Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingcaciso Yamagama EBhayibhile

A B C D E F G H I K L M N O P Q R S T U V W X Y Z

A

  • Abhi.

    Le yinyanga yesihlanu kwikhalenda yamaYuda nenyanga ye-11 kwikhalenda eqhelekileyo. Yathiywa ngeli gama emva kokukhululwa kwamaYuda eBhabhiloni. Yayisusela phakathi kuJulayi iyokuphela phakathi kuAgasti. Ayibizwa ngegama eBhayibhileni, kuthiwa nje ‘yinyanga yesihlanu.’ (Num 33:​38; Ezr 7:9)​​—Jonga Isihlomelo B15.

  • Abhibhi.

    Eli ligama lokuqala eyathiywa ngalo inyanga yokuqala ekwikhalenda engcwele yamaYuda nenyanga yesixhenxe kwikhalenda eqhelekileyo. Lithetha ukuthi “Izikhwebu Eziluhlaza” ibe le nyanga yayisusela phakathi kuMatshi iyokutsho phakathi kuAprili. Emva kokuba amaYuda ebuyile eBhabhiloni, kwathiwa nguNisan. (Dut 16:1)​​—Jonga Isihlomelo B15.

  • Adare.

    Inyanga ye-12 kwikhalenda engcwele yamaYuda nenyanga ye-6 kwikhalenda eqhelekileyo. Yathiywa eli gama emva kokuba amaYuda ebuyile eBhabhiloni. Le nyanga yayisusela phakathi kuFebruwari iyokutsho phakathi kuMatshi. (Est 3:7)​​—Jonga Isihlomelo B15.

  • Akhaya.

    KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, eli yayiliphondo eliphantsi kweRoma nelalikumzantsi weGrisi. Ikomkhulu leli phondo laliseKorinte. IAkhaya yayiquka ummandla wePeloponnese nomnye ummandla waseGrisi. (IZe 18:​12)​​—Jonga Isihlomelo B13.

  • Alabhasta.

    Igama leendebe ezincinci ezazigcina iziqholo. Ezi ndebe zazisenziwa ngelitye elifumaneka kufutshane naseAlabastron, eYiputa yaye zazinomlomo omncinci ukuze zikwazi ukuvaleka, singaphumi isiqholo. Nelo litye lade lathiywa ngeli gama.​​—Mar 14:3.

  • Alamoti.

    Igama lomculo elithetha ukuthi “Amantombazana,” mhlawumbi ngenxa yesoprano yawo. Kusenokwenzeka ukuba lalisetyenziswa ukuze kuboniswe ukuba umculo uyenyuka.​​—1Kr 15:​20; Nd 46:0.

  • Alfa no-Omega.

    UAlfa ngunobumba wokuqala koonobumba besiGrike, aze uOmega abe ngunobumba wokugqibela. Bobabini aba nobumba basetyenziswe kunye kathathu kwiSityhilelo njengesibizo sikaThixo. Kwezi zibhalo, eli binzana lithetha ukuthi “owokuqala nowokugqibela” nokuthi “isiqalo nesiphelo.”​​—ISi 1:8; 21:6; 22:13.

  • Amen.

    “Makube njalo,” okanye “ngokuqinisekileyo.” Eli gama lisuka kwingcambu yegama lesiHebhere elithi ʼa·manʹ, elithetha “ukuthembeka.” Umntu wayesithi “amen” xa evumelana nesifungo, umthandazo okanye into ethethwayo. KwiSityhilelo, eli gama lisetyenziswe njengesibizo sikaYesu.​​—Dut 27:​26; 1Kr 16:​36; ISi 3:14.

  • Anikisi.

    Lelinye lamatye amahle anemibalabala. Eli litye linemibala emhlophe, emnyama, ebrawuni, ebomvu, egreyi okanye eluhlaza. Lalisetyenziswa ukuhombisa iimpahla zombingeleli omkhulu.​​—Eks 28:​9, 12; 1Kr 29:2; Yob 28:16.

  • Aram; ama-Aram.

    Inzala ephuma kuAram unyana kaShem. Aba bantu babehlala kwiiNtaba ZaseLebhanon ukuyokutsho eMesopotamiya nakwiiNtaba ZaseTaurus emntla ukuyokutsho emzantsi eDamasko nangaphaya. NgesiHebhere le ndawo yayibizwa ngokuba yiAram, kodwa kamva kwathiwa yiSiriya, nabantu abahlala kuyo kwathiwa ngamaSiriya.​​—Gen 25:​20; Dut 26:5; Hos 12:12.

  • Aramiki.

    Ulwimi olusondeleyo kwisiHebhere nolubhalwa ngendlela efanayo naso. Ekuqaleni lwaluthethwa ngama-Aram kodwa kamva lwaba lulwimi olusetyenziswa kwezoshishino kuzo zonke iindawo ezilawulwa ngama-Asiriya namaBhabhiloni. Lwalusetyenziswa nangurhulumente wamaPersi. (Ezr 4:7) Ezinye iindawo kwincwadi kaEzra, ekaYeremiya nekaDaniyeli zazibhalwe ngesiAramiki.​​—Ezr 4:8–6:​18; 7:​12-​26; Yer 10:​11; Dan 2:4b–7:28.

  • Areyopago.

    Induli ephakamileyo eseAthene, kumntla-ntshona weAcropolis. Yayililo negama lebhunga elalibamba iintlanganiso apho. UPawulos waziswa kule Areyopago ngamaStoyike nangamaEpikure ukuze acacise izinto azikholelwayo.​​—IZe 17:19.

  • Armagedon.

    Lithathwe kwigama lesiHebhere elithi Har Meghid·dohnʹ, elithetha “Intaba YaseMegido.” Eli gama linento yokwenza ‘nemfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla’ apho “ookumkani bomhlaba wonke” beqokelelana ukuze balwe imfazwe noYehova. (ISi 16:​14, 16; 19:​11-21)​​—Funda kwindawo ethi IXESHA LOBUNZIMA OBUNGATHETHEKIYO.

  • Aselgeia.​​

    Funda kwindawo ethi UKUZIPHATHA NGOKUNGENAZINTLONI.

  • Ashtoreti.

    Uthixokazi wamaKanan wemfazwe nowenzala, umfazi kaBhahali.​​—1Sa 7:3.

  • Asiya.

    KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, eli ligama lephondo laseRoma. Eli phondo laliquka indawo namhlanje ekwintshona yeTurkey, kunye neziqithi ezinjengeSamos nePatmos. Ikomkhulu leli phondo laliyiEfese. (IZe 20:​16; ISi 1:4)​​—Jonga Isihlomelo B13.

  • Azazele.

    Igama lesiHebhere ekusenokwenzeka ukuba lithetha “Ibhokhwe Edukayo.” Ngosuku Lokuhlawulela, ibhokhwe yeAzazele yayisisiwa endle, nto leyo eyayimela ukumka nezono ezazenziwe luhlanga kuloo nyaka.​​—Lev 16:​8, 10.

B

  • isiBambiso.

    Into umntu ayinika lowo aboleke kuye, esisiqinisekiso sokuba uza kuyibuyisa loo nto ayibolekileyo. UMthetho KaMoses wachaza iindlela ezazimele zisetyenziswe ngazo izibambiso, ukuze kukhuselwe amahlwempu nabantu abangakwazi kuzikhusela.​​—Eks 22:​26; Hez 18:7.

  • iBandla.

    Iqela labantu abambalwa okanye abaninzi abadibene ngenxa yesizathu okanye isiganeko esithile. KwiZibhalo ZesiHebhere, eli gama lidla ngokubhekisela kuhlanga lwamaSirayeli, kumatheko okunqula okanye kwizihlandlo ezibalulekileyo kwaSirayeli. KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, linokubhekisela kwiindibano okanye kumabandla amaKristu, kodwa amaxesha amaninzi libhekisela kumaKristu xa ewonke.​​—Dut 16:8; 1Ku 8:​5, 22; IZe 9:​31; Rom 16:5.

  • ukuBeka izandla.

    Umntu wayebekwa izandla xa ekhethelwa ukwenza umsebenzi okhethekileyo okanye ukuze asikelelwe, aphiliswe okanye afumane umoya oyingcwele. Ngamanye amaxesha nezilwanyana zazibekwa izandla ngaphambi kokuba kubingelelwe ngazo.​​—Eks 29:​15; Num 27:​18; IZe 19:6; 1Ti 5:22.

  • isiBetho.

    Eli gama lidla ngokubhekisela kwisibetho, isifo, okanye intlekele evela kuYehova xa esohlwaya abantu.​​—Num 16:49.

  • Bhahali.

    Uthixo wamaKanan ekwakusithiwa ngumnini wesibhakabhaka, uzisa imvula yaye wenza abantu bakwazi ukuzala. Igama elithi “Bhahali” lalisetyenziswa naxa kubizwa abanye oothixo basekuhlaleni abancinci. Eli gama lesiHebhere lithetha “Umnini, Inkosi.”​​—1Ku 18:​21; Rom 11:4.

  • umBhali.

    Umntu owayekhuphela iZibhalo ZesiHebhere. Ngexesha likaYesu, eli gama lalibhekisa kumadoda azizifundiswa zoMthetho. Ayengafuni nokumbona uYesu.​​—Ezr 7: 6, umbhalo osemazantsi; Mar 12:​38, 39; 14:1.

  • umBhalo osemantla.

    Umxholo osekuqaleni kwindumiso. Uchaza umbhali, ukuba kwakusenzeka ntoni, imiyalelo yendlela emayiculwe ngayo okanye uchaze ukuba le ndumiso imele iculwe xa kutheni.​​—Funda umbhalo osemantla kwiNdumiso 3, 4, 5, 6, 7, 30, 38, 60, 92, 102.

  • Bhaptiza.

    Isenzi seli gama sithetha “ukuntywilisela,” okanye ukufaka emanzini. UYesu wathi abalandeli bakhe kufuneka babhaptizwe. IZibhalo zithetha nangobhaptizo lukaYohane, ukubhaptizwa ngomoya oyingcwele, ukubhaptizwa ngomlilo, njalo njalo.​​—Mat 3:​11, 16; 28:​19; Yoh 3:​23; 1Pe 3:21.

  • Bhate.

    Indlela yokukala nantoni na engamanzi eyayilingana neelitha ezimalunga ne-22. Le nkcazelo isekelwe kwiingceba zeendebe ezafunyanwa kudala zineli gama. Iindlela ezininzi zokukala eziseBhayibhileni zazisekelwe kwindlela yokubala iibhate. (1Ku 7:​38; Hez 45:​14)​​—Jonga Isihlomelo B14.

  • Bhelezebhubhe.

    Igama abizwa ngalo uSathana, oyinkosi okanye umlawuli weedemon. Kusenokwenzeka ukuba lithathwe kwigama elithi Bhahali-zebhubhe, uBhahali owayekhonzwa ngamaFilisti e-Ekron.​​—2Ku 1:3; Mat 12:24.

  • iBhotile yofele yewayini.

    Ibhotile eyenziwe ngofele lwesilwanyana, ibhokhwe okanye igusha, kuze kugalelwe iwayini kuyo. Iwayini entsha yayigalelwa kwiibhotile zofele ezintsha, kuba xa ibila yayiba nomoya onokwenza loo bhotile igqabhuke. Iibhotile zofele ezintsha zazikwazi ukunwebeka; kodwa zona ezindala zazigqabhuka.​​—Yos 9:4; Mat 9:17.

  • ukuBhula; iBala lokubhula.

    Ukubhula kukubethwa kwezikhwebu ukuze kusuke iinkozo nomququ; lona ibala lokubhula yindawo ekubhulelwa kuyo. Kwakubhulwa ngentonga, kodwa xa isivuno sisininzi kwakusetyenziswa isixhobo esinjengesileyi sokubhula esasityalwa zizilwanyana. Izikhwebu zazibekwa ebaleni lokubhula kuze kuhanjiswe isileyi phezu kwazo. Ibala lokubhula laliba rawundi kwindawo ephakamileyo enomoya.​​—Lev 26:5; Isa 41:​15; Mat 3:12.

  • Bhuli.

    Igama lenyanga yesibhozo kwikhalenda engcwele yamaYuda nenyanga yesibini kwikhalenda eqhelekileyo. Lithathwe kwigama elithetha “ukuvelisa; imveliso” ibe le nyanga yayisusela phakathi kuOktobha iyokutsho phakathi kuNovemba. (1Ku 6:​38)​​—Jonga Isihlomelo B15.

  • umBingeleli.

    Indoda emela uThixo ebantwini, ibafundisa ngoThixo nangemithetho yakhe. Ababingeleli babemela nabantu kuThixo, benze imibingelelo baze babacelele uxolo kuThixo. Ngaphambi kokuba ubekho uMthetho KaMoses, yintloko-ntsapho eyayisiba ngumbingeleli wentsapho yayo. Phantsi koMthetho KaMoses yayingamadoda entsapho ka-Aron ongumLevi awayesiba ngababingeleli. Amanye amadoda angabaLevi ayewancedisa. Xa kwenziwa isivumelwano esitsha, uSirayeli wokomoya waba luhlanga lwababingeleli, uYesu Kristu waba nguMbingeleli Omkhulu.​​—Eks 28:​41; Heb 9:​24; ISi 5:10.

  • umBingeleli omkhulu.

    KuMthetho KaMoses, yayingumbingeleli okhokelayo nowayemela abantu phambi koThixo aze akhokele abanye ababingeleli. Wayekwabizwa ngokuba ‘ngumbingeleli oyintloko.’ (2Kr 26:​20; Ezr 7:5) Nguye yedwa owayevumelekile ukungena kweYona Ngcwele, elona gumbi lingaphakathi kwintente engcwele nakwitempile eyakhiwa kamva. Wayengena kube kanye ngonyaka, ngoSuku Lokuhlawulela. NoYesu Kristu ubizwa ngokuba ‘ngumbingeleli omkhulu.’​​—Lev 16:​2, 17; 21:​10; Mat 26:3; Heb 4:14.

  • umBingeleli oyintloko.

    KwiZibhalo ZesiHebhere, le yenye indlela yokubiza “umbingeleli omkhulu.” KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, kubonakala ukuba isibizo esithi “umbingeleli oyintloko” sasibhekisela kumadoda akhokelayo kubabingeleli, mhlawumbi kuquka nabo babengababingeleli abakhulu ngaphambili kunye neentloko zamaqela ayi-24 ababingeleli.​​—2Kr 26:​20; Ezr 7:5; Mat 2:4; Mar 8:31.

  • umBingelelo.

    Umnikelo umntu awenzela uThixo ukuze abulele, okanye avume ukuba wonile, aze alungise ubuhlobo bakhe noThixo. Ukususela kuAbheli, abantu babesenza imibingelelo yokuzithandela eyahlukahlukeneyo, ikhona neyezilwanyana, de uMthetho KaMoses wanyanzelisa ukuba yenziwe. Emva kokuba uYesu enikele ngobomi bakhe baba ngumbingelelo ogqibeleleyo, kwakungasekho mfuneko yokuba kubingelelwe ngezilwanyana, nangona amaKristu esaqhubeka esenza imibingelelo yokholo kuThixo.​​—Gen 4:4; Heb 13:​15, 16; 1Yo 4:10.

  • umBingelelo wobuhlobo.

    Umbingelelo owawusenzelwa uYehova ukuze umntu abe seluxolweni naye. Loo mbingelelo wawutyiwa nguloo mntu ubingelelayo kunye nendlu yakhe, ngumbingeleli owenza loo mbingelelo, kunye nabanye ababingeleli ababesemsebenzini. UYehova yena wayefumana ivumba elimnandi lokutshiswa kwamanqatha. Negazi elimela ubomi lalinikwa yena. Kwakuba ngathi abo babingeleli nabo bakhonzi bakaYehova batya kunye naye, nto leyo eyayibonisa ukuba bangabahlobo abaseluxolweni.​​—Lev 7:​29, 32; Dut 27:7.

  • isiBingelelo.

    Indawo ephakamileyo eyakhiwe ngodaka, amatye, okanye ngamaplanga agqunywe ngesinyithi. Yayisenzelwa kuso imibingelelo okanye kuqhunyiselwe kuso isiqhumiso esiqholiweyo xa kunqulwa. Kwigumbi lokuqala lentente engcwele neletempile, kwakukho “isibingelelo segolide” esincinane ekwakuqhunyiselwa kuso isiqhumiso. Sasenziwe ngamaplanga sigqunywe ngegolide. Eyadini, kwakukho “isibingelelo sekopolo” esikhulu esasisetyenziselwa imibingelelo etshiswayo. (Eks 27:1; 39:​38, 39; Gen 8:​20; 1Ku 6:​20; 2Kr 4:1; Luk 1:​11)​​—Jonga Isihlomelo B5 no-B8.

  • isiBonda.

    Ipali emi nkqo ekwakubotshelelwa kuyo umntu. Ezinye izizwe zazibulalela kuyo abantu okanye zixhome kuyo umntu ofileyo ukuze zilumkise abanye, okanye ukuze zimhlazise. Ama-Asiriya, awayedume ngokukhohlakala emfazweni, ayebahlaba abantu abathimbileyo esiswini ngepali etsolo, iye kuqhina esifubeni, aze ayimise nkqo. Kodwa ke, kumthetho wamaYuda, abantu abanamatyala amakhulu njengokuthuka uThixo okanye ukukhonza izithixo babeqale babulawe ngokubethwa ngamatye okanye ngenye indlela, zize izidumbu zabo zixhonywe ezibondeni, okanye emithini, ukuze kulunyukiswe abanye. (Dut 21:​22, 23; 2Sa 21:​6, 9) Ngamanye amaxesha amaRoma ayembophelela umntu esibondeni. Kwakusenokudlula iintsuku ngaphambi kokuba loo mntu afe, ebulawa ziintlungu, unxano, indlala nokutshiswa lilanga. Kwezinye iimeko, njengakwimeko kaYesu, umntu ayembulala ngokumbethelela izandla neenyawo esibondeni. (Luk 24:​20; Yoh 19:​14-16; 20:​25; IZe 2:​23, 36)​​—Funda kwindawo ethi ISIBONDA SOKUNGCUNGCUTHEKA.

  • isiBonda sokungcungcutheka.

    Le yindlela eliguqulelwa ngayo igama lesiGrike elithi stau·rosʹ, elithetha isibonda okanye ipali emileyo, njengaleyo wabulawelwa kuyo uYesu. Akukho bungqina bokuba eli gama lesiGrike lithetha umnqamlezo, ofana nalowo wawusetyenziswa ngabantu abangamkhonziyo uThixo kwiinkonzo zabo kumakhulu eminyaka ngaphambi kokuzalwa kukaKristu. Igama elithi “isibonda sokungcungcutheka” liveza eyona nto liyithethayo eli gama ngesiGrike, kuba uYesu wasebenzisa igama elingu-stau·rosʹ ukuchaza ukungcungcutheka, intlungu nehlazo elaliza kufunyanwa ngabalandeli bakhe. (Mat 16:​24; Heb 12:2)​​—Funda kwindawo ethi ISIBONDA.

  • uBubele bukaThixo.

    Igama lesiGrike elithetha into entle okanye ethandekayo. Amaxesha amaninzi eli gama lisetyenziswa xa kuthethwa ngesipho sobubele okanye ukwenzelwa ububele. Likwasetyenziselwa ukuchaza isipho sikaThixo akupha engalindelanga nto. Ngoko libonisa ububele bukaThixo obuninzi nendlela abathanda kakhulu ngayo abantu. NgesiGrike eli gama likwathetha ‘isipho sothando nesobubele.’ Sisipho umntu angasisebenzelanga, kodwa asiphiwe ngenxa yokuba loo mntu omphayo enobubele.​​—2Ko 6:1; Efe 1:7.

