IiNdumiso 55:1-23

  • Umthandazo waxa ujikelwe ngumhlobo

    • Ukunxwalwa ngumhlobo (12-14)

    • “Wuphosele kuYehova umthwalo wakho” (22)

Kumalathisi; mayidlalwe ngemirhubhe. IMaskili.* EkaDavide. 55  Owu Thixo, wumamele umthandazo wam,+Sukundifulathela xa ndikucela ukuba undenzele inceba.*+   Ndimamele uze undiphendule.+ Andizinzanga ngenxa yeenkathazo,+Yaye ndibindekile   Ngenxa yezinto ezithethwa lutshaba lwamNokucinezelwa ngumenzi-bubi. Kuba bafumba inkxwaleko phezu kwam,Yaye ngomsindo bandifukamela inzondo.+   Intliziyo yam ibuhlungu ngeyona ndlela,+Yaye ndiyangcungcutheka ngenxa yokoyika ukufa.+   Nditsho ndangcangcazela kukoyika,Nokunkwantya kuyandirhwaqelisa.   Ndihlala ndisithi: “Akwaba bendinamaphiko njengehobe! Bendiza kubhabha ndiye endaweni ekhuselekileyo.   Jonga! Bendiza kuntinga ndiye kwindawo ekude,+ Ndiye kuhlala entlango.+ (Selah)   Bendiza kubaleka ndiye kwindawo ekhuselekileyo,Kude nesivuthuvuthu somoya, nesaqhwithi esibhudlayo.”   Owu yhini Yehova, benze babhideke, liphanzise icebo labo,*+Kuba ndibone ubundlobongela neengxwabangxwaba esixekweni. 10  Imini nobusuku bajikeleza iindonga zaso;Kugcwele nje ukunyemba nenkathazo kuso.+ 11  Sigcwele intlekele;Kwindawo yaso kawonke-wonke abantu bahlala becinezelwa yaye beqhathwa.+ 12  Kaloku, ayilotshaba olundinxwalayo;+Kuba lona bendinokulunyamezela. Ayilotshaba olundijikeleyo;Kuba lona bendinokuluzimela. 13  Kodwa nguwe, umntu ofana nam,*+Umhlobo wam endimazi kakuhle.+ 14  Sasikade singabahlobo abasenyongweni;Sasikade sihamba sonke siligquba ukuya endlini kaThixo. 15  Kwanga iintshaba zam zingatshabalala!+ Mazingene engcwabeni* ziphila;Kuba zisoloko ziceba ukwenza izinto ezimbi. 16  Mna ke, ndiza kukhalela kuThixo,Yaye uYehova uza kundisindisa.+ 17  Ngokuhlwa, kusasa nasemini ndibhuqwa ziintlungu,*+Ibe uyaliva ilizwi lam.+ 18  Uza kundisindisa* aze andiphumze kwabo balwa nam,Kuba baninzi abo bandihlaselayo.+ 19  UThixo uza kuva aze abaphendule,+Lowo wayehleli etroneni ukususela kudala.+ (Selah) Abazukufuna ukuguquka,Abo bangakhange bamoyike uThixo.+ 20  Usuke* wahlasela abo bebeseluxolweni naye;+Wasaphula isivumelwano asenzileyo.+ 21  Amazwi aphuma emlonyeni wakhe atyibilika ngaphezu kwebhotolo,+Kodwa intliziyo yakhe igcwele ingxabano. Amazwi akhe athambe ngaphezu kweoli,Kodwa angamakrele arholiweyo.+ 22  Wuphosele kuYehova umthwalo wakho,+Yena uza kukuxhasa.+ Soze avumele ilungisa liwe.*+ 23  Kodwa wena Thixo, uza kubehlisela kowona mngxuma usezantsi.+ Abantu abanetyala legazi nabaqhathayo baza kufa besebatsha.+ Kodwa mna, ndiza kuthembela kuwe.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Sukuzifihla xa ndithandazela uncedo.”
Ngokoqobo, “ludube ulwimi lwabo.”
Okanye “okwizinga lam.”
Okanye “andizinzanga.”
Ngokoqobo, “kundihlawulela.”
Oko kukuthi, lowo ebekade engumhlobo wakhe okwivesi 13 no-14.
Okanye “ligxadazele; lihambe nzima.”