Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

  AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EBrazil

Ukutyelela EBrazil

Ifeijoada eginyis’ ingwiqi kukutya okuthandwayo eBrazil

Intaka itoucan

MANDULO, abantu baseBrazil babephila ngokuzingela nangokulima. Xa amaPhuthukezi angena eBrazil, afika necawa yamaRoma Katolika, kwaza emva koko kwakhiwa iicawa ezininzi, ibe ezinye zazo zazihonjiswa ngamaplanga asikwe kakuhle aza alekwa ngegolide.

Kwiminyaka yee-1500 ukuya kutsho phakathi kwiminyaka yee-1800, kwafika iinqanawa eBrazil zithwele amakhoboka amalunga nezigidi ezine avela eAfrika ukuze asebenze emasimini. La makhoboka eza kunye namasiko awo, awathi kamva abalunqulo lwamaAfrika aseBrazil, njengemacumba necandomblé. Ifuthe labantu baseAfrika eBrazil libonakala kuhlobo lomculo, iindlela zokudanisa kunye nokutya okuthandwayo.

Ifeijoada, esuka kumaPhuthukezi, sisityu esenziwe ngenyama kunye neembotyi ezimnyama, size sityiwe kunye nerayisi nemifuno eluhlaza. Kwiminyaka yee-1800 kunye neyee-1900, izigidi zabantu abavela kumazwe aseYurophu (abaninzi bevela eJamani, eItali,  ePoland naseSpeyin), eJapan nakwamanye amazwe bafudukela eBrazil.

Namhlanje, eBrazil kukho amaNgqina kaYehova amalunga ne-750 000 akhonza kumabandla angaphezu kwe-11 000. Aqhuba izifundo zeBhayibhile ezingaphezu kwe-800 000. Ukuze kubekho iindawo zokungena iintlanganiso, amaqela okwakha ayi-31 asebenza kunye namaNgqina asekuhlaleni ukuze akhe aze alungise iiHolo zoBukumkani ezimalunga ne-250 ukuya kweziyi-300 ngonyaka. Ukususela ngoMatshi 2000, kuye kwakhiwa kwaza kwalungiswa iiHolo zoBukumkani eziyi-3 647.

NGABA UBUSAZI?

UMlambo iAmazon uphuphuma ngaphezu kwawo nawuphi na omnye umlambo ibe unobude obungaphezu kweekhilomitha eziyi-6 275

UMlambo iAmazon ungqongwe lihlathi elikhulu nelithanda ukufikelwa ziimvula ezinkulu