  • uBukho.

    Kwezinye iindawo kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike eli gama lichaza ubukho bukaYesu Kristu elawula njengoKumkani onguMesiya ongabonakaliyo ngemihla yokugqibela yeli hlabathi. Xa kuthethwa ngobukho bukaKristu, akuthethwa ngokuza kwakhe aze akhawuleze ahambe, kodwa lixesha elide elibekiweyo.​​—Mat 24:3.

  • uBukumkani bukaThixo.

    Amagama achaza ulongamo lukaThixo olumelwa ngurhulumente olawulwa ngunyana wakhe, uKristu Yesu.​​—Mat 12:​28; Luk 4:​43; 1Ko 15:50.

  • uBulungisa.

    EZibhalweni ubulungisa yinto elungileyo emehlweni kaThixo.​​—Gen 15:6; Dut 6:​25; IMi 11:4; Zef 2:3; Mat 6:33.

  • umBumbi.

    Umntu owenza iimbiza, izitya nezinye izinto ngodongwe. Igama lesiHebhere elithi umbumbi lithetha “umenzi.” Ukuphatha kombumbi udongwe kudla ngokufaniswa nokuphatha kukaYehova abantu nezizwe.​​—Isa 64:8; Rom 9:21.

  • uBungqina.

    Ngokuqhelekileyo eli gama libhekisa kwiMithetho Elishumi eyayibhalwe kumacwecwe amatye awayenikwe uMoses.​​—Eks 31:18.

C

  • isiCaka solungiselelo.

    Indlela eliguqulelwa ngayo igama lesiGrike elithi di·aʹko·nos. Amaxesha amaninzi lidla ngokuguqulelwa ngokuthi “umntu osebenzayo” okanye “isicaka.” “Isicaka solungiselelo” ngumntu oncedisa iqumrhu labadala ebandleni. Ukuze akwazi ukwenza lo msebenzi, kufuneka afaneleke ngendlela echazwe eBhayibhileni.​​—1Ti 3:​8-10, 12.

  • imiCephe yokucima umlilo.

    Le micephe yayenziwe ngegolide, ibe yayisetyenziwa kwintente engcwele nasetempileni ukucima izibane.​​—Eks 37:23.

  • umChasi-Kristu.

    NgesiGrike, eli gama lithetha izinto ezimbini. Libhekisela kwinto okanye kumntu ochasa uKristu. Lisenokubhekisela nakuKristu wobuxoki, othathe indawo kaKristu. Bonke abantu, imibutho okanye amaqela athi amela uKristu exoka okanye athi anguMesiya okanye amchasayo uKristu kunye nabafundi bakhe banokubizwa ngokuba ngabachasi-Kristu.​​—1Yo 2:22.

  • ukuChaza izinto kwangaphambili.

    Abantu ababesithi bayakwazi ukuchaza izinto eziseza kwenzeka. Ababingeleli abenza imilingo, amagqirha, abavumisi ngeenkwenkwezi nabanye bachazwa ngale ndlela eBhayibhileni.​​—Lev 19:​31; Dut 18:​11; IZe 16:16.

  • iChibi lomlilo

    Eli gama libhekisela kwindawo engeyiyo eyokwenene ‘evutha umlilo nesalfure.’ Le ndawo ibizwa nangokuba ‘kukufa kwesibini.’ Aboni abangaguqukiyo, uMtyholi, nkqu nokufa nengcwaba (okanye iHadesi), ziza kuphoswa kweli ziko. Isidalwa esingumoya, ukufa neHadesi azikwazi ukutsha ngumlilo. Loo nto ibonisa ukuba eli ziko asilolokwenene, yaye alibhekiseli ekungcungcuthekisweni ngomlilo ngonaphakade, kunoko kuthethwa ngokutshatyalaliswa ngonaphakade.​​—ISi 19:​20; 20:​14, 15; 21:8.

  • iziCima-mlilo.

    Izixhobo ezazisetyenziswa kwintente engcwele nasetempileni, ezazenziwe ngegolide okanye ngekopolo. Kusenokwenzeka ukuba zazifana nesikere, zisetyenziselwa ukusika umtya wesibane.​​—2Ku 25:14.

  • ukuCoceka.

    EBhayibhileni, eli gama alithethi ngokucoceka emzimbeni nje, kodwa lithetha nokuzigcina ungenabala, kungabikho nto ikudyobhayo okanye ikungcolisayo kwindlela yokuziphatha okanye kubuhlobo bakho noThixo. KuMthetho KaMoses, eli gama lalibhekisela ekuzicoceni.​​—Lev 10:​10; Nd 51:7; Mat 8:2; 1Ko 6:11.

  • ukungaCoceki.

    Kusenokuthetha ukuba mdaka emzimbeni okanye ukwaphula imithetho yokuziphatha. Kodwa ke, eBhayibhileni eli gama libhekisela kwinto engamkelekanga, okanye engacocekanga kuMthetho KaMoses. (Lev 5:2; 13:​45; Mat 10:1; IZe 10:​14; Efe 5:5)​​—Funda kwindawo ethi COCEKA.

D

  • Dagon.

    Uthixo wamaFilisti. Alaziwa ukuba lithathwe phi eli gama, kodwa abanye abaphandi balidibanisa negama lesiHebhere elithi dagh (intlanzi).​​—ABa 16:​23; 1Sa 5:4.

  • umDala.

    Owona msebenzi ubalulekileyo wale ndoda kukuhoya nokwalusa ibandla. Eli gama lesiGrike lithetha ukuba le ndoda iyalihoya ibe iyalikhusela ibandla. Igama elithi “umdala” (pre·sbyʹte·ros) nelithi “umveleli” athetha into enye kwibandla lamaKristu. Elithi “umdala” libonisa ukuba lo mntu uneempawu ezibonisa ukuba uphilile engqondweni, lona elithi “umveleli” lichaza imisebenzi ayenzayo.​​—IZe 20:​28, umbalo osemazantsi; 1Ti 3:​2-7; 1Pe 5:2.

  • Darike.

    Ingqekembe yegolide yamaPersi eyayiziigram eziyi-8,4. (1Kr 29:7)​​—Jonga Isihlomelo B14.

  • Dekapoli.

    Izixeko zamaGrike ezisondeleleneyo. Zaqala zilishumi (eli gama lithathwe kwigama lesiGrike elithi deʹka, elithetha “ishumi,” nelithi poʹlis, elithetha “isixeko”). Lalikwaligama lengingqi engasempuma koLwandle LwaseGalili noMlambo IYordan, apho uninzi lwezo zixeko lwalukho. Lwaluqhutyelwa apho ushishino, kufundiswa abantu ngezithethe zamaGrike. UYesu wayekhe wadlula kule ndawo, kodwa akukho nto ibonisa ukuba wakha waya kwezi zixeko. (Mat 4:​25; Mar 5:​20)​​—Jonga Isihlomelo A7 no-B10.

  • Demon.

    Izidalwa ezingabonakaliyo ezinamandla angaqhelekanga. KwiGenesis 6:​2, zibizwa ngokuba ‘ngoonyana boThixo wokwenene’ yaye kuYuda 6, zibizwa ngokuba ‘ziingelosi.’ Zazingadalwanga zingabenzi-bubi, kunoko zaziziingelosi ezaba ziintshaba zikaThixo xa zayekayo ukumthobela ngemihla kaNowa zaza zaxhasa uSathana ekulweni noYehova.​​—Dut 32:​17; Luk 8:​30; IZe 16:​16; Yak 2:19.

  • Denariyo.

    Ingqekembe yaseRoma yesilivere eyayiziigram eziyi-3,85 neyayinomfanekiso kaKesare kwelinye icala. Wayehlawulwa ngayo umntu osebenze usuku olunye yaye yayiyirhafu eyayibhatalwa ngamaYuda kumaRoma. (Mat 22:​17; Luk 20:​24)​​—Jonga Isihlomelo B14.

  • inDoda enkulu.

    Yindoda esele iqolile, kodwa eZibhalweni, yindoda enegunya nomsebenzi othile ekuhlaleni okanye kuhlanga oluthile. Kwincwadi yeSityhilelo, eli gama liyasetyenziswa naxa kuthethwa ngezidalwa ezihlala ezulwini. Igama lesiGrike elithi pre·sbyʹte·ros liguqulelwa ngokuthi “umdala” xa libhekisela ngumntu okhokelayo ebandleni.​​—Eks 4:​29; IMi 31:​23; 1Ti 5:​17; ISi 4:4.

  • Drarhma.

    KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, eli gama libhekisela kwingqekembe yamaGrike yesilivere, ngelo xesha eyayiziigram eziyi-3,4. KwiZibhalo ZesiHebhere, kuthethwa ngedrarhma yegolide yexesha lamaPersi eyayilingana nedarike. (Neh 7:​70; Mat 17:​24)​​—Jonga Isihlomelo B14.

  • Dyokhwe.

    Ipali ebekwa emagxeni omntu kuze kujingiswe imithwalo macala, okanye ebekwa entanyeni yezilwanyana ezibini (ingakumbi iinkomo) ezirhuqa izinto ezisetyenziswa xa kulinywa okanye inqwelo. Ngenxa yokuba amakhoboka ayesebenzisa iidyokhwe ukuze athwale imithwalo enzima, eBhayibhileni eli gama likwasetyenziselwa ukubhekisa ekubeni likhoboka, okanye ukuba phantsi komnye umntu, kwanasekucinezelweni nasekutsaleni nzima. Ukususwa okanye ukwaphulwa kwedyokhwe kwakubonisa ukukhululeka ebukhobokeni, ekucinezelweni nasekuxhatshazweni.​​—Lev 26:​13; Mat 11:​29, 30.

E

  • Edom.

    Elinye igama likaEsawu, unyana kaIsake. Inzala kaEsawu (uEdom) yathatha iSehire, ummandla weentaba owawuphakathi koLwandle Olufileyo nengingqi yaseAqaba. Yabizwa ngokuba yiEdom. (Gen 25:​30; 36:8)​​—Jonga Isihlomelo B3 no-B4.

  • Efa.

    Yindlela yokumeta kunye negama lento ekwakumetwa ngayo, eyayisetyenziselwa ukumeta ukutya okuziinkozo. Yayilingana nebhate, ngoko yayiziilitha eziyi-22. (Eks 16:​36; Hez 45:​10)​​—Jonga Isihlomelo B14.

  • Efodi.

    Into efana nefaskoti eyayinxitywa ngababingeleli. Umbingeleli omkhulu wayenxiba iefodi ekhethekileyo, ekwakukho isingxobo ngaphambili kuyo esinamatye odidi ayi-12. (Eks 28:​4, 6)​​—Jonga Isihlomelo B5.

  • Efrate.

    Owona mlambo mde nobalulekileyo kumzantsi-ntshona Asiya. Ngomnye wemilambo emibini eyeyona mikhulu eMesapotamiya. Uchazwa okokuqala kwiGenesis 2:​14 njengomnye wemilambo emine yase-Eden. Udla ngokubizwa ngokuba ‘nguMlambo.’ (Gen 31:​21) Lo mlambo wawungumda womhlaba owawunikwe amaSirayeli emantla. (Gen 15:​18; ISi 16:​12)​​—Jonga Isihlomelo B2.

  • Efrayim.

    Igama lonyana wesibini kaYosefu. Kamva eli yaba ligama lesinye sezizwe zamaSirayeli. Emva kokuba uhlanga lwamaSirayeli lwahluliwe lwaba ngamaqela amabini, izizwe ezilishumi zabizwa ngeli gama, kuba esi sizwe yayisesona sidumileyo.​​—Gen 41:​52; Yer 7:15.

  • Eli hlabathi.

    Eli gama ngesiGrike ngu-ai·onʹ ibe libhekisa kwiimeko zanamhlanje okanye izinto ezenzekayo ezibonisa ixesha elithile. IBhayibhile ithi “eli hlabathi,” xa ithetha ngezinto ezenzeka emhlabeni naxa ithetha ngendlela abantu abaziphethe ngayo. (2Ti 4:​10) Ngokwenza isivumelwano soMthetho, uThixo waqalisa ixesha abanye abalibiza ngokuba lixesha lamaSirayeli okanye lamaYuda. Ngokufela kwakhe abantu, uYesu Kristu wasetyenziswa nguThixo ukuba aqalise elinye ixesha lebandla namaKristu athanjisiweyo. Ngeli xesha kwenzeka izinto ekwakuthethwe ngazo kwisivumelwano soMthetho. Xa likwisininzi, eli gama libhekisa kumaxesha awahlukahlukeneyo okanye kwizinto ezenzekayo, ezazikhe zenzeka, neziseza kwenzeka.​​—Mat 24:3; Mar 4:​19; Rom 12:2; 1Ko 10:11.

  • Eluli.

    Le yinyanga yesithandathu kwikhalenda yamaYuda engcwele nenyanga ye-12 kwikhalenda eqhelekileyo. Yathiywa ngeli gama emva kokukhululwa kwamaYuda eBhabhiloni. Yayisusela phakathi kuAgasti iyokutsho phakathi kuSeptemba. (Neh 6:​15)​​—Jonga Isihlomelo B15.

  • Epikure.

    AmaEpikure yayingabalandeli besifundiswa esingumGrike, uEpikure (341-​270 B.C.E.). Babefundisa ukuba eyona nto umntu ekufuneka ayisebenzele ebomini kukuzonwabisa.​​—IZe 17:18.

  • Etanim.

    Le yinyanga yesixhenxe kwikhalenda yamaYuda engcwele nenyanga yokuqala kwikhalenda eqhelekileyo. Yayisusela phakathi kuSeptemba iyokutsho phakathi kuOktobha. Emva kokuba amaYuda ebuyile eBhabhiloni, yabizwa ngokuba nguTishri. (1Ku 8:2)​​—Jonga Isihlomelo B15.

F

  • abaFarisi.

    Iqela elaziwayo lenkonzo yamaYuda ngexesha labapostile. Babengeyiyo inzala yababingeleli, kodwa babebambelele nkqi kwezona zinto zincinci zoMthetho kaMoses, ibe babeyijonga ngendlela efanayo nemithetho yabantu. (Mat 23:​23) Babengafuni nokuyibona into edibene nezithethe zamaGrike, ibe kuba babeziincutshe zoMthetho nezithethe, babenegunya elikhulu phezu kwabantu. (Mat 23:​2-6) Abanye babengamalungu eNkundla Ephakamileyo YamaYuda. Babedla ngokumgxeka uYesu ngezinto awayezenza ngeSabatha, ngendlela awayezijonga ngayo izithethe, nangokuhlala naboni nabaqokeleli berhafu. Abanye babo baba ngamaKristu, njengoSawule waseTarso.​​—Mat 9:​11; 12:​14; Mar 7:5; Luk 6:2; IZe 26:5.

  • Faro.

    Indlela ababizwa ngayo ookumkani baseYiputa. Bahlanu oofaro ababizwa ngamagama eBhayibhileni (ngu-Shishaki, uSo, uTiraka, uNeko noHofera), kodwa awachazwanga amagama abanye, awachazwanga nawabo bexesha lika-Abraham, uMoses noYosefu.​​—Eks 15:4; Rom 9:17.

  • Fatom.

    Indlela yokumeta ubunzulu bamanzi, elingana neemitha eziyi-1,8. (IZe 27:​28)​​—Jonga Isihlomelo B14.

  • Filisti; amaFilisti.

    Ummandla owawubizwa ngokuba yiFilisti, ongakunxweme olusemzantsi welizwe lakwaSirayeli. Abantu ababesuka eKrete ababehlala apho babebizwa ngokuba ngamaFilisti. UDavide wawoyisa, kodwa aqhubeka ezimele ibe ayehlala eziintshaba zamaSirayeli. (Eks 13:​17; 1Sa 17:4; Amo 9:7)​​—Jonga Isihlomelo B4.

  • isiFo esingubhubhani.

    Isifo esosulela abantu abaninzi ngokukhawuleza nesibulalayo. Amaxesha amaninzi iba yindlela uThixo agweba ngayo.​​—Num 14:​12; Hez 38:​22, 23; Amo 4:10.

  • isiFungo.

    Isithembiso sokuba umntu uza kwenzela uThixo into ethile, anikele, enze umsebenzi othile, okanye ayeke izinto ezithile nangona zingophuli mthetho. Sikwathetha amazwi afungelweyo aqinisekisa ukuba into ethile iyinyani, okanye isithembiso esenziwa ngumntu sokuba uza kuyenza okanye akazukuyenza into ethile. Sisifungo esidla ngokwenziwa kumntu onegunya, ingakumbi kuThixo. Xa uYehova wayesenza isivumelwano noAbraham, wamqinisekisa ngokwenza isifungo.​​—Mat 5:​33; Gen 14:​22; Heb 6:​16, 17.

G

  • Gehena.

    Igama lesiGrike leNtlambo YaseHinom, kumzantsi-ntshona weYerusalem yakudala. (Yer 7:​31) Kwakuprofetiwe ngayo kwathiwa iza kuba yindawo ekulahlwa kuyo izidumbu. (Yer 7:​32; 19:6) Akukho bungqina bubonisa ukuba izilwanyana okanye abantu babephoswa eGehena ukuze batshiswe bephila okanye bangcungcuthekiswe. Ngoko le ndawo yayingenakumela indawo engabonakaliyo apho kungcungcuthekiswa imiphefumlo yabantu ngonaphakade emlilweni. Kunoko, uYesu nabafundi bakhe bathetha ngeGehena njengendawo emela “ukufa kwesibini,” okusisohlwayo esingunaphakade, okuthetha ukutshatyalaliswa ngonaphakade.​​—ISi 20:​14; Mat 5:​22; 10:28.

  • Gera.

    Indlela yokumeta ubunzima obabulingana negram eyi-0,57. Ishekele enye yayiziigera eziyi-20. (Lev 27:​25)​​—Jonga Isihlomelo B14.

  • Giliyadi.

    Le ndawo ngumhlaba ochumileyo okwimpuma yoMlambo IYordan owawuqala kumantla eNtlambo YeYabhoki uyokutsho kumazantsi ayo. Ngamanye amaxesha eli gama lalibhekisela kuwo wonke umhlaba wamaSirayeli owawukwimpuma yeYordan, apho kwakuhlala isizwe samaRubhen, amaGadi nehafu yesizwe sakwaManase. (Num 32:1; Yos 12:2; 2Ku 10:​33)​​—Jonga Isihlomelo B4.

  • Gititi.

    Igama elisetyenziswa emculweni ekungaziwayo ukuba lithetha ukuthini, nangona kubonakala ukuba lithathwe kwigama lesiHebhere elithi gath. Abanye bakholelwa ukuba ngumculo owawudlalwa xa kuculwa iingoma ezinento yokwenza nokwenziwa kwewayini, ekubeni igama elithi gath libhekisela kwisixovulelo sewayini.​​—Nd 81:0.

  • Gqirha.

    Umntu othi uyathetha nabantu abafileyo.​​—Lev 20:​27; Dut 18:​10-12; 2Ku 21:6.

  • Gqwirha.

    Ukusebenzisa amandla avela kwimimoya emdaka.​​—2Kr 33:6.

  • Grike.

    Ulwimi oluthethwa ngabantu baseGrisi. Likwabhekisa nakumntu waseGrisi okanye umntu owazalwa ngabantu balapho. KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, eli gama libhekisela nakubantu abangengomaYuda okanye abantu abaphenjelelwa lulwimi lwesiGrike nasisithethe sawo.​​—Yow 3:6; Yoh 12:20.

  • ukuGuquka.

