Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

EUnited States

Suku ngalunye, abantu abangaphezu kwabayi-20 ababengamajoni eUnited States bayazibulala. Nyanga nganye, abantu abamalunga nabayi-950 abanyanyekelwa lisebe elinceda abo babengamajoni eUnited States, bazama ukuzibulala.

ETshayina

IChina Daily ithi: “Phantse isiqingatha samabhinqa aneminyaka engaphantsi kweyi-30 ashiye amakhaya ngenxa yokuphangela, aye akhulelwa engekatshati, ibe eli linani elikhulu labadlezane [baseTshayina] abangatshatanga xa lithelekiswa neleminyaka edluleyo.” Kanti kubonakala ngathi iTshayina iya “ikwamkela . . . ukuhlalisana.”

EGrisi

Isifo seengcongconi siphinde sayithwaxa iGrisi nakuba sasitshayelwe kweli lizwe ngo-1974. Kuthiwa le nto ibangelwa kukuwohloka kwezoqoqosho nokuncitshiswa kwemali esetyenziselwa ezonyango.

EIndiya

Uphando lubonisa ukuba nakuba izinto zitshintshile, i-74 pesenti yabantu ababuziweyo ikhetha ukubonelwa umntu eza kumtshata “kunokuzikhethela.” Okumangalisayo kukuba, i-89 pesenti ikhetha ukuhlala nezalamane zonke kunokuhlala nje nabazali nabantwana.

EItali

“ICawa [yamaKatolika] iyafadalala, eYurophu naseMerika. Amasiko ethu ashiywe lixesha, iicawa zethu zinkulu, baninzi abaphetheyo kodwa kukhal’ ibhungane kuzo, izambatho zethu zimbejembeje yaye senza izinto ngamatshamba. . . . ICawa yethu isemva ngeminyaka eyi-200.”—Udliwano-ndlebe nokhadinali wamaKatolika uCarlo Maria Martini, lupapashwe yiCorriere della Sera emva kokufa kwakhe.