Isaya 2:1-22
2 Nantsi into awayibonayo uIsaya unyana ka-Amotsi ngoYuda nangeYerusalem:+
2 Ekupheleni kwemihla,*Intaba yendlu kaYehovaIza kuzinza izivelele iincopho zeentaba,+Iphakanyiswe ngaphezu kweenduli,Zize zonke iintlanga zibe ngumsinga ukuya kuyo.+
3 Izizwana ezininzi ziza kuhamba zize zithi:
“Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova,Nasendlini kaThixo kaYakobi.+
Uza kusifundisa ngeendlela zakhe,Siza kuhamba ezindleleni zakhe.”+
Kuba kuza kuphuma umthetho* eZiyon,Nelizwi likaYehova eYerusalem.+
4 Uza kuzigweba iintlanga,Alungelelanise imicimbi phakathi kwezizwana ezininzi.
Ziza kuwakhanda amakrele azo abe ngamakhubaNemikhonto yazo ibe zizinto zokuthena imithi.+
Uhlanga aluzukuphakamisela uhlanga ikrele,Zingaphindi zifunde ukulwa imfazwe.+
5 Owu bantu bendlu kaYakobi, yizaniMasihambeni ekukhanyeni kukaYehova.+
6 Ubalahlile abantu bakho, indlu kaYakobi,+Kuba baye bathi phithi zizinto zaseMpuma.Behleli nje benza imilingo+ njengamaFilisti,Ibe kugcwele inzala yeentlanga phakathi kwabo.
7 Ilizwe labo ligcwele isilivere negolide,Nobutyebi babo buninzi.
Ilizwe labo ligcwele amahashe,Neenqwelo zabo zininzi kakhulu.+
8 Ilizwe labo ligcwele oothixo abangenaxabiso.+
Baqubuda kumsebenzi wezandla zabo,Kwizinto abazenze ngeminwe yabo.
9 Ngoko ke umntu uthotyiwe, wehlisiwe,Ibe awunakukwazi ukumxolela.
10 Ngena eliweni uze uzifihle emhlabeniNgenxa yokoyikeka kobukho bukaYehova,Nangenxa yobukhulu bakhe.+
11 Amehlo anekratshi aza kwehliswa,Ukukhukhumala kwabantu kuza kuthotywa.
NguYehova yedwa oza kuphakanyiswa ngaloo mini.
12 Kuba le yimini kaYehova wemikhosi.+
Iza kufikela wonke umntu okhukhumeleyo nozicingela bhetele,Wonke umntu, nokuba uphakanyisiwe okanye uphantsi,+
13 Kuyo yonke imithi ephakamileyo yemisedare yaseLebhanonNakuyo yonke imithi yom-oki yaseBhashan,
14 Kuzo zonke iintaba eziphakamileyoNakuzo zonke iinduli eziphezulu,
15 Kuzo zonke iinqaba eziphakamileyo nakuzo zonke iindonga ezomeleleyo,
16 Kuzo zonke iinqanawa zaseTarshishe+Nakuzo zonke izikhephe ezithandekayo.
17 Ikratshi lomntu liza kwehliswa,Ukukhukhumala komntu kuza kuthotywa.
NguYehova yedwa oza kuphakanyiswa ngaloo mini.
18 Oothixo abangenaxabiso baza kunyamalala ngokupheleleyo.+
19 Abantu baza kungena emiqolombeni naphakathi kwamawa,Emingxunyeni esemhlabeni,+Ngenxa yokoyikeka kobukho bukaYehovaNangenxa yobukhulu bakhe,+Xa ephakama ukuze enze umhlaba ungcangcazele ngenxa yokoyika.
20 Ngaloo mini abantu baza kubathatha oothixo babo abangenaxabiso nabenziwe ngesilivere negolideAbazenzele bona ukuze baqubude kubo.Baza kubaphosela koocwethe* nakumalulwane,+
21 Ukuze bangene emingxunyeni esemaweniNasezimfanteni zawo,Ngenxa yokoyikeka kobukho bukaYehovaNangenxa yobukhulu bakhe,Xa ephakama ukuze enze umhlaba ungcangcazele ngenxa yokoyika.
22 Ukuba nifuna ukulungelwa, yekani ukuthembela emntwini,Uyimpefumlo njee ezimpumlweni zakhe.*
Yintoni enenza nimthembe?
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Ngemihla yokugqibela.”
^ Okanye “imfundiso.”
^ Izilwanyana ezincinci ezirhalayo.
^ Okanye “Ompefumlo yakhe isezimpumlweni zakhe.”