    EBhayibhileni eli gama lithetha ukutshintsha kwendlela umntu acinga ngayo okubonakala ngokuzisola kwakhe ngendlela ebeziphethe ngayo ngaphambili, ngezinto ezimbi azenzileyo okanye ngezinto angazenzanga. Umntu oguquke nyhani ubonakala ngezenzo.​​—Mat 3:8; IZe 3:​19; 2Pe 3:9.

  • abaGwebi.

    Amadoda awayekhethwa nguYehova ukuba ancede abantu ngaphambi kokuba kubekho ookumkani kwaSirayeli.​​—ABa 2:16.

  • iGwele.

    Into efakwa entlameni ukuze inyuke okanye igalelwe kwiziselo ukuze zibile. Lalidla ngokuba yintlama eshiyeke kwebinyukile. Amaxesha amaninzi, eBhayibhileni eli gama limela isono okanye ukonakala. Kwakhona lisetyenziswa ukuchaza ulwando olufihlakeleyo.​​—Eks 12:​20; Mat 13:​33; Gal 5:9.

H

  • iHabile.

    Ingqolowa ekumgangatho ophantsi (Triticum spelta), eneenkozo ezingaxobuki lula.​​—Eks 9:32.

  • Hebhere.

    Igama awayebizwa ngalo uAbram (Abraham), elalimohlula kubamelwane bakhe abangama-Amori. Laphinda labhekisela kwinzala ka-Abraham eyavela kumzukulwana wakhe uYakobi nakulwimi eyayiluthetha. Xa uYesu wayesemhlabeni, ulwimi lwesiHebhere lwalusele lunamagama amaninzi esiAramiki yaye yayilulwimi oluthethwa nguKristu nangabafundi bakhe.​​—Gen 14:​13; Eks 5:3; IZe 26:14.

  • ukuHenyuza.

    ​​—Funda kwindawo ethi UKUZIPHATHA KAKUBI NGESONDO.

  • Hermes.

    Isithixo samaGrike esingunyana kaZeyus. Abantu baseListra bathi uPawulos nguHermes kuba esi sithixo kwakusithiwa ngumthunywa woothixo yaye nguthixo wobuciko.​​—IZe 14:12.

  • Herode.

    Ifani eyayibizwa ngayo intsapho eyayikhethwe ngamaRoma ukuba ilawule amaYuda. Kwaqala kwalawula uHerode Omkhulu, owayedume ngokwakha iTempile yaseYerusalem nangokuyalela ukuba kubulawe abantwana ngelizama ukubulala uYesu. (Mat 2:​16; Luk 1:5) UHerode Arkelawo noHerode Antipas ababengoonyana bakaHerode Omkhulu bakhethwa ukuba balawule iindawo ezithile ezazilawulwa ngutata wabo. (Mat 2:​22) UAntipas wayengumlawuli wesithili yaye ebizwa ngokuba ‘ngukumkani.’ Nguye owayelawula kwiminyaka emithathu enehafu yokushumayela kukaKristu nangexesha ekuthethwa ngalo kwincwadi yeZenzo ukuya kutsho kwisahluko 12. (Mar 6:​14-17; Luk 3:​1, 19, 20; 13:​31, 32; 23:​6-15; IZe 4:​27; 13:1) Emva koko, uHerode Agripa I, umzukulwana kaHerode Omkhulu, wabulawa yingelosi kaThixo emva kokulawula ixesha elifutshane. (IZe 12:​1-6, 18-23) Unyana wakhe uHerode Agripa II wangena esikhundleni sakhe, waza walawula de yalixesha amaYuda alwa ngalo namaRoma.​​—IZe 23:​35; 25:​13, 22-27; 26:​1, 2, 19-32.

  • Higayoni.

    Igama elisetyenziswa emculweni. Njengoko lisetyenziswe kwiNdumiso 9:​16, eli gama libonisa ukudlalelwa phantsi kohadi okanye ukunqumama okunceda umntu acinge.

  • Hin.

    Umlinganiselo wokumeta izinto ezingamanzi negama lento ekumetwa ngayo. Yayilingana neelitha eziyi-3,67. (Eks 29:4)​​—Jonga Isihlomelo. B14.

  • Hisope.

    Isityalo esinamasebe namagqabi amancinci ekwakufefwa ngaso igazi okanye amanzi kwimisitho yokucoca. Igama lesiGrike nelesiHebhere elisetyenziswe apha, linokuquka nezinye izityalo. Ihisope ekuthethwa ngayo kuYohane 19:​29, kusenokwenzeka ukuba yayiluhlobo oluthile lwesityalo esasinesebe elide ngokwaneleyo ukuba sikwazi ukuthwala isiponji esinewayini eyasezwa uYesu.​​—Eks 12:​22; Nd 51:7.

    • imiHla yokugqibela.

      La magama namanye athetha into efanayo, njengathi “ekupheleni kwemihla,” asetyenziswa kwiziprofeto zeBhayibhile ukubhekisela kwixesha apho iziganeko ziza kufikelela kuvutho-ndaba. (Hez 38:​16; Dan 10:​14; IZe 2:​17) Eli xesha lisenokuba yiminyaka nje embalwa okanye emininzi, kuxhomekeka kuhlobo lwesiprofeto. Eyona nto iphawulekayo kukuba iBhayibhile isebenzisa la magama ukuchaza “imihla yokugqibela” yeli xesha siphila kulo, ixesha lobukho bukaYesu kodwa engabonakali.​​—2Ti 3:1; Yak 5:3; 2Pe 3:3.

    • isiHlalo sokugweba.

      Yayidla ngokuba liqonga elingaphandle, onyuka izitepsi xa usiya kulo. Amagosa ayehlala kulo xa ethetha nabantu naxa echaza izigqibo zawo. Xa kuthethwa ‘ngesihlalo sokugweba sikaThixo’ ‘nesihlalo sokugweba sikaKristu,’ kuthethwa ngokugweba kukaYehova abantu.​​—Rom 14:​10; 2Ko 5:​10; Yoh 19:13.

    • ukuHlawulela.

      KwiZibhalo ZesiHebhere, eli gama lalibhekisela kwimibingelelo eyayisenziwa ngabantu ukuze bakwazi ukusondela kuThixo baze bamkhonze. KuMthetho kaMoses, le mibingelelo yayisenziwa ukuze abantu bakwazi ukubuyelana noThixo nangona babenze izono, okanye uhlanga lonke lonile, ngakumbi ngoSuku Lokuhlawulela olwalubakho kanye ngonyaka. Loo mibingelelo yayimela umbingelelo kaYesu, owazihlawulela ngokupheleleyo kwaba kanye izono zabantu, ebanika ithuba lokuphinda babe nobuhlobo noYehova. (Lev 5:​10; 23:​28; Kol 1:​20; Heb 9:​12) Eli gama likwathetha ukukhupha imali ukuze kukhululwe into ebithinjiwe, okanye ukuze umntu asinde ekohlwayweni, ekutsaleni nzima, esonweni okanye kwinto ebemele ayenze. Kwakunganyanzelekanga ukuba kusoloko kuhlawulwa ngemali. (Isa 43:3) Zazininzi izinto ezazifunisa ukuba kuhlawulwe. Ngokomzekelo, kwaSirayeli onke amazibulo angamakhwenkwe okanye aziinkunzi ayengakaYehova, yaye kwakufuneka ahlawulelwe ukuze akhululwe ekusebenzeleni uYehova yedwa. (Num 3:​45, 46; 18:​15, 16) Ukuba inkunzi yenkomo enobungozi ayivalelwanga, ize ibulale umntu, umnikazi wayo wayemele ahlawule ukuze azikhulule kwisigwebo sokufa. (Eks 21:​29, 30) Kodwa ke, wayengahlawulelwa umntu ongabulelanga ngempazamo. (Num 35:​31) Eyona ndlela ibalulekileyo yokuhlawulela ekuthethwa ngayo eBhayibhileni yekaKristu, owaye wafa ukuze akhulule abantu abathobelayo esonweni nasekufeni.​​—Nd 49:​7, 8; Mat 20:​28; Efe 1:7.

    • umHlonyane.

      Iintlobo ngeentlobo zezityalo ezikrakra kakhulu nezinevumba elinamandla. EBhayibhileni umhlonyane udla ngokubhekisela kwimiphumo ebuhlungu yokuziphatha kakubi, yokwenziwa ikhoboka, yokungabikho kobulungisa, neyokujikela uThixo. KwiSityhilelo 8:​11 ‘umhlonyane’ uthetha into ekrakra okanye ityhefu.​​—Dut 29:​18; IMi 5:4; Yer 9:​15; Amo 5:7.

    • Homere.

      Indlela yokumeta elingana nekore. Ngokusekelwe kwindlela eyayibalwa ngayo ibhate, ihomere yayilingana neelitha eziyi-220. (Lev 27:​16)​​—Jonga Isihlomelo B14.

    • Horebhe; iNtaba YeHorebhe.

      Indawo eyayingqonge iNtaba YeSinayi. Elinye igama ebizwa ngalo iNtaba YeSinayi. (Eks 3:1; Dut 5:2)​​—Jonga Isihlomelo B3.

    I

    • Iliriko.

      Iphondo lamaRoma elalikumntla-ntshona weGrisi. UPawulos wahamba wazokufikelela nakule ndawo. Kodwa akwaziwa ukuba washumayela kuyo na. (Rom 15:​19)​​—Jonga Isihlomelo B13.

    K

    • Kabhe.

      Indlela yokukala elingana neelitha eziyi-1, 22, ngokusekelwe kwindlela ebalwa ngayo ibhate. (2Ku 6:​25)​​—Jonga Isihlomelo B14.

    • Kanan.

      Umzukulwana kaNowa, ongunyana wesine kaHam. Izizwe eziyi-11 ezaziyinzala kaKanan zaya kuhlala kummandla ogudle impuma yeMeditera phakathi kweYiputa neSiriya. Loo mmandla wawubizwa ngokuba ‘lilizwe lakwaKanan.’ (Lev 18:3; Gen 9:​18; IZe 13:​19)​​—Jonga Isihlomelo B4.

    • Kasiya.

      Ixolo lomthi wekasiya, ozalana nomthi wesinamon. Ikasiya yayisetyenziswa njengesiqholo naxa kusenziwa ioli engcwele yokuthambisa.​​—Eks 30:​24; Nd 45:8; Hez 27:19.

    • ukuKatsa.

      Eli gama lithetha ukubetha ngesabhokwe esibotshiweyo okanye esifakwe izinto ezihlabayo emsileni.​​—Yoh 19:1.

    • Kemoshe.

      Uthixo omkhulu wamaMowabhi.​​—1Ku 11:33.

    • Kesare.

      Igama lentsapho yaseRoma elaba yindlela ababizwa ngayo abalawuli baseRoma. UAgasto, uTibheriyo noKlawudiyo babizwa ngamagama eBhayibhileni, ibe noNero unguye uKesare, nangona yena engachazwa ngegama. KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, igama elithi “Kesare” limela nabasemagunyeni okanye uRhulumente.​​—Mar 12:​17; IZe 25:12.

    • Khaledi; amaKhaledi.

      Ligama lelizwe nabantu ababehlala phakathi komlambo iTigris nomEfrate. Ekuhambeni kwexesha la magama ayebhekisela kuyo yonke iBhabhiloni nabantu bayo. Igama elithi “amaKhaledi” laliphinde libhekisele kubantu abafundileyo abazi isayensi, imbali, iilwimi kunye neenkwenkwezi kodwa abenza umlingo yaye bevumisa ngeenkwenkwezi.​​—Ezr 5:​12; Dan 4:7; IZe 7:4.

    • Kherubhi.

      Iingelosi ezikwisikhundla esiphezulu nezinemisebenzi ekhethekileyo. Zahlukile kwiiserafi.​​—Gen 3:​24; Eks 25:​20; Isa 37:​16; Heb 9:5.

    • iKhethini.

      Ilaphu elihle elihonjiswe ngemifanekiso yeekherubhi, elalisahlula iNgcwele kweYona Ngcwele kwintente engcwele nakwitempile. (Eks 26:​31; 2Kr 3:​14; Mat 27:​51; Heb 9:3)​​—Jonga Isihlomelo B5.

    • isiKhumba.

      Ufele lwegusha, lwebhokhwe okanye lwethole lenkomo, ekwakubhalwa kulo. Lwalomelele kunompapiri ibe kwakusenziwa ngalo imisongo yeBhayibhile. Kusenokwenzeka ukuba izikhumba awathi uPawulos kuTimoti makeze nazo zazineZibhalo zesiHebhere. Eminye imiSongo Yolwandle Olufileyo yayizizikhumba.​​—2Ti 4:13.

    • iKhwezi.

      Yinkwenkwezi yokugqibela ukuvela ngasempuma ngaphambi kokuba kuphume ilanga, ngaloo ndlela ibonisa ukuba kuza kusa.​​—ISi 22:​16; 2Pe 1:19.

    • Kislevu.

      Emva kokuba amaYuda ebuyile eBhabhiloni, eli yaba ligama lenyanga yethoba kwikhalenda yamaYuda engcwele nelenyanga yesithathu kwikhalenda eqhelekileyo. Yayisusela phakathi kuNovemba iyokutsho phakathi kuDisemba. (Neh 1:1; Zek 7:1)​​—Jonga Isihlomelo B15.

    • Korale.

      Into eqine okwelitye eyayiveliswa kukudibana kwamathambo ezilwanyana ezincinci zaselwandle. Ifumaneka elwandle yaye iyimibala eyahlukahlukeneyo. Eminye ibomvu, eminye imhlophe ize eminye ibe mnyama. Iikorale zazininzi kuLwandle Olubomvu. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ikorale ebomvu yayinexabiso eliphezulu yaye kwakusenziwa amaso nezinye izinto zokuhombisa ngayo.​​—IMi 8:11.

    • Kore.

      Indlela yokumeta izinto ezingamanzi nezinye izinto. Yayilingana neelitha eziyi-220, ngokusekelwe kwindlela yokubala ibhate. (1Ku 5:​11)​​—Jonga Isihlomelo B14.

    • ukuKrexeza.

      Ukulala ngabom komntu otshatileyo nomnye umntu angatshatanga naye.​​—Eks 20:​14; Mat 5:​27; 19:9.

    • Kristu.

      Isibizo abizwa ngaso uYesu. Sithathwe kwigama elithi Khri·stosʹ, elithetha into efanayo nelesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “Mesiya,” okanye “Othanjisiweyo.”​​—Mat 1:​16; Yoh 1:41.

    • umKristu.

      Igama uThixo alinike abalandeli bakaYesu Kristu.​​—IZe 11:​26; 26:28.

    • Kubhite.

      Indlela yokumeta ubude eyayisuka engqinibeni ukuyokutsho kwincam yomnwe ophakathi. Ikubhite yamaSirayeli yayilingana malunga neesentimitha eziyi-44,5 kodwa ayebala nangenye ikubhite enkulu kunaleyo, yona eyayimalunga neesentimitha eziyi-51,8. (Gen 6:​15; Luk 12:​25)​​—Jonga Isihlomelo B14.

    • Kumkanikazi Wamazulu.

      Indlela awayebizwa ngayo uthixokazi owayekhonzwa ngamaSirayeli awayejikele uThixo ngemihla kaYeremiya. Abanye bathi libhekisa kwisithixokazi saseBhabhiloni uIshta (uAstarte). Igama lesinye isithixokazi saseSumer uInanna lithetha ukuthi “uKumkanikazi Wamazulu.” Enye into esasidityaniswa nayo esi sithixo kukuba nguthixokazi wenzala. UAstarte ukwabizwa ngokuba “Linenekazi Lamazulu” komnye umbhalo waseYiputa.​​—Yer 44:19.

    L

    • abaLandeli bakaHerode.

      Yayiliqela labantu abathanda ilizwe labo nababexhasa ooHerode ababelawula phantsi kwamaRoma. Kusenokwezeka ukuba abanye babaSadusi babengabeli qela. Aba balandeli bakaHerode bancedisa abaFarisi ekuchaseni uYesu.​​—Mar 3:6.

    • iLaphu lokwenza ingxowa.

      Ilaphu elirhwexayo ekwakusenziwa ngalo iingxowa zokufaka ukutya okuziinkozo. Lalidla ngokwenziwa ngoboya beebhokhwe ezinemibala engakhanyiyo, yaye lalinxitywa ngabantu abazilileyo.​​—Gen 37:​34; Luk 10:13.

    • umaLathisi.

      Eli gama lisetyenziswe kwiiNdumiso yaye ligama lesiHebhere ekubonakala ukuba libhekisela kumntu owayehlela iingoma, esalathisa nokuculwa kwazo. Wayeqeqesha yaye eqhelisela neemvumi ezingabaLevi, ekhokela naxa becula kumatheko. Ezinye iiBhayibhile ziliguqulele eli gama ngokuthi “imvumi ephambili” okanye “umalathisi womculo.”​​—Nd 4:0; 5:0.

    • umLawuli wephondo.

      Umlawuli oyintloko wephondo eliphantsi kweKomiti yaseburhulumenteni baseRoma. Wayenegunya kwiinkundla nasemkhosini, ibe nangona wayephantsi kwale Komiti, nguye owayephethe lonke iphondo.​​—IZe 13:7; 18:12.

    • Lepton.

      Ngexesha lokubhalwa kweZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, iLepton yayiyeyona mali yamaYuda yayincinci, eyayenziwe ngekopolo okanye ngomxube wekopolo nenkcenkce. (Mar 12:​42, umbhalo osemazantsi; Luk 21:​2, umbhalo osemazantsi)​​—Jonga Isihlomelo B14.

    • Levi; umLevi.

      Unyana wesithathu kaYakobi awamfumana ngomfazi wakhe uLeya. Amaqela amathathu ababingeleli ayephuma koonyana abathathu bakaLevi. Ngamanye amaxesha, igama elithi “abaLevi” libhekisela kuso sonke isizwe sabo ngaphandle kwababingeleli abaphuma kwintsapho ka-Aron. Isizwe sabaLevi zange siwunikwe umhlaba kwiLizwe Lesithembiso kodwa sanikwa izixeko eziyi-48 ngaphakathi kwemida yemihlaba eyanikwa ezinye izizwe.​​—Dut 10:8; 1Kr 6:1; Heb 7:11.

    • Leviyatan.

      Isilwanyana ekudla ngokuthiwa sesasemanzini. KuYobhi 3:8 naku-41:​1, kubonakala ngathi kubhekiselwa kwingwenya okanye kwesinye isilwanyana sasemanzini esikhulu nesinamandla. KwiNdumiso 104:​26, kusenokuba kubhekiselwa kuhlobo oluthile lwentlanzi enkulu. Kwezinye iindawo eli gama lisetyenzisiwe kodwa alibhekiseli kwisilwanyana uqobo.​​—Nd 74:​14; Isa 27:1.

    • Loge.

      Eyona ndlela incinci yokumeta nantoni na engamanzi ekuthethwa ngayo. KwiTalmud yamaYuda ichazwa njengehafu yehin, ngoko ukuba kunjalo, iloge ilingana neelitha eziyi-0,31 (Lev 14:​10)​​—Jonga Isihlomelo B14.

    M

    • Mahalati.

      Igama ekubonakala ukuba lelomculo, elikumbhalo osemantla weNdumiso 53 no-88. Kusenokwenzeka ukuba linento yokwenza nengcambu yesenzi sesiHebhere esithetha “ukuba buthathaka, ukugula,” libonisa ukuba kumele kuculwe ngethoni elusizi, nto leyo evisisanayo nento ebhalwe kwezi ngoma.

    • Makedoni.

      Ingingqi ekumntla weGrisi eyaduma ngexesha lika-Aleksandire Omkhulu neyahlala izimele de yoyiswa ngamaRoma. Xa umpostile uPawulos wayetyelela okokuqala eYurophu, iMakedoni yayiliphondo lamaRoma. UPawulos waya kathathu eMakedoni. (IZe 16:9)​​—Jonga Isihlomelo B13.

