zonke izityebi* zomhlaba ziza kutya zize ziqubude;Bonke abo behlela eluthulini baza kuqubuda phambi kwakhe;Akukho namnye kubo onokusindisa ubomi bakhe.
30 Inzala* yabo iza kumkhonza;Isizukulwana esizayo siza kuxelelwa ngoYehova.
31 Baza kuza, bathethe ngobulungisa bakhe.
Baza kuxelela abantu abaseza kuzalwa ngezinto azenzileyo.
Umbhalo osemazantsi
^ Kusenokwenzeka ukuba sisandi esithile somculo.
^ Okanye “Itrone yakho iphakathi kweendumiso.”
^ Okanye “bahlazeke.”
^ Okanye “Ndiyintlekisa kumadoda.”
^ Ngokoqobo, “Bendiphoswe kuwe.”
^ Ngokoqobo, “obukuphela kwabo.”
^ Ngokoqobo, “esandleni sezinja.”
^ Ngokoqobo, “mbewu.”
^ Ngokoqobo, “mbewu.”
^ Ngokoqobo, “Kwanga intliziyo yakho ingaphila.”
^ Ngokoqobo, “Bonke abatyebileyo.”
^ Ngokoqobo, “Imbewu.”