IiNdumiso 76:1-12
Kumalathisi; mayidlalwe ngemirhubhe. Ingoma emnandi ka-Asafu.+ Ingoma.
76 UThixo uyaziwa kwaYuda;+Likhulu igama lakhe kwaSirayeli.+
2 Indawo yakhe ekhuselekileyo iseSalem,+Nendawo yakhe yokuhlala iseZiyon.+
3 Wazaphulela apho iintolo zesaphetha ezivuthayo,Waphula ikhaka, ikrele nezixhobo zemfazwe.+ (Selah)
4 Uqaqambe kakhulu;Umkhulu ngaphezu kweentaba ekuzingelwa kuzo.
5 Amakroti aphangwa,+
Elele cum onke,Kungekho nto anokuyenza.+
6 Uthe nje wakukhalima wena Thixo kaYakobi,Walala yoyi umqhubi wenqwelo nehashe lakhe.+
7 Nguwe wedwa omangalisayo.+
Ngubani onokumelana nawe xa unomsindo?+
8 Wawisa isigwebo usezulwini;+Umhlaba woyika waza wee cwaka+
9 Xa uThixo waphakamayo ukuze awise isigwebo,Ukuze asindise bonke abalulamileyo basemhlabeni.+ (Selah)
10 Kuba umsindo wabantu uza kwenza udunyiswe;+Wena uza kuzihombisa nangoseleyo kumsindo wabo.
11 Fungani kuYehova uThixo wenu, nize nizenze izinto enizifungileyo.+Mabamphathele isipho besoyika bonke abamngqongileyo.+
12 Uza kulithoba ikratshi leenkokheli;*Ubenza bamoyike ookumkani bomhlaba.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “kuwuthoba umoya weenkokheli.”