    • Malekam.

      Mhlawumbi uthetha into enye noMoleki, isithixo esiphambili sama-Amoni. (Zef 1:5)​​—Funda kwindawo ethi MOLEKI.

    • Mana.

      Okona kutya kwakutyiwa ngamaSirayeli xa ayehamba entlango iminyaka eyi-40. Ayeyinikwa nguYehova. Ntsasa nganye, yayibakho phezu komhlaba ngokungummangaliso igqunywe ngumbethe, kodwa yayingabikho ngeSabatha. Xa amaSirayeli ayeqala ukuyibona athi: “Yintoni le?” okanye ngesiHebhere athi, “man huʼ?” (Eks 16:​13-15, 35) Kwezinye iindawo kuthiwa ‘ziinkozo ezivela ezulwini’ (Nd 78:​24), ‘isonka esivela ezulwini’ (Nd 105:​40), ‘nesonka samakroti’ (Nd 78:​25). NoYesu wathetha ngemana, ebhekisela kwenye into.​​—Yoh 6:​49, 50.

    • uMantyi.

      Kurhulumente waseBhabhiloni, oomantyi yayingamagosa eengingqi awayewazi umthetho nawayenegunya elincinane lokugweba. Kwiindawo ezazilawulwa ngamaRoma, oomantyi babengabaphathi basekuhlaleni. Imisebenzi yabo yayiquka ukugcina ucwangco, ukulawula imali, ukugweba abantu abophula umthetho, nokukhupha izohlwayo.​​—Dan 3:2; IZe 16:20.

    • Maskili.

      Igama lesiHebhere elingaziwayo ukuba lithetha ukuthini, elikwimibhalo esemantla yeendumiso eziyi-13. Kusenokwenzeka ukuba lithetha “umbongo womntu ocingayo.” Abanye bacinga ukuba igama elibhalwa ngendlela ephantse ifane, eliguqulelwe ngokuthi ‘ukusebenzela omnye umntu ngobulumko,’ lisondele kulo.​​—2Kr 30:​22; Nd 32:0.

    • iMboni.

      Umntu onikwe nguThixo amandla okuqonda ukuthanda kwakhe, ovulwe amehlo ukuba abone okanye aqonde izinto abangaziqondiyo abanye abantu. Eli gama lithathwe kwelesiHebhere elithetha “ukubona” kokwenene okanye ngamehlo engqondo. Imboni yayiba ngumntu ekucelwa kuye amacebiso okanye uncedo xa kukho ingxaki.​​—1Sa 9:9.

    • Medi; eMedi.

      Abantu abaphuma kumnombo kaMadayi ongunyana kaYafete; babehlala kummandla weentaba waseIran owathi kamva waba yiMedi. AmaMedi adibana neBhabhiloni ukuze oyise iAsiriya. Ngelo xesha iPersi yayiliphondo eliphantsi kweMedi, kodwa uKoreshi walwa yaza iMedi yadibana nePersi ukuze kusekwe ubukhosi bamaMedi namaPersi. Obo bukhosi boyisa ubukhosi baseBhabhiloni ngo-539 B.C.E. AmaMedi ayekhona eYerusalem ngePentekoste ka-33 C.E. (Dan 5:​28, 31; IZe 2:9)​​—Jonga Isihlomelo B9.

    • umMeli oyintloko.

      La magama athathwe kwigama lesiGrike elithetha “Inkokheli.” Lichaza owona msebenzi uyintloko kaYesu Kristu, ukukhulula abantu abathembekileyo kwisono esibulalayo aze abakhokelele kubomi obungunaphakade.​​—IZe 3:​15; 5:​31; Heb 2:​10; 12:2.

    • Merodaki.

      Isithixo esiphambili sesixeko saseBhabhiloni. Emva kokuba ukumkani waseBhabhiloni nowayebeka imithetho uHammurabi wenza iBhabhiloni ikomkhulu, uMerodaki (okanye uMarduk) waye esiba ngobalulekileyo. Ekugqibeleni, esi sithixo saba sesona sibalulekileyo kunazo zonke ezinye izithixo zaseBhabhiloni ezazikho ngaphambili. Ekuhambeni kwexesha, igama elithi Merodaki (okanye uMarduk) latshintshwa lasisibizo esithi “Belu” (“Umlawuli”), yaye uMerodaki (okanye uMarduk) wayesaziwa ngokuba nguBel.​​—Yer 50:2.

    • Mesiya.

      Igama elithathwe kwelesiHebhere elithetha “ukuthanjiswa” okanye “othanjisiweyo.” Xa liguqulelwa lisuka kwisiGrike, eli gama ‘nguKristu.’​​—Dan 9:​25; Yoh 1:41.

    • iMfihlelo engcwele.

      Kukuthanda kukaThixo angakuchazanga de kufike ixesha lakhe, ibe ukuchaza kuphela kwabo abakhethileyo.​​—Mar 4:​11; Kol 1:26.

    • Miktam.

      Igama lesiHebhere elibhalwe kumbhalo osemantla kwiindumiso ezintandathu (Nd 16; 56–60). Alaziwa ncam ukuba lithetha ukuthini, kodwa kusenokwenzeka ukuba liyelelene kwigama elithi “umbhalo.”

    • Milkom.

      Uthixo wama-Amoni, ekusenokwenzeka ukuba ikwanguthixo onguMoleki. (1Ku 11:​5, 7) Ngasekupheleni kokulawula kwakhe, uSolomon wamakhela iindawo eziphakamileyo lo thixo wobuxoki.​​—Funda kwindawo ethi MOLEKI.

    • Mina.

      Ibizwa ngokuba yimane kuHezekile. Yindlela ekubalwa ngayo ubunzima yaye ikwayimali. Ubungqina obukhoyo bezinto eziye zembiwa bubonisa ukuba imina yayilingana neeshekele eziyi-50, ibe ishekele yayiziigram eziyi-11,4, ngoko imina ekuthethwa ngayo kwiZibhalo ZesiHebhere yayiziigram eziyi-570. Kusenokwenzeka ukuba kwakukho nemina yasebukhosini, kanye njengokuba kwakunjalo ngekubhite. KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, imina yayilingana needrarhma eziyi-100. Yayiziigram eziyi-340. Kwakuphuma iimina eziyi-60 kwitalente enye. (Ezr 2:​69; Luk 19:​13)​​—Jonga Isihlomelo B14.

    • iMini Yomgwebo.

      Usuku okanye ixesha apho amaqela, iintlanga okanye abantu beza kuphenduliswa nguThixo. Isenokuba lixesha apho abo bagwetyelwe ukufa beza kutshatyalaliswa, okanye elo xesha isenokuba lithuba lokuba abanye abantu basindiswe baze bafumane ubomi obungunaphakade. UYesu kunye nabapostile bakhe bathetha ‘ngeMini Yomgwebo’ ekuza kugwetywa ngayo abaphilayo nabaye bafa kwixesha elidlulileyo.​​—Mat 12:36.

    • uMlamli.

      Umntu ongena phakathi kwabantu okanye amaqela amabini ukuze axolelanise. KwiZibhalo, uMoses ngumlamli wesivumelwano soMthetho aze uYesu abe ngumlamli wesivumelwano esitsha.​​—Gal 3:​19; 1Ti 2:5.

    • Moleki.

      Isithixo sama-Amoni, ekusenokwenzeka ukuba ikwanguMalekam, uMilkom okanye uMolokhi. Kunokuba ibe ligama lothixo othile, eli gama isenokuba sisibizo. UMthetho KaMoses wawusithi makabulawe nabani na obingelela ngabantwana bakhe kuMoleki.​​—Lev 20:2; Yer 32:​35; IZe 7:43.

    • Molokhi.

      ​​—Funda kwindawo ethi MOLEKI.

    • uMolulo wesandla.

      Le yindlela yokumeta elingana nobude obuphakathi kocikicane nobhontsi xa isandla sivuliwe. Umolulo wesandla uyi-22,2 cm ubude, yona ikubhite iyi-44,5 cm. (Eks 28:​16; 1Sa 17:4)​​—Jonga Isihlomelo B14.

    • More.

      Intlaka enevumba elimnandi ethathwe kwizihlahla ezahlukahlukeneyo ezinameva okanye kwimithi emincinci ekuthiwa yiCommiphora. Imore yayiyenye yezinto ezazigalelwa xa kusenziwa ioli yokuthambisa engcwele. Yayisetyenziswa ukuqhola iimpahla neebhedi, yaye yayixutywa namafutha okumasaja nawokuthambisa umzimba. Imore yayisetyenziswa nakwizidumbu eziza kungcwatywa.​​—Eks 30:​23; IMi 7:​17; Yoh 19:39.

    • uMoya.

      Eli gama ngesiHebhere ngu-ruʹach, ngesiGrike ngu-pneuʹma, ibe lithetha izinto ezininzi. La magama abhekisa kwezi zinto: (1) umoya ovuthuzayo, (2) ubomi obukwizidalwa ezisemhlabeni, (3) into eqhuba intliziyo yomntu ukuze athethe aze enze izinto ngendlela ethile, (4) amazwi aphefumlelweyo asuka kuThixo okanye kwizidalwa ezingabonakaliyo, (5) abantu bomoya, (6) namandla asebenzayo kaThixo, okanye umoya oyingcwele.​​—Eks 35:​21; Nd 104:​29; Mat 12:​43; Luk 11:13.

    • uMoya oyingcwele.

      Amandla angabonakaliyo avela kuThixo nawasebenzisayo ukuze enze ukuthanda kwakhe. Ungcwele lo moya kuba uvela kuThixo ococekileyo nolilungisa ngeyona ndlela iphakamileyo, yaye uyawusebenzisa ukuze enze imisebenzi yakhe engcwele.​​—Luk 1:​35; IZe 1:8.

    • iiMpondo zesibingelelo.

      Iimpondo ezazikwiikona zezinye izibingelelo. (Lev 8:​15; 1Ku 2:​28)​​—Jonga Isihlomelo B5 no-B8.

    • uMtyholi.

      Igama elichaza uSathana kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, elithetha “Umntu ongcolisa igama lomnye.” USathana wanikwa igama elithi uMtyholi kuba uhamba phambili ekungcoliseni igama nasekutyholeni uYehova, ilizwi lakhe elilungileyo negama lakhe elingcwele.​​—Mat 4:1; Yoh 8:​44; ISi 12:9.

    • Mute-labhen.

      Igama elikumbhalo osemantla kwiNdumiso 9. Lalisaziwa njengelithetha ukuthi “ngonyana oswelekileyo.” Abanye bathi ligama okanye amagama okuqala endlela emayiculwe ngayo le ndumiso.

    N

    • iNadusi.

      Ioli enuka kamnandi, ebiza imali eninzi, enombala obubomvurha, eyenziwe ngesityalo esibizwa ngokuba yispikenard (Nardostachys jatamansi ). Ekubeni yayidura, yayidla ngokuxutywa neeoli ezitshiphu, ibe ngamanye amaxesha kwakusenziwa ezinye ezinuka njengayo. Yiloo nto uMarko noYohane bathi kwasetyenziswa “inadusi yodidi” kuYesu.​​—Mar 14:3; Yoh 12:3.

    • umNazarete.

      Igama awayebizwa ngalo uYesu, kuba wayesuka kwidolophu yaseNazarethe. Kusenokwenzeka ukuba eli gama lifana nelesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ihlumelo” kuIsaya 11:1. Kamva nabafundi bakaYesu babebizwa ngalo.​​—Mat 2:​23; IZe 24:5.

    • umNaziri.

      Igama elithathwe kwelesiHebhere elithetha “Umntu Okhethwe Kwabanye,” “Umntu Ozinikeleyo,” “Umntu Obekelwe Bucala.” Kwakukho iintlobo ezimbini zamaNaziri: abo bazikhethele ukuba ngawo, nabo bakhethwe nguThixo. Indoda okanye umfazi wayesenza isifungo kuYehova sokuba ngumNaziri ithutyana. Abo bazikhethele ukwenza esi sifungo, kwakufuneka bangenzi ezi zinto zintathu: babemele bangaseli tywala okanye batye nantoni na eyenziwe ngeediliya, babemele bangazichebi iinwele, bangasichukumisi nesidumbu. Abo bakhethwe nguThixo babehlala bengamaNaziri ubomi babo bonke, ibe nguYehova owayebaxelela izinto ababemele bazenze namabangazenzi.​​—Num 6:​2-7; ABa 13:5.

    • iiNdaba ezilungileyo.

      KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, ziindaba ezilungileyo ezithetha ngoBukumkani BukaThixo nangokusindiswa kwabantu abakholelwa kuKristu Yesu.​​—Luk 4:​18, 43; IZe 5:​42; ISi 14:6.

    • iNdawo engcwele.

      Idla ngokuba yindawo ekukhonzelwa kuyo. Kodwa amaxesha amaninzi ibhekisela kwintente engcwele okanye itempile eseYerusalem. Eli gama lidla ngokusetyenziswa naxa kuthethwa ngendawo uThixo ahlala kuyo emazulwini.​​—Eks 25:​8, 9; 2Ku 10:​25; 1Kr 28:​10; ISi 11:19.

    • iNdawo ephakamileyo.

      Indawo ekwakukhonzelwa kuyo, eyayidla ngokuba sendulini, entabeni okanye ibe liqonga elakhiweyo. Nangona ezi ndawo ngamanye amaxesha zasisetyenziselwa ukunqula uThixo, amaxesha amaninzi zazisetyenziselwa ukunqula oothixo bobuxoki babahedeni.​​—Num 33:​52; 1Ku 3:2; Yer 19:5.

    • iNdlela YeNkosi.

      Babebizwa njalo aba baye baba ngabalandeli bakaYesu Kristu, kuba babephila ngendlela ebonisa ukuba banokholo kuYesu Kristu, belandela nomzekelo wakhe.​​—IZe 19:9.

    • iNdlu akhonzela kuyo amaYuda.

      Eli gama lithetha “ukuhlanganisana; indibano,” kodwa kwizibhalo ezininzi lithetha isakhiwo okanye iindawo ayehlanganisana kuzo amaYuda, ukuze afunde iZibhalo, afundiswe, ashumayele aze athandaze. Ngemihla kaYesu, dolophu nganye yayisiba nendlu akhonzela kuyo amaYuda, ibe zazide zibe liqela kwizixeko ezikhulu.​​—Luk 4:​16; IZe 13:​14, 15.

    • iNduli.

      NgesiHebhere eli gama “nguMillo” othathwe kwigama elinengcambu ethetha “ukugcwalisa”. ISeptuagint iliguqulela ngokuthi “inqaba”. Kubonakala ukuba yayiyindawo ekwisiXeko SikaDavide kodwa akwaziwa ncam ukuba yayinjani.​​—2Sa 5:9; 1Ku 11:27.

    • iNdumiso.

      Ingoma yokudumisa uThixo. Iindumiso zaziculwa ngabantu abakhonza uYehova uThixo, bezicula naxa bemkhonza etempileni eYerusalem.​​—Luk 20:​42; IZe 13:​33; Yak 5:13.

    • iiNefili.

      Iindlobongela zabantwana beengelosi nabantu ngaphambi koMkhukula.​​—Gen 6:4.

    • iNehiloti.

      Akuqinisekwanga ukuba eli gama lithetha ukuthini, ibe livela kumbhalo osemantla weNdumiso 5. Abanye bakholelwa ukuba esi sisixhobo somculo esivuthelwayo, nto leyo elisondeza kwigama lesiHebhere elifana nelithi cha·lilʹ (elithetha ifleyiti). Kodwa ke, kusenokwenzeka ukuba libhekisela kuhlobo oluthile lwengoma.

    • amaNethini.

      Abantu abangengomaSirayeli ababesebenza etempileni. Eli ligama lesiHebhere elithetha “Abanikelweyo,” kuba babenikelwe ukuba basebenze etempileni. Kubonakala ukuba abaninzi kumaNethini babephuma kwinzala yamaGibheyon awathi uYoshuwa kuwo, “niza kuhlala ningamakhoboka athuthela indlu kaThixo wam iinkuni namanzi.”​​—Yos 9:​23, 27; 1Kr 9:2; Ezr 8:17.

    • iNgcongolo.

      Igama ezibizwa ngalo izityalo ezininzi ezikhula kwiindawo ezinamanzi. Amaxesha amaninzi ingcongolo ekuthethwa ngayo yiArundo donax. (Yob 8:​11; Isa 42:3; Mat 27:​29; ISi 11:1)​​—Funda kwindawo ethi INGCONGOLO YOKUMETA.

    • iNgcongolo yokumeta.

      Yayinobude obuziikubhite ezintandathu. Xa imetwa ngekubhite eqhelekileyo, yayiziimitha eziyi-2,67; ngokusuka kwikubhite ende, yayiziimitha eziyi-3,11. (Hez 40:​3, 5; ISi 11:1)​​—Jonga Isihlomelo B14.

    • iNgcwaba.

      Igama elibhekisela kwingcwaba lomntu omnye, kwakhona libhekisela kwingcwaba njengendawo apho wonke umntu aphelela khona. Eli gama lithetha into enye nelo lesiHebhere ‘uShiyol’ nelesiGrike ‘uHadesi.’ EBhayibhileni lichaza indawo okanye imeko apho umntu angenzi nto yaye kungekho nto ayaziyo.​​—Gen 47:​30; INt 9:​10; IZe 2:31.

    • iNgcwaba lenkumbulo.

      Indawo ekwakubekwa kuyo umzimba womntu oswelekileyo. Eli gama liguqulelwe kwelesiGrike elithi mne·meiʹon, elisuka kwisenzi esithi “khumbuza,” ukuze libonise ukuba umntu oswelekileyo uyakhunjulwa.​​—Yoh 5:​28, 29.

    • iNgcwele.

      Igumbi lokuqala elikhulu kwintente engcwele okanye kwitempile. Lahlukile kwelo lingaphakathi elibizwa ngokuthi Eyona Ngcwele. KwiNgcwele yentente engcwele, kwakukho isiphatho sezibane segolide, isibingelelo segolide sesiqhumiso esiqholiweyo, itafile enezonka zokubonisa nezixhobo zokusebenza zegolide. KwiNgcwele yetempile kwakukho isibingelelo segolide, iziphatho zezibane zegolide ezilishumi neetafile ezilishumi ezinezonka zokubonisa. (Eks 26:​33; Heb 9:2)​​—Jonga Isihlomelo B5 no-B8.

    • ubuNgcwele.

      Uphawu olubonisa ukuba uThixo unjani; owona mgangatho uphezulu wokucoceka. (Eks 28:​36; 1Sa 2:2; IMi 9:​10; Isa 6:3) Xa kubhekiselwa ebantwini (Eks 19:6; 2Ku 4:9), kwizilwanyana (Num 18:​17), kwizinto (Eks 28:​38; 30:​25; Lev 27:​14), kwiindawo (Eks 3:5; Isa 27:​13), kumaxesha (Eks 16:​23; Lev 25:​12) nakwimisebenzi (Eks 36:4), lichaza ukwahlulwa, ukukhetheka okanye ukungcwaliswa koThixo ongcwele; ukubekelwa bucala ukuze wenze umsebenzi kaYehova. KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, igama elithi “ungcwele” nelithi “ubungcwele” abonisa ukuzahlulela kuThixo. Akwabonisa indlela acoceke ngayo umntu kwindlela aziphethe ngayo.​​—Mar 6:​20; 2Ko 7:1; 1Pe 1:​15, 16.

    • iNgelosi.

