IiNdumiso 29:1-11

  • Ilizwi likaYehova elikhulu

    • Ukukhonza uThixo ngeempahla ezingcwele (2)

    • “UThixo ozukileyo utsho kududume” (3)

    • UYehova ubanika amandla abantu bakhe (11)

Ingoma emnandi kaDavide. 29  Mzukiseni uYehova, nina bonyana bamakroti,Mzukiseni uYehova ngenxa yozuko namandla akhe.+   Mnikeni uYehova uzuko olufanele igama lakhe. Qubudani kuYehova* ninxibe iimpahla zenu ezingcwele.*   Ilizwi likaYehova livakala phezu kwamanzi;UThixo ozukileyo utsho kududume.+ UYehova uphezu kwamanzi amaninzi.+   Ilizwi likaYehova linamandla;+Ilizwi likaYehova liyamangalisa.   Ilizwi likaYehova laphula imithi yomsedare;UYehova ude aphule imithi yomsedare yaseLebhanon.+   Uyenza iLebhanon* ixhuma-xhume njengethole,NeSiriyon+ ixhuma-xhume okwethole lenkunzi yenkomo yasendle.   Ilizwi likaYehova litshabalalisa ngamadangatye omlilo;+   Ilizwi likaYehova liyitsho ityhwatyhwe intlango;+UYehova uyenza ityhwatyhwe intlango yaseKadeshe.+   Ilizwi likaYehova lingcangcazelisa ixhamakazi litsho lizale,Liwahlube abe ze amahlathi.+ Bonke etempileni yakhe bathi: “Luzuko!” 10  UYehova uyibeke phezu kwezikhukula zamanzi*+ itrone yakhe;UYehova nguKumkani ohleli etroneni ngonaphakade.+ 11  UYehova uza kubanika amandla abantu bakhe.+ UYehova uza kubasikelela ngoxolo abantu bakhe.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Khonzani uYehova.”
Okanye kusenokwenzeka, “ngenxa yobukhulu bobungcwele bakhe.”
Kubonakala ukuba, le yimimandla yeentaba zaseLebhanon.
Okanye “kolwandlekazi lwasezulwini.”