KwabaseRoma 6:1-23

  • Ubomi obutsha ngenxa yokubhaptizelwa kuKristu (1-11)

  • Sanukusivumela isono silawule kwimizimba yenu (12-14)

  • Sasikade singamakhoboka esono, ngoku singakaThixo (15-23)

    • Umvuzo ohlawulwa sisono kukufa; isipho esivela kuThixo bubomi (23)

6  Sithini ke? Siqhubeke na nesono, ukuze bande ububele bukaThixo?*  Hayi kaloku! Ekubeni singasalawulwa sisono,*+ singaqhubeka njani siphila ngaso?+  Okanye anazi na ukuba sonke thina sabhaptizelwa kuKristu Yesu+ sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?+  Ngoko ke xa sasibhaptizelwa ekufeni kwakhe,+ sangcwatywa kunye naye, ukuze, kanye njengokuba uKristu wavuswa ekufeni ngamandla azukileyo kaTata wakhe, nathi siphile ubomi obutsha.+  Kuba ukuba siye safa njengaye,+ ngokuqinisekileyo siza kuvuswa njengaye.+ Ezo ke ziindlela esimanyene ngazo naye.  Kaloku siyazi ukuba ubuntu bethu obudala babethelelwa kunye naye esibondeni,+ ukuze umzimba wethu onesono wenziwe ungabi namandla,+ siyeke ukuba ngamakhoboka esono.+  Kuba umntu oye wafa ukhululwe* esonweni sakhe.  Ngaphezu koko, ukuba siye safa noKristu, sikholelwa ukuba siza kuphila naye.  Kuba siyazi ukuba uKristu, ekubeni ngoku eye wavuswa ekufeni,+ akazukuphinda afe;+ ukufa akuseyonkosi kuye. 10  Kuba wafa kwaba kanye+ ukuze kususwe isono, kodwa ubomi abuphilayo, ubuphilela uThixo. 11  Ngokufanayo nani, zijongeni njengabantu abaye bafa esonweni kodwa baphilela ukwenza ukuthanda kukaThixo ngoKristu Yesu.+ 12  Ngoko ke sanukusivumela isono siqhubeke silawula njengokumkani+ kwimizimba yenu efayo nize nithobele iminqweno yayo. 13  Ningaqhubeki ninikela nangemizimba yenu* esonweni ibe zizixhobo zezinto ezingalunganga, kodwa zinikeleni kuThixo njengabantu abaphilayo bevuke ekufeni, nemizimba yenu* niyinikele kuThixo ibe zizixhobo zobulungisa.+ 14  Kuba isono asimele sibe yinkosi phezu kwenu, ekubeni ningekho phantsi komthetho+ kodwa niphantsi kobubele bukaThixo.*+ 15  Ithetha ukuthini ke le nto? Ngaba siza kwenza isono kuba singekho phantsi komthetho kodwa siphantsi kobubele bukaThixo?*+ Hayi! 16  Anazi na ukuba xa nizinikela kuye nabani na ukuze nimthobele njengamakhoboka, ningamakhoboka aloo mntu nimthobelayo?+ Ngoko ukuba ningamakhoboka esono,+ siza kunikhokelela ekufeni,+ kodwa ukuba ningamakhoboka kaThixo yaye niyamthobela, niza kuba ngamalungisa. 17  Kodwa siyambulela uThixo kuba, nangona nanikade ningamakhoboka esono, niye nayithobela ngokusuka entliziyweni imfundiso eniyifumeneyo. 18  Niye nakhululwa ke esonweni,+ naza naba ngamakhoboka obulungisa.+ 19  Ndisebenzisa amazwi aqhelekileyo ebantwini kuba nibuthathaka ngenxa yesono; kuba benikade ninikela ngamalungu enu ukuba abe ngamakhoboka ezinto ezingacocekanga nokungabi namthetho okunibangela naphule umthetho. Ngoku ke wanikeleni ukuba abe ngamakhoboka obulungisa ukuze nibe ngcwele.+ 20  Kuba xa naningamakhoboka esono, naningengawo awobulungisa. 21  Sasiyintoni ke isiqhamo enanisifumana ngelo xesha? Zizinto ngoku enineentloni ngazo. Kuba ezo zinto zikhokelela ekufeni.+ 22  Kodwa ke, ekubeni ngoku nikhululwe esonweni naza naba ngamakhoboka kaThixo, nifumana isiqhamo esibubomi obucocekileyo,+ ibe loo nto ikhokelela kubomi obungunaphakade.+ 23  Kuba umvuzo ohlawulwa sisono kukufa,+ kodwa isipho esivela kuThixo bubomi obungunaphakade+ ngoKristu Yesu iNkosi yethu.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Ngokoqobo, “sifile esonweni.”
Okanye “uxolelwe.”
Ngokoqobo, “namalungu enu.”
Ngokoqobo, “nangamalungu enu.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”