      Lisuka kwigama lesiHebhere elithi mal·ʼakhʹ nelesiGrike elithi agʹge·los. Omabini la magama athetha “umthunywa,” kodwa aguqulelwa ngokuthi “ingelosi” xa kubhekiselwa kumthunywa ongumoya. (Gen 16:7; 32:3; Yak 2:​25; ISi 22:8) Iingelosi zizidalwa zomoya ezinamandla. Zadalwa nguThixo kudala ngaphambi kokuba adale abantu. EBhayibhileni ziphinde zibizwe ngokuba ‘ngamashumi amawaka angcwele,’ “oonyana bakaThixo,” ‘neenkwenkwezi.’ (Dut 33:2; Yob 1:6; 38:7) Azizange zidalelwe ukuba zikwazi ukuvelisa inzala, kunoko kwadalwa nganye yazo. Zingaphezu kwezigidi ezilikhulu. (Dan 7:​10) IBhayibhile ibonisa ukuba zinamagama nobuntu obungafaniyo, kodwa ngenxa yokuthobeka azivumi ukunqulwa, ibe ezininzi zide zingavumi nokuchaza amagama azo. (Gen 32:​29; Luk 1:​26; ISi 22:​8, 9) Zinezikhundla ezingalinganiyo yaye zinikwe imisebenzi eyahlukahlukeneyo, equka ukusebenza phambi kwetrone kaYehova, ukudlulisa imiyalezo yakhe, ukunceda abakhonzi bakaYehova abasemhlabeni, ukwenza izinto uYehova agwebe ukuba mazenziwe, nokuxhasa ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo. (2Ku 19:​35; Nd 34:7; Luk 1:​30, 31; ISi 5:​11; 14:6) Kwixesha elizayo, ziza kuncedisa uYesu xa esilwa kwimfazwe yeArmagedon.​​—ISi 19:​14, 15.

    • iNgoma yokunyuka.

      Umbhalo osemantla weNdumiso 120-​134. Nangona abantu bezichaza ngeendlela ezahlukahlukeneyo, abaninzi bakholelwa ukuba ezi ndumiso ziyi-15 zaziculwa ngamaSirayeli xa onwabile ‘enyuka’ esiya kukhonza eYerusalem. IYerusalem yayikwiintaba zakwaYuda, ibe ayesiya apho kathathu ngonyaka kumatheko amakhulu awayesenziwa unyaka nonyaka.

    • iNgoma yokuzila.

      Umculo, okanye amazwi engoma aqanjiweyo ukuze kuchazwe intlungu engathethekiyo, njengeyokufelwa; ukuzila.​​—2Sa 1:​17; Nd 7:0.

    • isiNgxobo.

      Isingxobo esihonjisiweyo esasinxitywa ngumbingeleli omkhulu wakwaSirayeli esifubeni nanini na engena kwiNgcwele. Sasibizwa ngokuba ‘sisingxobo sokugweba’ kuba sasineUrim neTumim, ezazisetyenziswa ukuze kwaziwe ukuba siyintoni isigqibo sikaYehova. (Eks 28:​15-30)​​—Jonga Isihlomelo B5.

    • umNgxuma ongenasiphelo.

      Liguqulelwe kwigama lesiGrike elithi aʹbys·sos, elithetha indawo “enzulu kakhulu.” KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, lisetyenziswa xa kubhekiselwa kwindawo okanye imeko yokuvalelwa. Linokubhekisela nakwingcwaba kodwa aliphelelanga apho.​​—Luk 8:​31; Rom 10:7; ISi 20:3.

    • umNikelo oselwayo.

      Umnikelo wewayini owawugalelwa esibingelelweni nowawubakho xa kusenziwa phantse yonke eminye iminikelo. UPawulos wazekelisa ngawo xa wayechaza indlela akulungele ngayo ukuziqongqotha ngenxa yamanye amaKristu.​​—Num 15:​5, 7; Fil 2:17.

    • umNikelo otshangatshangiswayo.

      Umbingeleli wayebeka izandla zakhe phantsi kwezandla zomntu ophethe umbingelelo aza kunikela ngawo, aze azise ngapha nangapha; okanye umbingeleli wayewusa ngapha nangapha ngokwakhe umbingelelo. Loo nto yayibonisa ukuba loo mbingelelo unikelwe kuYehova.​​—Lev 7:30.

    • umNikelo otshiswayo.

      Umbingelelo wesilwanyana owawutshiswa esibingelelweni nowawungumnikelo opheleleyo kuThixo. Akukho ndawo kwesi silwanyana (inkunzi yenkomo, inkunzi yegusha, inkunzi yebhokhwe, ihobe lasendle okanye intshontsho levukuthu) eyayigcinwa nguloo mntu uzokubingelela.​​—Eks 29:​18; Lev 6:9.

    • umNikelo wesifungo.

      Umnikelo wokuzithandela ohamba nesifungo.​​—Lev 23:​38; 1Sa 1:21.

    • umNikelo wesono.

      Umnikelo owawusenziwa xa umntu eye wona ngempazamo ngenxa yobuthathaka bokuba engumntu. Kwakunikelwa ngeentlobo ngeentlobo zezilwanyana, ukususela kwinkunzi yenkomo ukuya kwihobe, kuxhomekeka kwisikhundla okanye iimeko zaloo mntu wonileyo.​​—Lev 4:​27, 29; Heb 10:8.

    • umNikelo wetyala.

      Umbingelelo owenziwa ngumntu owonileyo. Wahluke kancinane kweminye imibingelelo kuba wawunceda umoni oguqukileyo abuyiselwe amanye amalungelo ebephulukene nawo ngenxa yesono asenzileyo size siphele isohlwayo sakhe.​​—Lev 7:​37; 19:​22; Isa 53:10.

    • umNikelo wokubulela.

      Umnikelo wobuhlobo abantu ababewenza bebulela uThixo kuba ebakhathalele yaye ebathanda ngokungagungqiyo. Inyama yesilwanyana esinikelweyo yayityiwa nesonka esinegwele nesingenagwele. Yonke loo nyama yayimele ityiwe ngolo suku.​​—2Kr 29:31.

    • Nisan.

      Emva kokuba amaSirayeli ekhululwe eBhabhiloni, inyanga enguAbhibhi yathiywa eli gama litsha. Le yinyanga yokuqala kwikhalenda engcwele yamaYuda, nenyanga yesixhenxe kwikhalenda eqhelekileyo. Yayiqala phakathi kuMatshi ukuya phakathi kuApril. (Ne 2:1)​​—Jonga Isihlomelo B15.

    • iNkonzo engcwele.

      Umsebenzi ongcwele owenzelwa uThixo.​​—Rom 12:1; ISi 7:15.

    • iiNkumbi.

      Iintlobo ezahlukahlukeneyo zeentethe ezithanda ukufuduka zilibubu. KuMthetho KaMoses zazijongwa njengezicocekileyo, ngoko zazityiwa. Ibubu leenkumbi ezonakalisa yonke into esendleleni yalo, kwakusithiwa sisibetho.​​—Eks 10:​14; Mat 3:4.

    • iNkundla Ephakamileyo YamaYuda.

      Le nkundla yayiseYerusalem. Ngemihla kaYesu, yayinamalungu ayi-71, amanye awo ingumbingeleli omkhulu nabanye ababekhe baba ngababingeleli abakhulu, amalungu eentsapho zababingeleli abakhulu, abadala, iintloko zeentsapho nezezizwe, kunye nababhali.​​—Mar 15:1; IZe 5:​34; 23:​1, 6.

    • uNogada.

      Umntu ogade ukuba izinto okanye abantu bangonzakaliswa, ingakumbi ebusuku, aze alumkise abantu xa kukho ingozi ezayo. Amaxesha amaninzi oonogada babesima kwiindonga zesixeko nakwiinqaba ukuze bababone besekude abantu abezayo. Abaprofeti babefana noonogada bohlanga lwakwaSirayeli, belumkisa abantu ngentshabalalo ezayo.​​—2Ku 9:​20; Hez 3:17.

    • iiNtaba ZeLebhanon.

      Ngomnye wemimandla emibini yeentaba ezikumhlaba waseLebhanon. Omnye ummandla weentaba zaseLebhanon ungasentshona uze omnye ube ngasempuma. Phakathi kwale mimandla mibini, kwakukho ithafa elithe tyaba elinomhlaba otyebileyo. Olu dederhu lweentaba lwaluphakame phantse ukususela kunxweme lweMeditera, yaye ezona ncopho zalo ziphakamileyo zaziphakathi kweemitha eziyi-1 800 neziyi-2 100. Kudala iLebhanon yayinemithi emikhulu emininzi yomsedare, yaye yayithengiselwa amanye amazwe ngexabiso elikhulu. (Dut 1:7; Nd 29:6; 92:​12)​​—Jonga Isihlomelo B7.

    • iNtente engcwele.

      Intente awayekhonzela kuyo amaSirayeli nawayesenza kuyo imibingelelo emva kokuba emkile eYiputa. Le ntente ayekwazi ukuyithwala, ibe yayinetyeya kaYehova yesivumelwano eyayimela ubukho bukaThixo. Ngamanye amaxesha ibizwa ngokuba ‘yintente yokuhlangana.’ Yayenziwe ngamaplanga yaza yogqunywa ngelinen ehonjiswe ngeekherubhi. Yayinamagumbi amabini, elinye libizwa ngokuba yiNgcwele, elinye liyeYona Ngcwele. (Yos 18:1; Eks 25:9)​​—Jonga Isihlomelo B5.

    • iNtente yokuhlangana.

      Le yindlela eyayibizwa ngayo intente kaMoses nentente engcwele eyaqala ukusetyenziswa entlango.​​—Eks 33:7; 39:32.

    • iNtlaka yokuqhumisa.

      Incindi eyomisiweyo yemithi namahlahla eqela ekuthiwa yiBoswellia. Xa iqhunyiswa, yayikhupha ivumba elinuka kamnandi. Yayiyenye yezinto ezazifakwa kwisiqhumiso esingcwele esasityenziswa kwintente engcwele nasetempileni. Yayiba khona naxa kusenziwa umnikelo wokutya okuziinkozo ibe yayibekwa kwisixa ngasinye sesonka sokubonisa ngaphakathi kwiNgcwele.​​—Eks 30:​34-36; Lev 2:1; 24:7; Mat 2:11.

    • iziNto ezoxuthiweyo.

      Izinto zomntu okanye zasendlini, imfuyo, okanye izinto ezixabisekileyo ezithathwe emva kokoyisa emfazweni.​​—Yos 7:​21; 22:8; Heb 7:4.

    • iNtonga yobukhosi.

      Intonga eyayiphathwa ngumlawuli ukuze abonise ukuba unegunya.​​—Gen 49:​10; Heb 1:8.

    • iNtsika.

      Into yokuxhasa eme nkqo njengepali. Ezinye iintsika zazimiswa ukuze kukhunjulwe into eyenzeka embalini. Itempile nezinye izakhiwo ezakhiwa nguSolomon zazineentsika. Abahedeni bamisa iintsika ezingcwele zonqulo lwabo lobuxoki.​​—ABa 16:​29; 1Ku 7:​21; 14:​23.

    • iNtsika engcwele.

      Intsika emi nkqo, eyayidla ngokwenziwa ngelitye, ekubonakala ukuba lilungu lobudoda likaBhahali okanye abanye oothixo bobuxoki.​​—Eks 23:24.

    • umNtu oguqukele kubuYuda.

      EZibhalweni lo ngumntu owayengena kwinkonzo yobuYuda, yaye ukuba yindoda, kufuneke oluke.​​—Mat 23:​15; IZe 13:43.

    • uNyaka Wenkululeko.

      Lo nyaka wawubalwa qho emva kweminyaka eyi-50 ukususela ngemini amaSirayeli awangena ngayo kwiLizwe Lesithembiso. Ngaloo nyaka umhlaba wawungalinywa yaye amakhoboka angamaHebhere ayekhululwa. Umhlaba olilifa owawuthengisiwe wawubuyiswa. Eneneni lo Nyaka Wenkululeko yayiba ngumsitho wonyaka wonke, unyaka wokukhululeka kohlanga ukuze lubuyiselwe kwindlela olwaluyiyo xa uThixo wayelukhetha.​​—Lev 25:10.

    • ooNyana baka-Aron.

      Le yinzala yomzukulwana kaLevi uAron, owayekhethwe ukuba abe ngumbingeleli omkhulu wokuqala kuMthetho KaMoses. Oonyana baka-Aron babesenza imisebenzi yababingeleli kwintente engcwele nasetempileni.​​—1Kr 23:28.

    • uNyana kaDavide.

      Indlela awayedla ngokubizwa ngayo uYesu, ebonisa ukuba uyiNdlalifa yesivumelwano soBukumkani eyayiza kuphuma kumnombo kaDavide.​​—Mat 12:​23; 21:9.

    • uNyana womntu.

      Le yindlela abizwa ngayo uYesu Kristu, ibe ivela kayi-80 kwiincwadi zeVangeli. Ibonisa ukuba wayengesosidalwa somoya esambethe umzimba womntu, kodwa wazalwa engumntu. Ikwabonisa nokuba uYesu wayeza kuba ngulowo uchazwe kwisiprofeto sikaDaniyeli 7:​13, 14. KwiZibhalo ZesiHebhere, uHezekile noDaniyeli nabo babizwa ngale ndlela, nto leyo ebonisa ukuba bona bangabantu, ibe wona umyalezo uvela kuThixo.​​—Hez 3:​17; Dan 8:​17; Mat 19:​28; 20:28.

    O

    • ukOluka.

      Ukususwa kwejwabi kwilungu lenzala lomntu oyindoda. UAbraham nenzala yakhe kwakunyanzelekile ukuba bayenze le nto, kodwa wona amaKristu akunyanzelekanga ukuba ayenze. Eli gama liyasetyenziswa naxa kubhekiselwa kwezinye izinto.​​—Gen 17:​10; 1Ko 7:​19; Fil 3:3.

    • Omere.

      Ilingana ne-2,2 L okanye isixa esinye se-efa kwezilishumi. (Eks 16:​16, 18)​​—Jonga Isihlomelo B14.

    • eyOna Ngcwele.

      Elona gumbi lingaphakathi kwintente engcwele nasetempileni, apho yayigcinwa khona ityeya yesivumelwano. Ibizwa nangokuba “yiNgcwele Yeengcwele.” Ngaphandle koMoses, ngumbingeleli omkhulu kuphela owayevumelekile ukuba angene kweYona Ngcwele, ibe wayengena kanye ngonyaka Ngosuku Lokuhlawulela.​​—Eks 26:​33; Lev 16:​2, 17; 1Ku 6:​16; Heb 9:3.

    P

  • iPali engcwele.

    Eli gama lithathwe kwelesiHebhere (ʼashe·rahʹ ) elithetha (1) ipali engcwele emela uAshera, uthixokazi wenzala wamaKanan, okanye (2) umfanekiso kathixokazi uAshera. Kubonakala ukuba ezi pali zazimi nkqo, ibe zazenziwe ngeplanga okanye zineendawo zeplanga. Kusenokwenzeka ukuba yayiziziqobo nje, okanye imithi.​​—Dut 16:​21; ABa 6:​26; 1Ku 15:13.

  • umPapiri.

    Isityalo esikhula emanzini, esifana nengcongolo. Esi sityalo kwenziwa ngaso iibhaskithi, izikhephe nezinto zokugalela izinto. Enye into eyayisenziwa ngesi sityalo yinto efana nephepha ekwakusenziwa ngayo imisongo.​​—Eks 2:3.

  • Paradesi.

    Umyezo omhle ongathi yipaki. IEden ngumyezo wokuqala owenziwa nguYehova, ewenzela abantu bokuqala. Xa uYesu wayethetha nesaphuli-mthetho esasixhonywe ecaleni kwakhe, wachaza ukuba umhlaba wawuza kuba yiparadesi. Kweyesi-2 yabaseKorinte 12:4 kuthethwa ngeparadesi ezayo, ibe kwiSityhilelo 2:7 kuthethwa ngeparadesi yasezulwini.​​—Ngo 4:​13; Luk 23:43.

  • Pasika.

    Itheko elalibhiyozelwa nyaka ngamnye ngosuku lwe-14 lwenyanga enguAbhibhi (kamva eyabizwa ngokuba nguNisan), kukhunjulwa ukuhlangulwa kwamaSirayeli eYiputa. Yayibhiyozelwa ngokuba kuxhelwe kuze kojiwe itakane legusha (okanye lebhokhwe), lize lityiwe nemifuno ekrakra nesonka esingenagwele.​​—Eks 12:​27; Yoh 6:4; 1Ko 5:7.

  • Pentekoste.

    Itheko lesibini kwamathathu angawona abalulekileyo ekwakunyanzelekile ukuba aye kuwo onke amadoda angamaYuda. La matheko ayesiba seYerusalem. UPentekoste uthetha “(usuku) lwe-50” ibe eli gama kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike libhekisa kwiTheko Lesivuno, kwezesiHebhere libhekisa kwiTheko Lokuhlanganisa. Lwalubhiyozelwa kusuku lwe-50 ukususela kuNisan 16.​​—Eks 23:​16; 34:​22; IZe 2:1.

  • Persi; amaPersi.

    Ilizwe okanye abantu ekuhlala kuthethwa ngabo xa kuthethwa ngamaMedi, ibe kubonakala ukuba babezalana nawo. Ekuqaleni amaPersi ayehlala kummandla ophakamileyo ongakumzantsi-ntshona weIran. Ngexesha lokulawula kukaKoreshi Omkhulu (ekuthiwa kwimbali yakudala wazalwa ngutata ongumPersi nomama ongumMedi), yayingamaPersi awayephethe, nangona wona namaMedi ayelawula kunye. UKoreshi waboyisa uBukhosi baseBhabhiloni ngo-539 B.C.E. waza wawavumela amaYuda awayethinjiwe ukuba abuyele kwilizwe lawo. UBukhosi bamaPersi babulawula ukususela kuMlambo I-Indus osempuma ukuya kuLwandle LweAegean olusentshona. AmaYuda ayelawulwa ngamaPersi de amaPersi oyiswa nguAleksandire Omkhulu ngo-331 B.C.E. UDaniyeli wabubona embonweni uBukhosi bamaPersi ukuba babuza kulawula, yaye kuthethwa ngabo kwincwadi kaEzra, kaNehemiya nekaEstere. (Ezr 1:1; Dan 5:​28)​​—Jonga Isihlomelo B9.

  • ukuziPhatha kakubi ngesondo.

    Eli gama lithathwe kwelesiGrike elithi por·neiʹa, elibhekisela kuzo zonke iintlobo zokwabelana ngesondo ezingafanelekanga. Ezinye zazo kukukrexeza (umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye), ukuthengisa ngomzimba, ukwabelana ngesondo kwabantu abangatshatanga, indoda elala nendoda nomfazi olala nomfazi, nokulala nesilwanyana. KwiSityhilelo likhe lisetyenziswe kubhekiselwa kwiinkonzo kuba ziziphethe okonongogo, ibe kuthiwa ‘ziyiBhabhiloni Enkulu,’ xa kuchazwa ukusebenzisana kwazo nabalawuli beli hlabathi ukuze zifumane amandla nobutyebi. (ISi 14:8; 17:2; 18:3; Mat 5:​32; IZe 15:​29; Gal 5:​19)​​—Funda kwindawo ethi UKUTHENGISA NGOMZIMBA.

  • ukuziPhatha ngokungenazintloni.

    La magama aguqulelwe kwigama lesiGrike elithi a·selʹgei·a, elibhekisela ekwenzeni izinto ezimbi kakhulu ezophula imithetho kaThixo nezibonisa ukudelela nokuqaqadeka. Kukungahloniphi nokudelela igunya nemithetho. Akubhekiseli ekwenzeni izinto ezingalunganga ezincinane.​​—Gal 5:​19; 2Pe 2:7.

  • umPhathi weengelosi.

