IiNdumiso 79:1-13

  • Umthandazo waxa iintlanga zahlasela abantu bakaThixo

    • ‘Siye saba yinto yokunxwalwa’ (4)

    • ‘Sincede ngenxa yegama lakho’ (9)

    • “Babuyekeze kasixhenxe abamelwane bethu” (12)

Ingoma emnandi ka-Asafu.+ 79  Owu Thixo, iintlanga zilihlasele ilifa lakho;+Ziyingcolisile itempile yakho engcwele;+IYerusalem ziyenze imfumba yamabhodlo.+   Izidumbu zabakhonzi bakho zizinike iintaka zezulu ukuba zizitye,Inyama yabo bathembekileyo kuwe ziyinike amarhamncwa omhlaba.+   Igazi labo zilichithe okwamanzi kuyo yonke iYerusalemIbe akukho mntu ushiyekileyo wokubangcwaba.+   Siye saba yinto yokunxwalwa ngabamelwane bethu;+Abantu abasingqongileyo bayasigxeka besigezela.   Owu Yehova, uza kuba nomsindo de kube nini? Ngonaphakade?+ Kuza kude kube nini umsindo wakho uvutha njengomlilo?+   Khuphela umsindo wakho kwiintlanga ezingakwaziyo,Nakwizizwe ezingabiziyo egameni lakho.+   Kuba zimdle zamgqiba uYakobi,Zalitshabalalisa ilizwe lakhe.+   Sukusiphendulisa ngezono zookhokho bethu.+ Khawuleza usibonise inceba yakho,+Kuba singamahlwempu.   Sincede Thixo wosindiso lwethu,+Ngenxa yegama lakho elizukileyo;Sisindise uze uzixolele* izono zethu ngenxa yegama lakho.+ 10  Kutheni zimele zithi iintlanga: “Uphi na uThixo wabo?”+ Mazaziswe phambi kwamehlo ethu iintlangaUkuba ukuchithwa kwegazi labakhonzi bakho kuphindezelwe.+ 11  Kwanga ungakuva ukugcuma kwebanjwa.+ Basindise* ngamandla akho* abo bagwetyelwe ukufa.+ 12  Babuyekeze kasixhenxe abamelwane bethu+Ngenxa yendlela abakunxwale ngayo, Yehova.+ 13  Thina bantu bakho nomhlambi wedlelo lakho,+Siza kukubulela ngonaphakade;Siza kukudumisa kwizizukulwana ngezizukulwana.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “uzogqume.”
Okanye kusenokwenzeka, “Bakhulule.”
Ngokoqobo, “ngengalo yakho.”