Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EPanama

Ukutyelela EPanama

MHLAWUMBI eyona nto idume ngayo iPanama ngumjelo wayo odibanisa ulwandlekazi lweAtlantiki nolwePasifiki. Ekubeni idibanisa uMntla noMzantsi Merika, singathi iPanama le ikwadibanisa nabantu. Eli lizwe lilikhaya leentlanga neenkcubeko ezahlukahlukeneyo. Abemi bakhona abaninzi bayinzalelwane yaseYurophu.

NGABA UBUSAZI? Isele lasePanama ekuthiwa yi-Atelopus zeteki elimbala walo ugolide, liphakamisa imilenze yalo yangaphambili xa lifuna ukubiza inkunzi okanye amathokazi, naxa inkunzi ifuna ukulumkisa ezinye ukuba zingasondeli.

Xa oomatiloshe baseSpeyin bagaleleka ePanama ngowe-1501, bafika kuhlala izizwe zomthonyama yaye ezinye zazo zisekho nanamhla oku. Esinye sazo ngamaGuna. AmaGuna amaninzi ahlala kwiziqithi zaseSan Blas nangakunxweme lwePasifiki, kufutshane nomda owahlula iPanama kwiColombia. Apho baphila ngokuzingela, ukuloba nokulima.

 Ngokwesithethe samaGuna, xa indoda itshata, kufuneka ihambe iye kuhlala nentsapho yenkosikazi yayo ize iyisebenzele. Xa umfazi wayo athe wazala intombi, bakhululekile ukuhamba baye kuzihlalela bodwa.

Kukho amabandla amaNgqina kaYehova amalunga nama-300 ePanama. Ukongezelela kwiSpanish, amaNgqina kaYehova aqhuba inkonzo ngesiCreole saseHaiti, isiGujarati, isiGuna, isiNgabere, isiNgesi, iNtetho Yezandla yasePanama, kunye nesiTshayina.