    Igama elithi “umphathi weengelosi” eBhayibhileni libhekisela kumntu omnye, nto leyo ethetha ukuthi mnye umphathi weengelosi. IBhayibhile ithi igama lomphathi weengelosi nguMikayeli.​​—Dan 12:1; Yuda 9; ISi 12:7.

  • umPhefumlo.

    Eli gama ngesiHebhere ngu-neʹphesh, ngesiGrike ngu-psy·kheʹ. Xa sijongisisa indlela asetyenziswa ngayo la magama eBhayibhileni, kubonakala ukuba athetha (1) abantu, (2) izilwanyana, okanye (3) ubomi bomntu okanye besilwanyana. (Gen 1:​20; 2:7; Num 31:​28; 1Pe 3:​20; nemibhalo esemazantsi) Indlela iinkonzo ezininzi ezilisebenzisa ngayo igama elithi “umphefumlo,” ayifani naleyo iBhayibhile elisebenzisa ngayo. IBhayibhile ilisebenzisa igama elithi neʹphesh nelithi psy·kheʹ xa ithetha ngezidalwa zasemhlabeni ezibonakalayo, ezinomzimba wenyama nezifayo. Kule iBhayibhile la magama aguqulelwe ngokwento ekuthethwa ngayo. Kusetyenziswe amagama athi “ubomi,” “isidalwa,” “umntu,” okanye isimela-bizo (ngokomzekelo, kuthiwa “mna” endaweni yokuthi “umphefumlo wam”). Ngamanye amaxesha kuye kufakwe umbhalo osemazantsi othi “umphefumlo.” Eli gama, xa lisetyenziswe kwivesi okanye kumbhalo osemazantsi, lithetha oko kuchazwe ngasentla. Xa kusithiwa umntu wenze into ngomphefumlo wakhe wonke, kuthethwa ukuba uzinikele ngokupheleleyo, okanye uyenze ngentliziyo yakhe yonke. (Dut 6:5; Mat 22:​37) Kwezinye iindawo, la magama esiHebhere nesiGrike asenokuthetha ukunqwenela okanye ukurhala kwesidalwa esiphilayo. Asenokubhekisa nakumntu ofileyo okanye isidumbu.​​—Num 6:6; IMi 23:2; Isa 56:​11; Hag 2:13.

  • ukuPhela kweli hlabathi.

    Ixesha elikhokelela ekuphelisweni kweli hlabathi lilawulwa nguSathana, okanye imeko yalo. Eli xesha lihamba kunye nelo lobukho bukaKristu. Iingelosi ziza kuyalelwa nguYesu ukuba “zahlule abenzi-bubi kumalungisa” zize zibatshabalalise. (Mat 13:​40-42, 49) Abafundi bakaYesu babenomdla wokulazi elo xesha laxa “sekuza kupheliswa ihlabathi.” (Mat 24:3) Ngaphambi kokuba uYesu abuyele ezulwini, wathembisa abafundi bakhe ukuba wayeza kubaxhasa de kufike elo xesha.​​—Mat 28:20.

  • uPhondo.

    Kubhekiselwa kuphondo lwezilwanyana olwalusetyenziselwa ukusela, ukugcina ioli, i-inki nezinto zokuthambisa, yaye lwalusetyenziswa njengesixhobo somculo nokuhlaba ikhwelo.(1Sa 16:​1, 13; 1Ku 1:​39; Hez 9:2) Eli gama lidla ngokumela amandla nokoyisa.​​—Dut 33:​17; Mik 4:​13; Zek 1:19.

  • isiPhoso.

    Ukophula umthetho. EBhayibhileni eli gama lithetha into enye nelithi ‘isono.’​​—Nd 51:3; Rom 5:14.

  • Pim.

    Indlela yokukala nemali eyayibizwa ngamaFilisti xa ufuna akulolele izinto zesinyithi. Amatye amaninzi okukala awafunyanwa xa kwakusembiwa izinto zakudala kwaSirayeli anoonobumba besiHebhere sakudala abathetha ukuthi “pim.” Ubunzima bawo yi-7,8 g, emalunga nezixa ezibini kwezithathu zeshekele.​​—1Sa 13:​20, 21.

  • Porneia.

    ​​—Funda kwindawo ethi UKUZIPHATHA KAKUBI NGESONDO.

  • umPostile.

    Eli gama lithetha “umntu othunyiweyo,” ibe lisetyenziswa kuYesu nakwabanye abantu abathunywa ukuba bayokunceda abanye. Amaxesha amaninzi, lisetyenziswa xa kuthethwa ngabafundi abayi-12 abakhethwa nguYesu.​​—Mar 3:​14; IZe 14:14.

  • umProfeti.

    Umntu ochazela abanye izinto eziza kwenziwa nguThixo. Abaprofeti babethethela uThixo, bechaza izinto eziza kwenzeka, yaye befundisa abantu ngoYehova, ngemiyalelo yakhe nangezigwebo zakhe.​​—Amo 3:7; 2Pe 1:21.

  • isiProfeto.

    Umyalezo ophefumlelweyo, xa umntu etyhilelwa into efunwa nguThixo okanye eyichazela abanye. Isiprofeto sisenokuba yimfundiso ephefumlelweyo yendlela yokuziphatha, umyalelo okanye isigwebo esivela kuThixo, okanye ukuchazwa kwento eseza kwenzeka.​​—Hez 37:​9, 10; Dan 9:​24; Mat 13:​14; 2Pe 1:​20, 21.

  • Purim.

    Itheko elalibhiyozelwa unyaka nonyaka nge-14 nange-15 ka-Adare. Lalibhiyozelwa ukuze kukhunjulwe ukusindiswa kwamaYuda ngexesha likaKumkanikazi uEstere. Igama elingelilo elesiHebhere upu·rimʹ lithetha “amaqashiso.” ITheko LePurim okanye iTheko Lamaqashiso lathiywa elo gama kuba uHaman wenza iPuri (iQashiso) ukuze azi umhla aza kuwacima ngawo igama amaYuda.​​—Est 3:7; 9:26.

Q

  • ukuQalekisa.

    Ukuthembisa umntu okanye into ngento embi okanye ukushwabulela. Akufani nokuthuka okanye ukuthukisela ngenxa yomsindo. Isiqalekiso kukuchazela umntu kakuhle ngento embi eza kumehlela, yaye xa sisenziwa nguThixo okanye umntu onegunya, siyafana nesiprofeto.​​—Gen 12:3; Num 22:​12; Gal 3:10.

  • amaQashiso.

    Amatyana arawundi okanye amakhuni amancinci awayesetyenziswa xa kusenziwa izigqibo. Ayeqokelelwa, afakwe kwisambatho esisongiweyo okanye kwisitya kuze kuhlukuhlwe. Kwakukhethwa iqashiso eliwileyo okanye eliye lakhutshwa. Kwakuthandazwa xa kusenziwa yonke le nto. Eli gama liyasetyenziswa naxa kuthethwa ‘ngesahlulo.’​​—Yos 14:2; Nd 16:5; IMi 16:​33; Mat 27:35.

  • iQela.

    Xa eli gama libhekisela kwinkonzo, lithetha ngabantu abalandela imfundiso ethile okanye inkokheli ethile, yaye beneemfundiso zabo. Kusetyenziswa eli gama xa kuthethwa ngamaqela amabini aphambili enkonzo yobuYuda, iqela labaFarisi nelabaSadusi. Nabantu abangengomaKristu babewabiza amaKristu ngokuba ‘liqela’ okanye ‘iqela lamaNazarete,’ mhlawumbi becinga ukuba liqhekeke kubuYuda. Ekugqibeleni kwavela amaqela amaninzi nakumaKristu; elinye lawo “liqela lamaNikolawo” ekuthethwa ngalo kwiSityhilelo.​​—IZe 5:​17; 15:5; 24:5; 28:​22; ISi 2:6; 2Pe 2:1.

  • iQela labalandeli bakaHerode.

    ​​—Funda kwindawo ethi HERODE, nethi IQELA LABALANDELI.

  • iQela loonogada bakomkhulu.

    Amajoni awayegada umlawuli waseRoma. Eli qela laye lanamandla kwezopolitiko, likwazi ukuxhasa okanye ukubhukuqa umlawuli.​​—Fil 1:13.

  • iQhenqa; umNtu oneqhenqa.

    Isifo esiyingozi esiba semzimbeni. EBhayibhileni, eli gama lalingabhekiseli kuphela kwisifo esaziwa ngokuba liqhenqa namhlanje, kuba iimpahla nezindlu zaziba naso esi sifo. Umntu onesi sifo kwakusithiwa uneqhenqa.​​—Lev 14:​54; Luk 5:12.

  • iQhiya yamadoda.

    Ilaphu elalithwalwa entloko. Umbingeleli omkhulu wayethwala iqhiya eyenziwe ngelinen yodidi, enombhalo wegolide obotshelelwe ebunzi ngentambo eblowu. Ukumkani wayethwala iqhiya phantsi kwesithsaba sakhe. UYobhi wafanisa ubulungisa bakhe neqhiya.​​—Eks 28:​36, 37; Yob 29:​14; Hez 21:26.

  • isiQhumiso esiqholiweyo.

    Umxube oqholiweyo wentlaka nebhalsam owawutshiswa ukuze ukhuphe ivumba elimnandi. Kwintente engcwele nakwitempile kwakusetyenziswa isiqhumiso esikhethekileyo esasingumxube wezinongo ezine. Sasitshiswa kusasa nasebusuku kwisibingelelo saso esasiba kwigumbi eliNgcwele, yaye ngoSuku Lokuhlawulela, sasitshiselwa kweLona Gumbi Lingcwele. Sasimela imithandazo yabakhonzi bakaThixo abathembekileyo. Kwakungeyomfuneko ukuba asisebenzise amaKristu.​​—Eks 30:​34, 35; Lev 16:​13; ISi 5:8.

  • ukuQokelela.

    Ukucholachola nantoni eshiywe ngabavuni, enoba bayishiye ngabom okanye akunjalo. UMthetho kaMoses wawusithi abantu mabangavuni ekupheleni kwamasimi abo okanye bayiqokelele yonke iminquma neediliya. Ukuqokelela nantoni na eshiyekileyo xa kugqitywa kuvunwa yayililungelo uThixo awayelinike amahlwempu, abaxhwalekileyo, abasuka kwamanye amazwe, abantwana abangenatata nabahlolokazi.​​—Rut 2:7.

  • umQondiso wokuzinikela.

    Ipleyiti emenyezelayo eyenziwe ngegolide esulungekileyo ekubhalwe kuyo amagama esiHebhere athi, “BobukaYehova ubungcwele.” Yayibekwa ngaphambili kwiqhiya eyayithwalwa ngumbingeleli omkhulu. (Eks 39:​30)​​—Jonga Isihlomelo B5.

  • umQuqu.

    Amakhasi asuswayo kukhozo xa kubhulwa. Eli gama lidla ngokusetyenziswa ukuchaza into engafunwayo nengaxabisekanga.​​—Nd 1:4; Mat 3:12.

R

  • Rahabhi.

    Igama elisetyenziswa xa kuzekeliswa okanye kufaniswa kwincwadi kaYobhi, eyeeNdumiso nekaIsaya (alifanele libhidaniswe nomfazi onguRahabhi ekuthethwe ngaye kwincwadi kaYoshuwa). Indlela elisetyenziswe ngayo kwincwadi kaYobhi, isenza sibone ukuba kuthethwa ngesilwanyana esikhulu saselwandle; kwezinye izibhalo esi silwanyana simela iYiputa.​​—Yob 9:​13; Nd 87:4; Isa 30:7; 51:​9, 10.

  • Rharnati.

    Isiqhamo esifana neapile, nesinentloko emile okwesithsaba. Esi siqhamo sinamagaqa amancinci abomvu amaninzi ngaphakathi ibe anamanzi aswiti. Umphetho wesambatho esingenamikhono esiblowu sombingeleli omkhulu sasinemihombiso enjengerharnati. Iingqukuva zeentsika ezimbini uYakin noBhahazi ezaziphambi kwetempile nazo zazinemihombiso yerharnati.​​—Eks 28:​34; Num 13:​23; 1Ku 7:18.

  • umRhumo.

    Into ekhutshwa liLizwe okanye ngumlawuli ukuze abhatale omnye umlawuli, ebonisa ukuba uyazithoba, ukuze kuhlale kukho uxolo okanye ukuze akhuselwe. (2Ku 3:4; 18:​14-16; 2Kr 17:​11) Eli gama likwasetyenziswa naxa kuthethwa ngerhafu ebhatalwa ngabantu.​​—Neh 5:4; Rom 13:7.

  • iRingi yokugximfiza.

    Uhlobo lwesitampu olwalunxitywa emnweni okanye lufakwe kwintambo ize inxitywe entanyeni. Ikwabizwa ngokuba yiringi yokubeka isitampu, ibe yayiluphawu lokubonisa igunya lomlawuli okanye igosa. (Gen 41:​42)​​—Funda kwindawo ethi ISITAMPU.

S

  • Sabatha.

    Eli gama lithathwe kwelesiHebhere elithetha “ukuphumla; ukuyeka.” Lusuku lwesixhenxe kwiveki yamaYuda (luqala ukutshona kwelanga ngoLwesihlanu, luphele ukutshona kwelanga ngoMgqibelo). Ezinye iintsuku ekwakubhiyozelwa ngazo amatheko enyakeni, kunye nonyaka we-7 nowe-50, kwakusithiwa ziisabatha. Kwakufuneka abantu bangasebenzi ngemini yeSabatha; kwakusebenza kuphela ababingeleli kwindawo engcwele. Ngeminyaka yeSabatha kwakungalinywa, ibe amaHebhere ayengabhatalisani amatyala. KuMthetho KaMoses, izinto ezazingamele zenziwe ngeSabatha zazingenzimanga, kodwa iinkokheli zenkonzo yamaYuda zongezelela eyazo imithetho, ibe kwathi kusiba yimihla kaYesu yabe seyinzima kakhulu ukuba abantu bangayithobela.​​—Eks 20:8; Lev 25:4; Luk 13:​14-16; Kol 2:​16.

  • abaSadusi.

    Iqela elidumileyo lenkonzo yobuYuda, elalinabantu abazizikhulu nababingeleli ababephethe kwimisebenzi eyenziwa etempileni. Babengazifuni izithethe ezininzi zabaFarisi nezinye iinkolelo zabo. Babengakholelwa kuvuko, bengakholelwa nokuba kukho iingelosi. Babengamfuni noYesu.​​—Mat 16:1; IZe 23:8.

  • Samariya.

    Yayilikomkhulu lobukumkani basemntla bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli iminyaka emalunga ne-200, ibe wonke loo mmandla wawubizwa ngelo gama. Esi sixeko sasakhiwe kwintaba ebizwa ngelo gama. Ngexesha likaYesu, iSamariya yayiliphondo elaliphakathi kweGalili nelakwaYuda. UYesu wayengafane ashumayele kuloo mmandla, kodwa wayekhe agqithe apho aze athethe nabantu balapho. UPetros wasebenzisa isitshixo sesibini soBukumkani xa amaSamariya afumana umoya oyingcwele. (1Ku 16:​24; Yoh 4:7; IZe 8:​14)​​—Jonga Isihlomelo B10.

  • amaSamariya.

    Ekuqaleni eli gama lalibhekisa kubukumkani basemntla bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli, kodwa emva kokuba iSamariya yoyiswe ngama-Asiriya ngo-740 B.C.E., kwaye kwahlala namanye ama-Asiriya apho. Ngemihla kaYesu, eli gama lalingasabhekisi kuhlanga lwabantu okanye kulawulo oluthile, kodwa lalidla ngokubhekisa kwiqela lenkonzo elalikummandla wakwaShekem naseSamariya. Amalungu eli qela ayeneenkolelo ezahluke ngokupheleleyo kwezobuYuda.​​—Yoh 8:48.

  • Sathana.

    Igama lesiHebhere elithetha ukuthi “uMchasi.” Amaxesha amaninzi libhekisela kuSathana uMtyholi, uTshaba olukhulu lukaThixo.​​—Yob 1:6; Mat 4:​10; ISi 12:9.

  • ukuSebenzelana nemimoya.

    Inkolelo yokuba imimoya yabantu abafileyo iyaphila ibe iphumile emizimbeni yabo, nokuba bayakwazi ukuthetha nabantu abaphilayo, ingakumbi ngomntu (igqirha) osebenzisana nabo. Igama lesiGrike elithetha “ukusebenzelana nemimoya” ngu-phar·ma·kiʹa, othetha “ukusetyenziswa kwamayeza neziyobisi.” Eli gama laye ladityaniswa nokusebenzelana nemimoya, kuba kudala kwakusetyenziswa amayeza okanye iziyobisi ukubiza iidemoni ukuze umntu athakathe.​​—Gal 5:​20; ISi 21:8.

  • Seha.

    Indlela yokukala ukutya. Iseha yi-7,33 L, kuba ilingana nebhate eyindlela yokumeta izinto ezingamanzi. (2Ku 7:1)​​—Jonga Isihlomelo B14.

  • iSekela-mphathiswa.

    Isikhundla esingaphantsi kwesomphathiswa wephondo kurhulumente waseBhabhiloni. EBhayibhileni amasekela-baphathiswa ayephethe amadoda azizilumko ebukhosini baseBhabhiloni. Kuyathethwa nangamasekela-baphathiswa awayekho ngexesha lokulawula kukaDariyo ukumkani wamaMedi.​​—Dan 2:​48; 6:7.

  • Selah.

    Igama elisetyenziswa kwingoma okanye isicengcelezo kwiNdumiso nakuHabhakuki. Lisenokuthetha ukunqumama komculo okanye kwengoma, ukuze abantu bacingisise ngaloo nto iculwayo, okanye ukuze ivakale kakuhle. ISeptuagint yesiGrike isebenzisa igama elithi di·aʹpsal·ma, elithetha “ukunqumama komculo.”​​—Nd 3:4; Hab 3:3.

  • Serafi.

    Izidalwa zomoya ezima ngakwitrone kaYehova emazulwini. Igama lesiHebhere elithi sera·phimʹ lithetha “abavuthayo.”​​—Isa 6:​2, 6.

  • Shebhati.

    Emva kokuba amaSirayeli ekhululwe eBhabhiloni, eli yaba ligama lenyanga ye-11 yekhalenda engcwele yamaYuda nelenyanga ye-5 yekhalenda eqhelekileyo. Yayiqala phakathi kuJanuwari, iphele phakathi kuFebruwari. (Zek 1:7)​​—Jonga Isihlomelo B15.

  • Shekele.

    Yayiyeyona ndlela yamaHebhere yokukala ubunzima kunye nemali. Ubunzima bayo babuyi-11,4 g. Kusenokwenzeka ukuba ‘ishekele yendawo engcwele’ yayiyindlela yokubonisa ukuba ubunzima bento bumele buchane okanye ibe bobo bufunekayo kwindawo engcwele. Kusenokwenzeka ukuba kwakukho ishekele yasebukhosini (engafaniyo neshekele eqhelekileyo), okanye indlela ekukalwa ngayo ebukhosini.​​—Eks 30:13.

  • Sheminiti.

    Eli ligama elalisetyenziswa emculweni elithetha “eyesibhozo,” ekusenokwenzeka ukuba libhekisa kwinowuthi ephantsi. Xa libhekisa kwizixhobo zomculo, kusenokwenzeka ukuba lithetha ngezo zidlala ngesandi esiphantsi sebhesi. Xa libhekisa kwiingoma, kusenokwenzeka ukuba lithetha umculo otsho ngesandi esiphantsi noculelwa phantsi.​​—1Kr 15:​21; Nd 6:0; 12:0.

  • isiShumi.

