UKUNCEDA IINTSAPHO | UMTSHATO
Indlela Yokuphulaphula Kakuhle
INGXAKI
Iqabane lakho lithi “Awundimamelanga!” Wena uzixelela ukuba ‘Ndimamele nje.’ Kodwa lento uyivileyo yahlukile kuleyo ibithethwa liqabane lakho. Ngenxa yoko, kuqala enye ingxabano.
Unokuziphepha ezi ngxabano. Kodwa kufuneka kuqala uqonde isizathu sokuba ungaziva ezinye izinto ezibalulekileyo ezithethwa liqabane lakho, nangona wena ucinga ukuba umamele.
ISIZATHU SOKUBA OKU KUSENZEKA
Kukho into ekuphazamisayo, udiniwe okanye zombini. Kungxola abantwana kunye nomabonwakude yaye ucinga nangengxaki ubukhe wanayo emsebenzini. Ngoku iqabane lakho liqalisa ukuthetha—ingathi uthi niza kuba nendwendwe ngale ngokuhlwa. Uyanqwala uvuma, kodwa ngaba uyivile le nto beliyithetha? Mhlawumbi akunjalo.
Uyathelekelela. Ucinga ukuba kukho into elizama ukuyithetha iqabane lakho ngamazwi alo, kodwa kusenokwenzeka ukuba uyazibaxa izinto. Ngokomzekelo, mhlawumbi iqabane lakho lithi: “Kule veki uchithe ixesha elininzi kakhulu emsebenzini.” Uzixelela ukuba liyakugxeka, uze uzithethelele ngokuthi: “Andenzanga ngabom! Kufuneka ndisebenze ixesha elongeziweyo kuba uyisebenzisa kakhulu imali.” Ngomsindo lithi: “Bendingakutyholi!” Kuba eyona nto beliyithetha kukuba nikhe niphumle kunye kule mpela-veki.
Ukhawuleza ufune isicombululo. UMarcie * uthi: “Ngamanye amaxesha ndifuna nje ukuchaza indlela endivakalelwa ngayo, kodwa uMike ufuna ukundixelela indlela yokuyicombulula. Andifuni sicombululo. Ndifuna nje ayazi indlela endivakalelwa ngayo.” Yintoni ingxaki? UMike ukhawuleza afune isicombululo. Ngenxa yoko, usenokungayiva kakuhle okanye angayiva kwaphela into ethethwa nguMarcie.
Enoba ibangelwa yintoni na ingxaki, unokuyiphucula njani indlela ophulaphula ngayo?
OKO UNOKUKWENZA
Phulaphula kakuhle. Iqabane lakho linento ebalulekileyo elifuna ukuyithetha, kodwa ngaba wena ukulungele ukuphulaphula? Mhlawumbi awukulungelanga. Kusenokwenzeka ukuba ucinga ngezinye izinto ngelo xesha. Ukuba kunjalo, musa ukwenza ngathi uphulaphule. Ukuba kunokwenzeka, yima kancinci kuloo nto uyenzayo uze uphulaphule iqabane lakho, okanye mhlawumbi ungalicela likulinde ude ugqibe.—Umgaqo weBhayibhile: Yakobi 1:19.
Makuthethe abemnye ngexesha. Xa inguwe omele aphulaphule, sukuphazamisa okanye ufune ukuphikisa. Liza kufika ixesha lakho lokuthetha. Okwangoku, phulaphula.—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 18:13.
Buza imibuzo. Oku kuza kukunceda uyiqonde kakuhle into ethethwa liqabane lakho. UMarcie, ekuthethwe ngaye ekuqaleni, uthi: “Ndiyavuya xa uMike ebuza imibuzo. Kundibonisa ukuba unomdla kwinto endiyithethayo.”
Mamela oko kuthethwayo, kungekhona amagama kuphela. Jonga oko kuthethwa ngumzimba, amehlo nelizwi. Amazwi athi “Kulungile” asenokuthetha ukuba “Akulunganga”—kuxomekeke ekubeni athethwa njani. Wona athi “Awukhe undincedise” asenokuthetha ukuba “Ndivakalelwa kukuba andibalulekanga kuwe.” Zama ukuva eyona nto liyithethayo, nokuba aliyitsho ngamazwi. Kungenjalo, ningaphela nixabana ngamazwi iqabane lakho eliwasebenzisileyo kungekhona ngoko belikuthetha.
Sukuyeka ukumamela. Sukuvele ungalihoyi iqabane lakho okanye uhambe lisathetha, nokuba awukuthandi oko likuthethayo. Ngokomzekelo, uza kuthini ukuba liyakugxeka? UGregory, oneminyaka engaphezu kweyi-60 etshatile ucebisa athi: “Qhubeka uphulaphule. Yicingisise le nto ithethwa liqabane lakho. Oku kufuna ube ngumntu oqolileyo, kodwa kuyanceda.”
Yiba nomdla onyanisekileyo kwiqabane lakho. Ukuphulaphula kakuhle ayibobuchule nje, kodwa yindlela yokubonisa uthando. Xa unomdla kwiqabane lakho, awulimameli nje kuba unyanzelekile, kodwa kuyazenzekela. Xa usenza oko uya kube wenza njengoko iBhayibhile ibongoza: “Ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.”
^ isiqe. 9 Amagama akweli nqaku atshintshiwe.