IiNdumiso 83:1-18
Ingoma. Ingoma emnandi ka-Asafu.+
83 Owu Thixo, sukuthula;+Sukuthi cwaka, ungathethi, yhini Thixo.
2 Kuba jonga! nazo zingxola iintshaba zakho;+Abo bakucaphukelayo bayakuphakamela.*
3 Babacingela amaqhinga abantu bakho;Babenzela amayelenqe abo ubathandayo.*
4 Bathi: “Yizani silucime igama olu hlanga,+Ukuze igama likaSirayeli lingaze likhunjulwe.”
5 Bamanyene ngeqhinga;*Badibene* ngawe.+
6 Kudibene iintente zikaEdom namaIshmayeli, uMowabhi+ namaHagri,+
7 UGebhali noAmoni+ noAmaleki,ElamaFilisti+ kunye nabemi baseTire.+
8 NeAsiriya+ ikwelo;Ixhasa oonyana* bakaLote.+ (Selah)
9 Khawubenze laa nto wayenza kwiMidiyan,+Leyo wayenza kuSisera noYabhin kumfula waseKishon.+
10 Batshatyalaliselwa e-Endore+Bangumgquba womhlaba.
11 Yenza izikhulu zabo zibe njengo-Orebhi noZehebhe,+Neenkosana* zabo zibe njengoZebha noTsalmuna,+
12 Kuba bathe: “Makhe sizithathele laa mhlaba uThixo ahlala kuwo.”
13 Owu Thixo wam, benze babe njengesivuthu-vuthu sameva,+Njengeendiza eziphetshethwa ngumoya.
14 Njengedangatye elitshisa ihlathi,Njengomlilo otshisa iintaba,+
15 Akwaba ungabaleqa ngesitshingitshane sakho,+Uboyikise ngesaqhwithi sakho.+
16 Bogqume* ngehlazo ubuso babo,Ukuze balikhangele igama lakho, Yehova.
17 Akwaba bangahlaziswa baze batyhwatyhwe ngonaphakade;Kwanga bangahlazeka, kuphele kuthi nya ngabo;
18 Kwanga abantu bangazi ukuba wena, ogama linguYehova,+Nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “baphakamisa iintloko zabo.”
^ Ngokoqobo, “ubafihlileyo.”
^ Ngokoqobo, “Bacebisene ngokumanyeneyo ngentliziyo.”
^ Okanye “Benze isivumelwano.”
^ Ngokoqobo, “Iyingalo koonyana.”
^ Okanye “Neenkokheli.”
^ Ngokoqobo, “Bugcwalise.”