    I-10 pesenti eyayikhutshwa njengomrhumo, ingakumbi kwizinto zenkonzo. (Mal 3:​10; Dut 26:​12; Mat 23:​23) KuMthetho KaMoses, i-10 pesenti yesivuno neyenzala yomhlambi yayinikwa abaLevi unyaka nonyaka. Bona abaLevi babenika ababingeleli bomnombo ka-Aroni i-10 pesenti yezo zinto bazifumeneyo. Zazikhona nezinye izishumi ezazinikelwa. AmaKristu awanyanzelekanga ukuba anikele ngezishumi.

  • iSidlo Sangokuhlwa SeNkosi.

    Isidlo esinesonka esingenagwele newayini, ezimela umzimba kaKristu negazi lakhe, isikhumbuzo sokufa kukaYesu. Sikwabizwa ngokuba ‘siSikhumbuzo’ kuba iZibhalo zithi amaKristu makaqhubeke esenza.​​—1Ko 11:​20, 23-26.

  • iSilingi.

    Umtya owenziwe ngofele okanye ngomsipha wesilwanyana, ngengca okanye ngoboya. Esiphakathini sasisiba nendawo yokubamba ilitye. Elinye icala lesilingi lalibotshelelwa esandleni okanye esihlahleni, elinye libanjwe ngesandla lize liyekwe xa umntu edubula. Izizwe zakudala zaziqasha amachule okudubula isilingi kwimikhosi yazo.​​—ABa 20:​16; 1Sa 17:50.

  • Sirayeli.

    Igama uThixo awalinika uYakobi. Ekuhambeni kwexesha, labhekisela kuyo yonke inzala yakhe. Inzala yoonyana bakaYakobi abayi-12 yayidla ngokubizwa ngokuba ngoonyana bakaSirayeli, indlu kaSirayeli, abantu (amadoda) bakwaSirayeli okanye amaSirayeli. Eli yaba lilo negama lezizwe ezilishumi zobukumkani basemntla obaqhekeka kubukumkani basemzantsi, ibe ekuhambeni kwexesha yaba ligama abizwa ngalo amaKristu athanjisiweyo, “uSirayeli kaThixo.”​​—Gal 6:​16; Gen 32:​28; 2Sa 7:​23; Rom 9:6.

  • Siriya; amaSiriya.

    ​​—Funda kwindawo ethi ARAM; AMA-ARAM.

  • Sirtis.

    Iinyoba ezimbini ezinkulu ezingenzulwanga kangako kunxweme lwaseLibhiya, kuMntla Afrika. Zazisoyikwa ngabaqhubi beenqanawa ngenxa yokuba zazineenduli zesanti ezazidudulwa ngamaza. (IZe 27:​17)​​—Jonga Isihlomelo B13.

  • Sivan.

    Emva kokuba amaSirayeli ekhululwe eBhabhiloni, eli yaba ligama lenyanga yesithathu yekhalenda engcwele yamaYuda nelenyanga yesithoba yekhalenda eqhelekileyo. Yayiqala phakathi kuMeyi, iphele phakathi kuJuni. (Est 8:9)​​—Jonga Isihlomelo B15.

  • umSongo.

    Ufele okanye umpapiri omde obhalwe kwicala elinye, owawudla ngokusongelwa kukhuni. IZibhalo zazibhalwa okanye zikhutshelwe kwimisongo, ibe le misongo yayiziincwadi zexesha lokubhalwa kweBhayibhile.​​—Yer 36:​4, 18, 23; Luk 4:​17-20; 2Ti 4:13.

  • iSonka sokubonisa.

    Izonka eziyi-12 ezazisahlulwa kubekwe ezithandathu kwelinye icala nezinye ezithandathu kwelinye etafileni kwigumbi eliNgcwele lendawo engcwele neletempile. Esi sonka singumnikelo kuThixo sasitshintshwa qho ngeSabatha. Isonka esisusiweyo sasidla ngokutyiwa ngababingeleli kuphela. (2Kr 2:4; Mat 12:4; Eks 25:​30; Lev 24:​5-9; Heb 9:2)​​—Jonga Isihlomelo B5.

  • uSuku lokuhlawulela.

    Olona suku lubalulekileyo kwiintsuku ezingcwele zamaSirayeli. Lubizwa nangokuba yiYom Kippur (igama elithathwe kwelesiHebhere elithi yohm hak·kip·pu·rimʹ, elithetha “usuku lokogquma”), yaye lwalubhiyozelwa ngomhla we-10 kwinyanga kaEtanim. Olu yayikuphela kosuku umbingeleli omkhulu awayengena ngalo kweYona Ngcwele kwintente engcwele nasetempileni emva kokuba yakhiwe. Apho wayenikela ngegazi lezilwanyana abingelela ngazo ngenxa yezono zakhe, ezabanye abaLevi nezabanye abantu. Yayilusuku lokubamba indibano engcwele nokungatyi, ibe yayilusuku lwesabatha, ixesha lokungenzi imisebenzi yemihla ngemihla.​​—Lev 23:​27, 28.

  • uSuku lokulungiselela iSabatha.

    Usuku olungaphambi kweSabatha, amaYuda awayelungiselela ngalo iSabatha. Olu suku lwaluphela ekutshoneni kwelanga ngosuku ekuthiwa nguLwesihlanu namhlanje, kuze emva koko kuqale iSabatha. Usuku lwamaYuda lwaluqala ngokuhlwa luze luphele ngokuhlwa ngemini elandelayo.​​—Mar 15:​42; Luk 23:54.

T

  • Talente.

    Yayiyeyona nto inkulu yamaHebhere yokukala ubunzima kunye nemali. Ubunzima bayo babuyi-34,2 kg. Yona italente yamaGrike yayincinci kuneyamaHebhere, ubunzima bayo buyi-20,4 kg. (1Kr 22:​14; Mat 18:​24)​​—Jonga Isihlomelo B14.

  • isiTampu; uPhawu.

    Into ekwakugximfizwa ngayo (ngokuqhelekileyo kudongwe okanye kumafutha anqumileyo), ukubonisa ukuba into yekabani, ukuba yeyokwenene, okanye kugximfizwe isivumelwano. Izitampu zakudala zazisenziwa ngento eqinileyo (njengelitye, uphondo lwendlovu, okanye umthi) ekrolwe oonobumba okanye umzobo ngaphantsi. Kukhe kuthethwe ngesitampu xa kuboniswa ukuba into yeyokwenene, kuboniswa ukuba yekabani, okanye kuboniswa ukuba iyimfihlo.​​—Eks 28:​11; Neh 9:​38; ISi 5:1; 9:4.

  • Tamuzi.

    (1) Igama lesithixo esasililelwa ngabafazi baseYerusalem abangamaHebhere ababemjikele uThixo. Kukholelwa ukuba uTamuzi wayengukumkani owenziwa isithixo emva kokufa kwakhe. Kwimibhalo yamaSumer, uTamuzi ubizwa ngokuba nguDumuzi, ibe kuthiwa sisithandwa sothixokazi wenzala uInanna (uIshta waseBhabhiloni). (Hez 8:​14) (2) Emva kokuba amaSirayeli ekhululwe eBhabhiloni, eli yaba ligama lenyanga yesine kwikhalenda engcwele yamaYuda, nelenyanga yeshumi kwikhalenda eqhelekileyo. Yayiqala phakathi kuJuni ukuya phakathi kuJulayi.​​—Jonga Isihlomelo B15.

  • Tarshishe, iinqanawa zakhona.

    Ekuqaleni zazibizwa ngale ndlela iinqanawa ezazisiya eTarshishe (namhlanje eyiSpeyin). Kubonakala ukuba ekuhambeni kwexesha eli yaba ligama leenqanawa ezinkulu ezazihamba imigama emide. USolomon noYehoshafati babeshishina ngezi nqanawa.​​—1Ku 9:​26; 10:​22; 22:48.

  • Tartaro.

    KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ithetha imeko efana nokuba sejele ezathotyelwa kuyo iingelosi ezingathobeliyo zomhla kaNowa. Igama elisisenzi elikweyesi-2 kaPetros 2:4 elingu-tar·ta·roʹo (elithetha “ukuphosa eTartaro”) alithethi ukuba “iingelosi ezonayo” zaphoswa kwiTartaro ekwiintsomi zabantu abangakholelwayo kuThixo (oko kukuthi ijele engaphantsi komhlaba, nendawo emnyama yoothixo abangabalulekanga kangako). Kodwa lithetha ukuba zathotywa nguThixo ezulwini zaza zahluthelwa nantoni na efunyanwa ziingelosi, zaba sebumnyameni, zavalwa ingqondo ukuze zingazi nto ngezinto eziza kwenziwa nguThixo. Ubumnyama bukwabonisa apho ziza kuphelela khona, ibe iZibhalo zibonisa ukuba ziza kutshabalala ngonaphakade kunye nomlawuli wazo uSathana uMtyholi. Ngoko ke, iTartaro ithetha eyona meko iphantsi ezathotyelwa kuyo ezo ngelosi zajikela uThixo. Ayifani ‘nomngxuma ongenasiphelo’ ekuthethwe ngawo kwiSityhilelo 20:​1-3.

  • Tebheti.

    Emva kokuba amaSirayeli ekhululwe eBhabhiloni, eli yaba ligama lenyanga yeshumi kwikhalenda engcwele yamaYuda, nelenyanga yesine kwikhalenda eqhelekileyo. Yayiqala phakathi kuDisemba ukuya phakathi kuJanuwari. Ngokuqhelekileyo kuthiwa ‘yinyanga yeshumi.’ (Est 2:​16)​​—Jonga Isihlomelo B15.

  • Tempile.

    Isakhiwo esiseYerusalem esathatha indawo yentente engcwele amaSirayeli ayekhonzela kuyo, nawayehlala ehamba nayo xa efuduka. Itempile yokuqala yakhiwa nguSolomon yaza yatshatyalaliswa ngamaBhabhiloni. Eyesibini yakhiwa nguZerubhabheli emva kokuba amaSirayeli ebuyile eBhabhiloni, yaza emva kwexesha yaphinda yakhiwa nguHerode Omkhulu. Amaxesha amaninzi eBhayibhileni, kuthiwa itempile ‘yindlu kaYehova.’ (Ezr 1:3; 6:​14, 15; 1Kr 29:1; 2Kr 2:4; Mat 24:1)​​—Jonga Isihlomelo B8 no-B11.

  • ukuThambisa.

    Igama lesiHebhere elithetha ukuthi “ukuthambisa ngento engamanzi.” Kwakuthanjiswa ioli emntwini okanye kwinto ethile ukuze kuboniswe ukuzinikela kumsebenzi okhethekileyo. KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, eli gama lisetyenziswe xa kubhekiselwa ekuthululweni komoya oyingcwele kwabo bakhethelwe ukuba nethemba lokuphila ezulwini.​​—Eks 28:​41; 1Sa 16:​13; 2Ko 1:​21, umbhalo osemazantsi.

  • abaThandi bobulumko abangamaStoyike.

    Iqela labantu abathanda ubulumko abangamaGrike elalikholelwa ukuba, ukuze umntu onwabe, kufuneka asebenzise ingqondo aze athobele imithetho elawula indalo. Ezi zifundiswa zazisithi umntu onobulumko nyhani akanaxesha lantlungu okanye lakuzonwabisa.​​—IZe 17:18.

  • uThando olungagungqiyo.

    Amaxesha amaninzi liguqulelwe ngokusuka kwigama lesiHebhere elithi cheʹsedh, elithetha uthando oluqhutywa kukuzinikela, kukungasoleki, kukungagungqi nakukungafuni ukwahlukana. Lidla ngokusetyenziswa ukuchaza indlela uThixo abathanda ngayo abantu, kodwa liyasetyenziswa naxa kuchazwa indlela abantu abathandana ngayo.​​—Eks 34:6; Rut 3:10.

  • iTheko Lamakhusi.

    Libizwa nangokuba liTheko Leminquba okanye iTheko Lokuqokelela. Lalisenziwa ngomhla we-15-​21 kwinyanga kaEtanim. Kwakubhiyozelwa isivuno sasekupheleni konyaka wokuhlwayela kwamaSirayeli. Yayilixesha lokuvuya nokubulela uYehova kuba esikelele isivuno sawo. Xa kwakusenziwa eli theko, abantu babehlala kumakhusi enziwe ngathi luphahla ukuze bakhumbule ukumka kwabo eYiputa. Yayilelinye lamatheko amathathu ekwakufuneka amadoda ayokuwabhiyozela eYerusalem.​​—Lev 23:​34; Ezr 3:4.

  • iTheko Lesivuno; iTheko Leeveki.

    ​​—Funda kwindawo ethi PENTEKOSTE.

  • iTheko Lesonka Esingenagwele.

    Itheko lokuqala kwamathathu amakhulu awenziwa ngamaSirayeli ngonyaka. Laliqala ngoNisan 15, usuku olusemva kwePasika, ibe laliqhutywa iintsuku ezisixhenxe. Kwakutyiwa isonka esingenagwele kuphela, ukuze kukhunjulwe ukuphuma kwamaSirayeli eYiputa.​​—Eks 23:​15; Mar 14:1.

  • iTheko Lokunikezelwa Kwetempile.

    Usuku lokukhumbula ukucocwa kwetempile emva kokuba yayingcoliswe nguAntiochus Epiphanes. Eli theko laliqala ngomhla we-25 kwinyanga kaKislevu ibe laliqhutywa iintsuku ezisibhozo.​​—Yoh 10:22.

  • ukuThengisa ngomzimba.

    Umntu owabelana ngesondo nomntu angatshatanga naye, ingakumbi xa eza kubhatalwa. (Igama lesiGrike elithi “ukuthengisa ngomzimba,” porʹne, lisuka kwelithi “ukuthengisa.”) Eli gama lidla ngokubhekisa emntwini ongumfazi, kodwa akhona namadoda athengisa ngomzimba ekuthethwa ngawo eBhayibhileni. UMthetho KaMoses wawumgweba umntu othengisa ngomzimba, ibe umntu ofumene imali ngokuthengisa ngomzimba wayengavumelekanga ukuba anikele ngayo kwindawo kaYehova engcwele, ngokwahlukileyo kubahedeni ababesenza imali ngabantu abathengisa ngomzimba etempileni. (Dut 23:​17, 18; 1Ku 14:​24) IBhayibhile ikhe ibabize ngolu hlobo abantu, iintlanga okanye imibutho yabantu abakhonza izithixo kodwa besithi bangabakhonzi bakaThixo. Ngokomzekelo, kwiSityhilelo iinkonzo ezibizwa ngokuba ‘yiBhabhiloni Enkulu’ kuthiwa zingumfazi othengisa ngomzimba (unongogo), kuba ziye zasebenzisana nabalawuli behlabathi ukuze zibe namandla zize zifumane imali.​​—ISi 17:​1-5; 18:3; 1Kr 5:25.

  • iThenwa.

    Ngokoqobo, yindoda etheniweyo. Amadoda anjalo ayekhethwa ukuba asebenze kwakumkani, ahoye ukumkanikazi nabanye abafazi bakakumkani. Eli gama libhekisela nakwindoda eyayingathenwanga, kodwa eyayiligosa elisebenza kwakumkani. Lisetyenziswa naxa kuthethwa ngomntu ‘ongatshatiyo ngenxa yoBukumkani,’ umntu okwaziyo ukuzibamba ukuze amsebenzele ngakumbi uThixo.​​—Mat 19:​12; Est 2:​15; IZe 8:27.

  • umThetho.

    Xa eli gama linonobumba omkhulu, libhekisela kuMthetho KaMoses okanye kwiincwadi ezintlanu zokuqala zeBhayibhile. Kodwa xa lingoonobumba abancinane, libhekisela kwimithetho eyahlukahlukeneyo yoMthetho KaMoses okanye kwimigaqo yemithetho.​​—Num 15:​16; Dut 4:8; Mat 7:​12; Gal 3:24.

  • umThi wobomi.

    Umthi owawukumyezo wase-Eden. IBhayibhile ayithi lo mthi wawuneziqhamo ezinik’ ubomi; kodwa wawusisiqinisekiso sokuba uThixo uza kubanika ubomi obungunaphakade abantu abatya kuwo.​​—Gen 2:9; 3:22.

  • umThi wokwazi okulungileyo nokubi.

    Umthi owawukumyezo wase-Eden obonisa ukuba uThixo unelungelo lokuchazela abantu “okulungileyo nokubi.”​​—Gen 2:​9, 17.

  • ukuThinjwa.

    Ukugxothwa komntu kwilizwe okanye ikhaya lakhe. Ngokuqhelekileyo le nto idla ngokwenziwa ngabantu abaloyisileyo elo lizwe. Igama lesiHebhere lithetha “ukumka.” Zimbini izihlandlo eziphawulekayo eyenzeka ngayo le nto kumaSirayeli. Ubukumkani basemantla bezizwe ezilishumi bathinjwa ngama-Asiriya, baza kamva ubukumkani basemzantsi bezizwe ezibini bathinjwa ngamaBhabhiloni. Abathinjwa ababesaphila babuyiselwa kwilizwe labo nguKoreshi, umlawuli wasePersi.​​—2Ku 17:6; 24:​16; Ezr 6:21.

  • isiThixo sekhaya.

    Ngamanye amaxesha sasisetyenziswa ekuvumiseni. (Hez 21:​21) Ezinye zazisiba zikhulu njengomntu, ezinye zisiba zincinci. (Gen 31:​34; 1Sa 19:​13, 16) Abaphandi bezinto zakudala eMesopotami bafumanisa ukuba yayiba ngumntu onesithixo sekhaya owayefumana ilifa. (Kusenokwenzeka ukuba yiloo nto eyenza uRakeli wathatha isithixo sikatata wakhe.) Kodwa akubonakali ukuba kwakunjalo kwaSirayeli, nangona zazisetyenziswa izithixo zekhaya ngamaxesha abagwebi nawookumkani, ibe zazikho naphakathi kwezinto ezatshatyalaliswa nguKumkani uYosiya othembekileyo.​​—ABa 17:5; 2Ku 23:​24; Hos 3:4.

  • uThixo wokwenene.

    Eli gama lisuka kwelesiHebhere elithetha “oyena Thixo.” Amaxesha amaninzi, le ndlela achazwa ngayo uYehova, yenzelwe ukwahlukanisa uThixo wokwenene koothixo bobuxoki.​​—Gen 5:​22, 24; 46:3; Dut 4:39.

  • isiThixo; ukuKhonza isithixo.

    Isithixo ngumfanekiso wayo nantoni na ekhonzwa ngumntu. Usenokubonakala okanye ungabonakali. Ukukhonza isithixo kukusihlonipha nokusithanda.​​—Nd 115:4; IZe 17:​16; 1Ko 10:14.

  • ukuThwasa kwenyanga.

    Usuku lokuqala lwenyanga kwikhalenda yamaYuda, olwalubhiyozelwa ngokuba abantu badibane, batye, benze nemibingelelo ekhethekileyo. Kamva, olu suku lwaba litheko elibalulekileyo olubhiyozelwa luhlanga lonke, ibe abantu babengasebenzi ngolo suku.​​—Num 10:​10; 2Kr 8:​13; Kol 2:16.

  • Tishri.

    ​​—Funda kwindawo ethi ETANIM neSihlomelo B15.

  • Tiyopiya.

    Isizwe sakudala esikumzantsi weYiputa. Sasiquka umzantsi Yiputa wanamhlanje nehafu esemantla kwiSudan yale mihla. Eli gama likhe lisetyenziswe xa kuthethwa ngegama lesiHebhere elithi “Kushe.”​​—Est 1:1.

  • isiTokisi.

    Isixhobo sokohlwaya ngokubophelela. Ezinye zazibophelela iinyawo kuphela, ezinye zimbophelela kabuhlungu umntu, njengokubophelela iinyawo, izandla nentamo.​​—Yer 20:2; IZe 16:24.

