‘Umfuziselo Owothusayo Nonamandla’
KUNXWEME olusempuma loMlambo iMotoyasu, kwisiXeko saseHiroshima, eJapan, kukho isakhiwo esaba ngamabhodlo ukususela ngo-1945. Kutheni kudlule iminyaka eyi-70 singekakhiwa kwakhona?
Esi sakhiwo sasinemigangatho emithathu eyenziwe ngezitena nodaka lwesamente, sagqitywa ukwakhiwa ngo-1915 ibe sasisetyenziswa njengeholo yemiboniso ukuze kukhuthazwe uphuhliso lwemizi-mveliso. Oko kwatshintsha ngoAgasti 6, 1945, ngo-8:15 kusasa. Kanye ngelo xesha, ibhombu yeathom yokuqala ukusetyenziswa emfazweni, yaqhushumba kwiimitha eziyi-550 phezu kwesi sixeko yaza yaphantse yadubula ngqo phezu kwesi sakhiwo. Wonke umntu owayengaphakathi wafa ngoko nangoko. Umbindi wesi sakhiwo wona washiyeka umile.
Elinye inqaku leUNESCO * lithi, ekubeni singazange sakhiwe kwakhona, “singumfuziselo owothusayo nonamandla wokutshabalalisa kwabantu.” Ngo-1996 esi sakhiwo safakwa kuluhlu lwe-UNESCO lwezinto ezixabisekileyo ehlabathini kusithiwa siSikhumbuzo Soxolo saseHiroshima.
Okubuhlungu kukuba, izikhumbuzo ezichukumisayo njengesi aziziphelisanga iimfazwe, ezidla ngokubangelwa kukubawa, ubuthandazwe nokunganyamezelani ngenxa yobuhlanga nonqulo. Ngaba iimfazwe ziya kusoloko zikho?
IBhayibhile iphendula ngokuthi hayi! INdumiso 46:9 ithi: “[UThixo] uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba. Waphula isaphetha nomkhonto; iinqwelo uzitshisa emlilweni.” Kwangaxeshanye, uThixo uya kususa abalawuli abangabantu aze amisele urhulumente wakhe wehlabathi—uBukumkani bukaThixo, obulawulwa nguYesu Kristu ‘onguKumkani wookumkani.’—ISityhilelo 11:15; 19:16.
Emva koko, izikhumbuzo zemfazwe aziyi kufuneka. “Izinto zangaphambili”—amaxhala neentlungu ezikhoyo namhlanje—“aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni,” ngokutsho kukaIsaya 65:17.
^ isiqe. 4 I-United Nations Educational, Scientific, and Cultural Organization.