Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA YADALWA?

Ubuchopho Obomeleleyo Bukanomatse Ohlala Kwi-Arctic

Ubuchopho Obomeleleyo Bukanomatse Ohlala Kwi-Arctic

NJENGOKO esi silwanyana sizifihla emngxunyeni waso ngexesha lonyaka elinemozulu embi, ubushushu bomzimba waso buyehla. Buhla kangakanani? Kubonakala ngathi ubushushu bomzimba babanye oonomatse buye behla ukusa kumaqondo othusayo—njengominus 2.9 ngokukaCelsius! Kumaqondo obushushu aphantsi ngolo hlobo, ubunokulindela ukuba ubuchopho besi silwanyana bube ngumkhenkce. Ngoko, kwenzeka njani ukuba lo nomatse aqhubeke ephila?

Cinga ngoku: Rhoqo emva kweeveki ezimbini okanye ezintathu, lo nomatse uye ungcangcazelise umzimba wakhe ukuze ubuyele kwiqondo lobushushu obungama-36.4 yaye awuphinde ugodole kwakhona kangangeeyure ezili-12 ukuya kwezili-15. Abaphandi bathi koku kuzifudumeza okukhusela ubuchopho bukanomatse. Ngaphezu koko, xa lo nomatse ezifihle kwisikhundla sakhe ebudeni bexesha lemozulu engentle, intloko yakhe ayigodoli njengamanye amalungu omzimba. Xa bekuhlolwa lo nomatse, kufunyaniswe ukuba iqondo lobushushu bentamo yakhe alize libe ngaphantsi kuka-0.7 ngokuka-Celsius.

Xa lo nomatse ephuma kwisikhundla sakhe, ubuchopho bakhe buqalisa ukusebenza ngokwesiqhelo kungekadluli neeyure ezimbini. Okumangalisayo kukuba olunye uhlolisiso lubonisa ukuba ubuchopho bakhe busebenza bhetele emva kokuba ebekhe wazifihla esikhundleni sakhe kangangexesha elithile! Iingcali zibamb’ ongezantsi xa zibona oku. Zithi kufana nokukhula kotyani kungekadluli neentsuku ezingephi litshile ihlathi.

Abaphandi bathemba ukuba ukufunda ngalo nomatse kuza kubanceda bafunde ngobuchopho bomntu. Bafuna nokwazi ukuba bangakunqanda njani ukufa kweeseli zengqondo okubangela izifo zengqondo, njengesifo sokulibala.

Ucinga ntoni? Ngaba ubuchopho obomeleleyo bukanomatse babakho ngamabona ndenzile? Okanye ngaba badalwa?