  • umTshato wongeno.

    Isiko elathi ekuhambeni kwexesha lafakwa kuMthetho KaMoses. Eli siko lalisithi xa umfazi eswelekelwe yindoda engakhange abe nanyana, umntakwayo wayemele atshate loo mhlolokazi ukuze umntakwabo abe nomnombo.​​—Gen 38:8; Dut 25:5.

  • iziTya zomlilo.

    Izitya ezenziwe ngegolide, isilivere okanye ikopolo. Zazisetyenziswa kwintente engcwele nasetempileni ukuze kutshiswe isiqhumiso nokuze kususwe amalahle esibingelelweni nemitya yezibane kwisibane segolide. Zazibizwa nangokuba zizitya zokutshisa isiqhumiso.​​—Eks 37:​23; 2Kr 26:​19; Heb 9:4.

  • iliTye lekona.

    Ilitye elalifakwa kwikona yesakhiwo apho kudibana khona udonga ukuze luqiniswe. Elona litye lekona libalulekileyo yayililitye lekona elisisiseko. Kwakudla ngokukhethwa elona lomeleleyo xa kusakhiwa izakhiwo zikawonke-wonke neendonga zesixeko. Eli gama lisetyenziswa ukuze kuchazwe ukusekwa kwehlabathi, ibe noYesu ubizwa ngokuba “lilitye lekona elisisiseko” lebandla lamaKristu elifaniswa nendlu.​​—Efe 2:​20; Yob 38:6.

  • iliTye lokusila.

    Ngamaxesha eBhayibhile, amatye okusila ayesetyenziswa ngabafazi kwizindlu ezininzi. Ekubeni sasisenziwa ngalo isonka sekhaya ngalinye esityiwa yonke imihla, uMthetho KaMoses wawungakuvumeli ukuthathwa kwalo njengento yokubambisa. Kwakusetyenziswa izilwanyana xa kusilwa ngamatye amakhulu.​​—Dut 24:6; Mar 9:42.

  • iTyeya yesivumelwano.

    Ibhokisi eyayenziwe ngomthi womnga yaza yatyatyekwa ngegolide. Yayigcinwa kweYona Ngcwele yentente engcwele nakweYona Ngcwele yetempile eyakhiwa nguSolomon kamva. Yayinesiciko segolide neekherubhi ezijongeneyo. Eyona nto yayilapho yayingamacwecwe amabini eMithetho Elishumi. (Dut 31:​26; 1Ku 6:​19; Heb 9:4)​​—Jonga Isihlomelo B5 no-B8.

U

  • Urim neTumim.

    Izinto ezifana namaqashiso ezazisetyenziswa ngumbingeleli omkhulu ukuze afumane impendulo kaYehova xa kukho imibuzo ebalulekileyo echaphazela uhlanga. IUrim neTumim zazifakwa kwisingxobo sombingeleli omkhulu xa engena kwintente engcwele. Kubonakala ukuba zayeka ukusetyenziswa xa amaBhabhiloni atshabalalisa iYerusalem.​​—Eks 28:​30; Neh 7:65.

V

  • isiValo setyeya.

    Into yokuvala ityetya umbingeleli omkhulu awayefefa phambi kwayo igazi leminikelo yesono ngoSuku Lokuhlawulela. Eli gama lithathwe kwelesiHebhere elithetha “ukogquma (isono)” okanye “ukosula (isono).” Yayenziwe ngegolide, ineekherubhi ezimbini, enye ikwelinye icala, nenye ikwelinye. Ngamanye amaxesha kuthiwa nje ‘sisivalo.’ (Eks 25:​17-22; 1Kr 28:​11; Heb 9:5)​​—Jonga Isihlomelo B5.

  • iVeranda KaSolomon.

    Ngexesha likaYesu yayiyipaseji enophahla kwicala elingasempuma leyadi engaphandle, ekukholelwa ukuba yashiyeka kwitempile kaSolomon. UYesu wayekhe ahambe apho ‘ebusika,’ namaKristu okuqala ayekhonzela apho. (Yoh 10:​22, 23; IZe 5:​12)​​—Jonga Isihlomelo B11.

  • uViko.

    Intonga ende enencam etsolo yesinyithi eyayisetyenziswa ngabalimi xa kuqhutywa isilwanyana. Uviko lufaniswa namazwi athethwa sisilumko abangela ukuba loo mntu kuthethwa naye alimamele icebiso. ‘Ukukhaba iimviko’ kususela kwinkunzi yenkomo enenkani ekhabayo xa iqhutywa ngoviko, ize yenzakale.​​—IZe 26:​14; ABa 3:31.

  • uVuko.

    Ukuvuka ekufeni. Igama lesiGrike elithi a·naʹsta·sis lithetha “ukuvusa; ukuphakama.” IBhayibhile ithetha ngabantu abasithoba abavuswayo, ibe uYesu owavuswa nguYehova uThixo ngomnye wabo. Nangona aba bantu bavuswa nguEliya, uElisha, uYesu, uPetros noPawulos, kucacile ukuba nguThixo owabanika amandla. Ukuvuselwa emhlabeni kwabantu “abangamalungisa nabangengomalungisa” kubalulekile ukuze kwenzeke ukuthanda kukaThixo. (IZe 24:​15) IBhayibhile ithetha nangokuvuselwa kwabantu ezulwini, yaye olo vuko lubizwa ngokuba luvuko ‘lokuqala.’ Olo vuko lubhekisa kubazalwana bakaYesu abathanjiswe ngomoya.​​—Fil 3:​11; ISi 20:​5, 6; Yoh 5:​28, 29; 11:25.

  • isiVumelwano.

    Ukuvumelana ngokusemthethweni phakathi kukaThixo nabantu okanye phakathi kwabantu ababini, ngento abaza kuyenza okanye abangazukuyenza. Ngamanye amaxesha mnye umntu ekwakufuneka enze ngokwesivumelwano (nto leyo efana nesithembiso). Ngamanye amaxesha kwakufuneka bobabini abo bantu kubekho izinto abazenzayo ngokwesivumelwano. Ngaphandle kwezivumelwano ezazisenziwa nguThixo nabantu, iBhayibhile ithetha nangezinye izivumelwano ezaziphakathi kwabantu, izizwe, iintlanga okanye amaqela abantu. Ezinye izivumelwano ezachaphazela abantu abaninzi zezo uThixo awazenza noAbraham, uDavide, uhlanga lwamaSirayeli (isivumelwano soMthetho) kunye noSirayeli kaThixo (isivumelwano esitsha).​​—Gen 9:​11; 15:​18; 21:​27; Eks 24:7; 2Kr 21:7.

  • umVumisi ngeenkwenkwezi.

    Umntu ojonga kwilanga, inyanga nakwiinkwenkwezi ukuze achaze izinto eziza kwenzeka.​​—Dan 2:​27; Mat 2:1.

  • isiVuno sokuqala.

    Iziqhamo zokuqala ngexesha lokuvuna, imveliso yokuqala yayo nantoni na. UYehova wayefuna amaSirayeli amnike iziqhamo zawo zokuqala, enoba ngumntu, isilwanyana okanye imveliso yomhlaba. AmaSirayeli ayenika uThixo iziqhamo zawo zokuqala kwiTheko Lesonka Esingenagwele nangePentekoste. UKristu nabalandeli bakhe abathanjisiweyo babizwa ngokuba “sisivuno sokuqala.”​​—1Ko 15:​23; Num 15:​21; IMi 3:9; ISi 14:4.

W

  • ukuWexuka.

    NgesiGrike, eli gama (a·po·sta·siʹa) lisuka kwisenzi esithetha “ukumela kude entweni.” Xa lisisibizo, lithetha “ukulahla, ukushiya, okanye ukujikela.” KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, “ukuwexuka” kusetyenziswa kakhulu xa kuthethwa ngabo baye bashiya inkonzo yokwenene.​​—IMi 11:9; IZe 21:​21; 2Te 2:​3, umbhalo osemazantsi.

X

  • isiXeko SikaDavide.

    Igama esathiywa ngalo isixeko saseYebhusi emva kokuba uDavide esoyisile waza wayakha apho indlu yakhe yasebukhosini. Sikwabizwa ngokuba yiZiyon. Ngummandla osemzantsi-mpuma eYerusalem ibe ngowona mdala.​​—2Sa 5:7; 1Kr 11:​4, 5.

  • iziXeko zokubalekela.

    Izixeko zabaLevi awayebalekela kuso umntu obulele ngempazamo ukuze angabulawa ngumphindezeli wegazi. Izixeko ezithandathu zokubalekela, ezazithiwe saa kulo lonke iLizwe Lesithembiso, zazikhethwe nguMoses zaza kamva zakhethwa nguYoshuwa, bethunywe nguYehova. Xa umntu obalekileyo efika kweso sixeko, wayechaza into eyenzekileyo kubadala abahleli ngasegeyithini yaye wayesamkelwa ngobubele. Ukuze abantu bangabulali ngabom kuba besazi ukuba baza kubalekela kwezi zixeko, kwakufuneka loo mntu ubalekayo axoxe ityala lakhe kwisixeko abulalele kuso ukuze kubonwe ukuba akanatyala na. Ukuba ufunyaniswe engenatyala, wayebuyiselwa kwisixeko sokubalekela. Kwakufuneka ahlale apho ubomi bakhe bonke okanye de kufe umbingeleli omkhulu.​​—Num 35:​6, 11-15, 22-29; Yos 20:​2-8.

  • iXesha Lobunzima Obungathethekiyo.

    Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ubunzima” lichaza intlungu ebangelwa ziimeko ezicinezelayo. UYesu wathetha ‘ngexesha lobunzima obungathethekiyo’ elingazange labakho ngaphambili elaliza kufikela iYerusalem. Wathetha nangexesha elinjalo elaliza kufikela bonke abantu kwixesha elizayo nelaliza kubonisa ‘ukuza kwakhe enozuko.’ (Mat 24:​21, 29-31) UPawulos ulichaza eli xesha lobunzima njengobulungisa obenziwa nguThixo, esohlwaya abo ‘bangamaziyo uThixo, nabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo’ ezingoYesu Kristu. ISityhilelo isahluko 19 sibonisa uYesu ekhokela imikhosi yasezulwini elwa ‘nerhamncwa nookumkani bomhlaba nemikhosi yabo.’ (2Te 1:​6-8; ISi 19:​11-21) IZibhalo zithi kukho “isihlwele esikhulu” esiza kusinda ngelo xesha lobunzima. (ISi 7:​9, 14)​​—Funda kwindawo ethi ARMAGEDON.

  • iXilongo.

    Isixhobo somculo esivuthelwayo esenziwe ngesinyithi, esasityenziselwa ukukhalisa umculo nokuhlaba ikhwelo. INumeri 10:2 ithi uYehova wathi makwenziwe amaxilongo esilivere amabini, awayeza kukhaliswa xa kuqokelelwa ibandla naxa kufuneka kuhanjiwe okanye kuhlatyw’ umkhosi. La maxilongo ayengagobanga ‘njengaweempondo’ zezilwanyana. Etempileni kwakukho namanye amaxilongo ekungachazwanga ukuba ayenziwe njani. Ngamanye amaxesha xa kuthethwa ngokukhaliswa kwamaxilongo kuthethwa ngokuchazwa kwezigwebo zikaYehova okanye ngento eza kwenziwa nguThixo.​​—2Kr 29:​26; Ezr 3:​10; 1Ko 15:​52; ISi 8:7–11:15.

  • isiXovulelo sewayini.

    Imingxuma emibini eyombiwe elityeni, omnye ungasentla komnye, ize idityaniswe ngomsele omncinci. Xa kuxovulwa iidiliya kumngxuma ongasentla incindi yehlela kumngxuma ongezantsi. Eli gama liyasetyenziswa naxa kuthethwa ngomgwebo kaThixo.​​—Isa 5:2; ISi 19:15.

Y

  • iYadi.

    Libala elibiyelweyo elalingqonge intente engcwele, yaye kamva yayilibala elalivulekile, libiyelwe ngodonga yaye lijikeleze itempile. Isibingelelo ekwakutshiselwa kuso iminikelo sasikwiyadi yentente engcwele, saza kamva saba kwiyadi engaphakathi yetempile. (Jonga Isihlomelo B5, B8, B11.) Kwakhona, iBhayibhile ithetha ngeeyadi zezindlu zabantu nezookumkani.​​—Eks 8:​13; 27:9; 1Ku 7:​12; Est 4:​11; Mat 26:3.

  • Yakobi.

    Unyana kaIsake noRebheka. Ekuhambeni kwexesha uThixo wamthiya ngegama elithi Sirayeli, yaye waba ngutata wamaSirayeli (ekuhambeni kwexesha kwathiwa ngamaYuda). Izizwe eziyi-12 zohlanga lwamaSirayeli zaziyinzala yoonyana bakhe abayi-12. Eli gama laqhubeka lisetyenziswa xa kubhekiselwa kuhlanga okanye abantu bakwaSirayeli.​​—Gen 32:​28; Mat 22:32.

  • Yedutun.

    Igama elingaziwayo ukuba lithetha ukuthini elikumbhalo osemantla weNdumiso 39, 62 no-77. Kubonakala ukuba le mibhalo isekuqaleni yimiyalelo yendlela emayidlalwe ngayo indumiso, mhlawumbi ichaze uhlobo lomculo okanye isixhobo somculo. Kwakukho umLevi onguYedutun owayedlala umculo, ngoko kusenokwenzeka ukuba le ndlela yokudlala umculo yayize naye okanye noonyana bakhe.

  • Yehova.

    Igama elaziwayo eliyindlela yesiXhosa yokuguqulela iTetragrammaton (oonobumba abane besiHebhere begama likaThixo), evela izihlandlo ezingaphezu kwe-7 000 kule Bhayibhile.​​—Jonga Isihlomelo A4 no-A5.

  • Yuda.

    Unyana wesine kaYakobi awamfumana ngomfazi wakhe uLeya. Xa wayesele eza kufa, uYakobi waprofeta ukuba kwinzala kaYuda kuza kuvela umlawuli omkhulu oza kulawula ngonaphakade. Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wayephuma kwinzala kaYuda. Eli gama likwabhekisela kwisizwe yaye kamva labhekisela kubukumkani bakwaYuda. Babuchazwa njengobukumkani basemzantsi obabubunjwa sisizwe sakwaYuda nesakwaBhenjamin kuquka ababingeleli nabaLevi. UYuda wayehlala kwicala elingasemzantsi lelizwe apho yayikho iYerusalem netempile.​​—Gen 29:​35; 49:​10; 1Ku 4:​20; Heb 7:14.

  • umYuda.

    Igama elichaza umntu wesizwe sakwaYuda emva kokuwa kobukumkani bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli. (2Ku 16:6) Emva kokubuya kwawo ekuthinjweni eBhabhiloni, izizwe ezahlukahlukeneyo zamaSirayeli ezabuyela elizweni lawo, zabizwa ngeli gama. (Ezr 4:​12) Ekuhambeni kwexesha, onke amaSirayeli abizwa ngeli gama ukuze ahlulwe kwezinye iintlanga. (Est 3:6) Umpostile uPawulos wasebenzisa eli gama ukuze abonise ukuba uhlanga lomntu alubalulekanga kwibandla lamaKristu.​​—Rom 2:​28, 29; Gal 3:28.

Z

  • umZekeliso.

    Amazwi obulumko okanye ibali elifutshane elifundisayo okanye elichaza into ebalulekileyo ngamazwi ambalwa. Imizekeliso eseBhayibhileni isenokuba yintetho ebhidisayo okanye isaci okanye uqash-qash. Amaxesha amaninzi imizekeliso ifundisa isebenzisa izafobe, ingakumbi isikweko. Ezinye izafobe zisetyenziswa xa umntu egezelwa okanye eshwatyulelwa.​​—INt 12:9; 2Pe 2:22.

  • Zeyus.

    Oyena thixo umkhulu koothixo bamaGrike. EListra abantu babecinga ukuba uBharnabhas nguZeyus. Imibhalo eyafunyanwa ngaseListra ithetha ‘ngababingeleli bakaZeyus’ kunye ‘nothixo welanga uZeyus.’ Inqanawa uPawulos awayehamba ngayo ukusuka kwisiqithi saseMalta yayinombhalo othi “Oonyana bakaZeyus,” oko kukuthi, amawele uCastor noPollux.​​—IZe 14:​12; 28:11.

  • iZibhalo.

    Imibhalo engcwele yeLizwi LikaThixo. Eli gama livela kuphela kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike.​​—Luk 24:​27; 2Ti 3:16.

  • iZiko lomlilo.

    Indawo yokunyibilikisa amatye ukuze ufumane intsimbi, neyokunyibilikisa isinyithi. Yayisetyenziselwa ukwenza izinto zodongwe nokutshisa ikalika. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, iziko lomlilo lalisenziwa ngezitena okanye ngamatye.​​—Gen 15:​17; Dan 3:​17; ISi 9:2.

  • ukuZila.

    Ukubonisa ukuba sentlungwini ngenxa yokufelwa okanye ukwehlelwa yenye into embi. Ngamaxesha eBhayibhile, yayilisiko ukuchitha ixesha uzilile. Ngaphezu nje kokukhala kakhulu, abantu abazilileyo babenxiba iimpahla ezithile, bazigalele uthuthu entloko, bakrazule iimpahla zabo, baze bazibethe esifubeni. Ngamanye amaxesha, kwakuqeshwa abantu abaza kuzila emngcwabeni.​​—Gen 23:2; Est 4:3; ISi 21:4.

  • ukuZila ukutya.

    Ukungatyi kwanto okwexeshana. AmaSirayeli ayezila ukutya ngoSuku Lokuhlawulela, ngexesha lobunzima, naxa efuna ukukhokelwa nguThixo. AmaYuda ayezila ukutya kane ngonyaka ukuze akhumbule iziganeko ezibuhlungu embalini yawo. AmaKristu awanyanzelekanga ukuba azile ukutya.​​—Ezr 8:​21; Isa 58:6; Luk 18:12.

  • ukuZinikela kuThixo.

    Ukuhlonipha ngokunzulu, ukunqula nokukhonza uYehova uThixo, nokuba kwicala lakhe njengomlawuli wendalo yonke.​​—1Ti 4:8; 2Ti 3:12.

  • Zivi.

    Igama lokuqala lenyanga yesibini kwikhalenda engcwele yamaYuda, nelenyanga yesibhozo kwikhalenda eqhelekileyo. Yayiqala phakathi kuAprili ukuya phakathi kuMeyi. Le nyanga ibizwa ngokuba nguIyyar kwiTalmud yamaYuda nakwezinye iincwadi ezabhalwa emva kokuba amaSirayeli ekhululwe eBhabhiloni. (1Ku 6:​37)​​—Jonga Isihlomelo B15.

  • Ziyon; iNtaba YeZiyon.

    Igama lesixeko esikhuselekileyo saseYebhusi esasikwinduli ekumzantsi-mpuma weYerusalem. Emva kokuba uDavide eyithimbile, wazakhela indlu apho, yaza ethubeni loo ndawo yaziwa ngokuba ‘sisiXeko SikaDavide.’ (2Sa 5:​7, 9) IZiyon yaba yeyona ntaba ingcwele kuYehova xa uDavide wazisa kuyo iTyeya. Kamva, eli gama laye labhekisela nakwindawo eyayikuyo itempile kwiNtaba YaseMoriya, ibe ngamanye amaxesha lalibhekisela kuso sonke isixeko saseYerusalem. Amaxesha amaninzi kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike eli gama lisetyenziselwa ukumela enye into.​​—Nd 2:6; 1Pe 2:6; ISi 14:1.