Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | Izizathu Ezithathu Zokungazibulali

Izizathu Zokungazibulali—Likho Ithemba

Izizathu Zokungazibulali—Likho Ithemba

“Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INDUMISO 37:11.

IBhayibhile ithi ubomi babantu ‘buzele kukuphazamiseka.’ (Yobhi 14:1) Namhlanje, sonke sehlelwa ziintlekele ezahlukeneyo. Kodwa abanye abantu baye badimazeke bade baphelelwe lithemba. Ngaba kunjalo nakuwe? Ukuba kunjalo, qiniseka ukuba iBhayibhile inethemba lokwenene labantu bonke. Ngokomzekelo:

  • IBhayibhile ifundisa ukuba uYehova uThixo wayenenjongo entle kakhulu ngabantu.—Genesis 1:28.

  • UYehova uThixo uthembisa ukuwenza iparadesi lo mhlaba.—Isaya 65:21-25.

  • Eso sithembiso siza kuzaliseka ngokuqinisekileyo. ISityhilelo 21:3, 4 sithi:

    “Intente kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala nalo, lube ngabantu bakhe. Naye abe nguThixo walo. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”

Elo themba liqinisekile. UYehova uThixo uzimisele ukukwenza oku, kuba unomnqweno namandla okukwenza. Ithemba eliseBhayibhileni linokuthenjwa, yaye liwuphendula kakuhle umbuzo othi “Ucinga ngokuzibulala?”

KHUMBULA OKU: Nangona iimvakalelo zakho ziphazamisekile okwesikhitshane esiphehluzeliswa lulwandle olungazolanga, iBhayibhile inokukunika ithemba elifana neankile enceda isikhitshane sizinze.

OKO UNOKUKWENZA NAMHLANJE: Funda oko kuthethwa yiBhayibhile ngekamva eliqaqambileyo. AmaNgqina kaYehova angakuvuyela ukukunceda. Unokudibana nawo kwindawo ohlala kuyo okanye ungene kwiWebhsayithi yawo ethi jw.org/xh. *

^ isiqe. 11 Icebiso: Yiya kwi-jw.org/xh kumxholo othi IIMPAPASHO > ONLINE LIBRARY. Apho bhala igama elithi “depression” okanye elithi “suicide” ukuze ufumane inkcazelo engakumbi.