Kubalisa UMateyu 10:1-42
10 UYesu wabiza abafundi bakhe abayi-12, wabanika igunya lokukhupha iidemon,+ nelokuphilisa zonke iintlobo zezifo nezigulo.
2 Nanga amagama abapostile bakhe abayi-12:+ Owokuqala, nguSimon, lo kuthiwa nguPetros+ nomntakwabo uAndreya;+ uYakobi unyana kaZebhedi nomntakwabo uYohane;+
3 uFilipu noBhartolomeyu;+ uTomas+ noMateyu+ umqokeleli werhafu; uYakobi unyana ka-Alfeyu; noTadeyu;
4 uSimon okhutheleyo; noYudas Skariyoti, lowo wamjikelayo.+
5 UYesu wathuma la madoda ayi-12, waza wawayalela esithi:+ “Ze ningahambi ngendlela eya kummandla weentlanga, ningangeni nakwesiphi na isixeko samaSamariya;+
6 kodwa qhubekani nisiya kwizimvu* ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.+
7 Njengokuba nihamba, shumayelani nithi: ‘Sele buza kufika uBukumkani bamazulu.’+
8 Philisani abagulayo,+ vusani abafileyo, philisani abaneqhenqa, nikhuphe needemon. Sanukubhatalisa mntu, kuba nani anibhatalanga.
9 Sanukuphatha golide okanye silivere okanye kopolo kwiibhegi zenu zasesinqeni,+
10 ningaphathi bhegi yomphako, okanye impahla yokutshintsha, okanye iimbadada, okanye intonga,+ kuba umntu osebenzayo ufanele anikwe ukutya.+
11 “Nakusiphi na isixeko okanye ilali eningena kuyo, khangelani umntu ofanelekayo, nihlale kwakhe de nimke kuloo ndawo.+
12 Xa ningena emzini, bulisani.
13 Ukuba abantu abakuloo ndlu bayafaneleka, uxolo enibanqwenelela lona mabalufumane;+ kodwa ukuba abafaneleki, uxolo lwenu malubuyele kuni.
14 Nanini na kukho umntu onganamkeliyo okanye onganimameliyo, ze nithi nakuphuma kuloo mzi okanye kweso sixeko, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu.+
15 Ndiyaniqinisekisa ukuba, eso sixeko siza kohlwaywa ngaphezu kwelizwe laseSodom nelaseGomora+ ngeMini Yomgwebo.
16 “Jongani ke! Ndinithuma njengeegusha phakathi kweengcuka; ngoko lumkani njengeenyoka, kodwa nibe msulwa njengamahobe.+
17 Ze nilumke, kuba abantu baza kunisa ezinkundleni,+ banibethe kanobom+ kwizindlu abakhonzela kuzo.*+
18 Ibe niza kumiswa phambi kwabalawuli nookumkani+ ngenxa yam. Niza kutsho nikwazi ukushumayela ngam kubo nakwiintlanga.+
19 Kodwa ke, xa benisa ezinkundleni, ningabi naxhala lokuba niza kuthini, kuba niza kuyinikwa ngelo xesha into emaniyithethe;+
20 kuba akuzukuthetha nina kuphela, kodwa ngumoya kaTata wenu oza kuthetha esebenzisa nina.+
21 Enye into, umntu uza kubulalisa umntakwabo, utata abulalise umntwana wakhe, nabantwana bajikele abazali babo baze bababulalise.+
22 Niza kucatshukelwa ngumntu wonke ngenxa yegama lam,+ kodwa lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uza kusindiswa.+
23 Xa benitshutshisa kwesinye isixeko, balekelani kwesinye;+ kuba ndiyaniqinisekisa ukuba, uNyana womntu uza kuza ngaphambi kokuba niwugqibe umsebenzi wenu kwizixeko zakwaSirayeli.
24 “Umfundi akakho ngaphezu komfundisi wakhe, nekhoboka alikho ngaphezu kwenkosi yalo.+
25 Makaneliseke umfundi kukuphathwa njengomfundisi wakhe, nekhoboka njengenkosi yalo.+ Ukuba abantu babize umninimzi ngokuba nguBhelezebhubhe,*+ kobeka phi ke ngabo bendlu yakhe?
26 Ngoko ke sanukuboyika, kuba akukho nto igqunyiweyo ingazukutyhilwa, kungekho nanto iyimfihlo ingazukwaziwa.+
27 Izinto endinixelela zona emfihlekweni, zithetheni ekuhleni, nezinto eniziva zisetyezwa, nishumayele ngazo niphezu kwezindlu.+
28 Ningaboyiki abo babulala umzimba kodwa bengakwazi ukubulala umphefumlo;*+ kodwa yoyikani lowo ukwaziyo ukuzitshabalalisa zombini, umphefumlo nomzimba eGehena.*+
29 Iintaka ezincinci ezimbini zithengiswa ngemali encinci,* andithi? Kodwa akukho nenye ewayo, uTata wenu engayazi loo nto.+
30 Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibalwe zonke.
31 Ngoko ke sanukoyika; nixabiseke ngaphezulu lee kunezo ntaka.+
32 “Wonke umntu ondivumayo phambi kwabantu,+ nam ndiza kumvuma phambi koTata osemazulwini.+
33 Kodwa nabani na ondiphikayo phambi kwabantu, nam ndiza kumphika phambi koTata osemazulwini.+
34 Sanukucinga ukuba ndizise uxolo emhlabeni; andizisanga luxolo, ndizise ikrele.+
35 Kuba ndize kwahlukanisa indoda notata wayo, intombi nomama wayo, umolokazana nomazala.+
36 Lilonke, iintshaba zomntu ziza kuba ngabantu bendlu yakhe.
37 Nabani na othanda utata okanye umama wakhe ngaphezu kwam, akandifanelanga; nabani na othanda unyana okanye intombi yakhe ngaphezu kwam, akandifanelanga.+
38 Nabani na ongasamkeliyo isibonda sakhe sokungcungcutheka* aze andilandele, akandifanelanga.+
39 Nabani na osindisa ubomi bakhe uza kulahlekelwa bubo, nalowo ulahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yam, uza kuphinda abufumane.+
40 “Nabani na onamkelayo wamkela nam, yaye nabani na ondamkelayo wamkela naLowo undithumileyo.+
41 Nabani na owamkela umprofeti kuba engumprofeti uza kufumana umvuzo womprofeti,+ nalowo wamkela ilungisa kuba lililungisa uza kufumana umvuzo welungisa.
42 Nabani na onika omnye waba bancinci amanzi okusela kuba engumfundi wam, ndiyaniqinisekisa ukuba uza kuwufumana umvuzo wakhe.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “kwiigusha.”
^ Okanye “kwizindlu zesikhungu.”
^ Oku kubhekisela kuSathana, oyinkosi, okanye umlawuli weedemon.
^ Okanye “ubomi,” oko kukuthi, ithemba lokuphila.
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Ngokoqobo, “ngeassarion.” Funda Isihlomelo B14.
^ Okanye “isibonda sakhe sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.