IiNdumiso 67:1-7
Kumalathisi; mayidlalwe ngemirhubhe. Ingoma emnandi. Ingoma.
67 UThixo uza kusenzela ububele, asisikelele;Uza kusincumela+ (Selah)
2 Ukuze indlela yakho yaziwe emhlabeni,+Usindiso lwakho lwaziwe ziintlanga.+
3 Mazikudumise izizwana Thixo;Mazikudumise zonke izizwana.
4 Mazivuye iintlanga, zikhwaze zonwabile,+Kuba uza kuzigweba kakuhle izizwana;+
Uza kuzikhokela iintlanga zasemhlabeni. (Selah)
5 Mazikudumise izizwana Thixo;Mazikudumise zonke izizwana.
6 Umhlaba uza kuvelisa isiqhamo sawo;+UThixo, uThixo wethu, uza kusisikelela.+
7 UThixo uza kusisikelela,Ibe ezona ndawo zikude zomhlaba ziza kumoyika.*+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ziza kumhlonipha.”