IiNdumiso 5:1-12
Kumalathisi weNehiloti.* Ingoma emnandi kaDavide.
5 Wamamele amazwi am, yhini Yehova;+Kuhoye ukuncwina kwam.
2 Kuhoye ukukhalela kwam uncedo,Yhini Kumkani wam noThixo wam, kuba ndithandaza kuwe.
3 Owu Yehova, uza kuliva kwakusasa ilizwi lam;+Ndiza kukuchazela kwakusasa into endikhathazayo,+ ndize ndilindele kuwe.
4 Kuba awungoThixo ovuyiswayo bububi;+Akukho namnye umenzi-bubi onokuhlala nawe.+
5 Akukho mntu unekratshi unokuma phambi kwakho.
Uyabacaphukela bonke abenza izinto ezimbi;+
6 Uza kubatshabalalisa abathetha ubuxoki.+
UYehova uyabenyanya abantu abaziindlobongela nabaxokayo.*+
7 Kodwa mna ndiza kungena endlini yakho+ ngenxa yothando lwakho olungagungqiyo;+Ndiza kuqubuda ngentlonipho ndijongise ngakwitempile yakho engcwele.*+
8 Ndikhokele, yhini Yehova, ngobulungisa bakho, undikhusele kwiintshaba zam;Yivule indlela yakho phambi kwam.+
9 Kuba andithembi nantoni na ephuma emlonyeni wazo;Zinolunya; umqala wazo ulingcwaba elivulekileyo;Ziyaqhatha ngolwimi lwazo.*+
10 Kodwa uThixo uza kuzibeka ityala;Ziza kuwiswa ngamacebo azo.+
Kwanga zingagxothwa ngenxa yezono zazo ezininzi,Kuba zijikele wena.
11 Kodwa bonke abo bathembele ngawe baza kuvuya;+Baza kutsho ngentswahla yovuyo.
Uza kuthintela nantoni na esondela kubo,Yaye baza kuvuya abo bathanda igama lakho.
12 Kuba uza kuwasikelela amalungisa, Yehova;Uza kuwarhangqa ngothando ngathi akhuselwe ngekhaka elikhulu.+
Umbhalo osemazantsi
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “uyamenyanya umntu ochitha igazi noxokayo.”
^ Okanye “ngakwindawo yakho engcwele.”
^ Okanye “Ziqhatha ngobuciko.”