Abalimi Ababhabhayo Abakumahlathi Emvula Ashinyeneyo
BONKE abalimi bayazi ukuba, ukuze isivuno sibe sihle, kufuneka imbewu ityalwe kwindawo elungileyo nangexesha elilungileyo. Usenokothuka kukwazi ukuba, kulo mmandla wamahlathi kukho abalimi abalima ebusuku, bebhabha ke phofu. Aba balimi babhabhayo ngamalulwane atya iziqhamo—amanye awo abizwa ngokuba ziimpungutye ezibhabhayo. *
Ukusasaza Imbewu
Amalulwane amaninzi atya iziqhamo, atyhutyha ihlathi ebusuku ekhangela imithi enezona ziqhamo zihle neentyantyambo ezinencindi emnandi. Njengoko ebhabha yaye esitya ubusuku bonke, akhupha iipete kunye nembewu engetyiswanga. Ukuze awenze ngokupheleleyo umsebenzi wawo wokulima, la malulwane asasaza imbewu yeentyatyambo xa efunxa incindi ayithanda gqitha.
Ekubeni amalulwane ebhabha umgama omde ebusuku, ayakwazi ukusasaza imbewu kummandla omkhulu. Aqala ayetyise, itsho ifumane “umgquba” oyenza ikhule ngokukhawuleza. Ngenxa yoko, zininzi izityalo ezixhomekeke kuwo ukuze zisasaze imbewu yazo.
Ekubeni ebhabha imigama emide, la malulwane ayazi kakuhle indlela ibe anamehlo abukhali. Abona ngcono kunabantu ebumnyameni. Ukanti, ayakwazi nokwahlula eminye imibala. Ayakuthanda ukubhabha nasemini, njengasebusuku.
Indlela Aphila Ngayo
Amalulwane ekuthiwa ziimpungutye ezibhabhayo aseSamoa awawatshintshi amaqabane awo. Kwamanye ala malulwane, imazi ilikhulisa kakuhle intshontsho layo, ilibeleke iiveki ezimbalwa, ize iqhubeke ilincancisa de libe lidala. Kwiintlobo ezimbini zamalulwane atya iziqhamo, imazi isenokuncediswa yenye xa izala.
Okubuhlungu kukuba, amanye ala malulwane esecicini lokuphela, ngenxa yokutshatyalaliswa kweendawo ahlala kuzo. Kwezinye iziQithi eziseMzantsi Pasifiki, ukuphela kwala malulwane kunokuba yingxaki kuba ezinye izityalo zixhomekeke kuwo ukuze zisasaze imbewu yazo. Kucacile ukuba, aba balimi babhabhayo, benza umsebenzi obaluleke gqitha.
^ isiqe. 2 La malulwane anokufunyanwa eAfrika, eAsia, eOstreliya nakwiziQithi zePasifiki.