Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 34

Funda Kwiziprofeto ZeBhayibhile

Funda Kwiziprofeto ZeBhayibhile

“Abantu abanengqiqo baza kuqonda.”—DAN. 12:10.

INGOMA 98 IZibhalo Ziphefumlelwe NguThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Yintoni enokusinceda sikuthande ukufunda iziprofeto eziseBhayibhileni?

 OMNYE umzalwana osemtsha, uBen, uthi: “Ndiyakuthanda ukufunda iziprofeto zeBhayibhile.” Ngaba nawe utsho? Okanye ucinga ukuba kunzima kakhulu ukuziqonda? Mhlawumbi uthi ukufunda iziprofeto eziseBhayibhileni akuniki mdla. Kodwa xa usiya ufunda ngesizathu sokuba uYehova aphefumlele abantu ukuba bazibhale kwiLizwi lakhe, inokutshintsha indlela ozijonga ngayo.

2. Yintoni esiza kuthetha ngayo kweli nqaku?

2 Kweli nqaku siza kuthetha ngokuba kutheni sifanele sizifunde iziprofeto eziseBhayibhileni nokuba singazifunda njani. Emva koko siza kuthetha ngeziprofeto ezibini ezikwincwadi kaDaniyeli ukuze sibone ukuba kungasinceda njani ukuziqonda.

KUTHENI SIFANELE SIFUNDE IZIPROFETO ZEBHAYIBHILE?

3. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze siziqonde iziprofeto zeBhayibhile?

3 Ukuze siziqonde iziprofeto, kufuneka sicele uncedo. Makhe siyizekelise ngale ndlela le nto. Khawube nombono wakho usiya kwindawo ongayaziyo, kodwa umhlobo ohamba naye uyazi kakuhle le ndawo. Wazi kakuhle ukuba niphi, neendlela enidlula kuzo uyazazi ukuba ziya phi. Ngokuqinisekileyo uza kuyivuyela into yokuba loo mhlobo wakho evumile ukuhamba nawe. UYehova uyafana naloo mhlobo, uyazi ukuba sindawoni nokuba siya phi. Ngoko ukuze siziqonde iziprofeto eziseBhayibhileni, simele sizithobe sicele uYehova asincede.—Dan. 2:28; 2 Pet. 1:19, 20.

Ukufunda iziprofeto eziseBhayibhileni kungasinceda sizilungele izinto eziseza kwenzeka (Jonga isiqendu 4)

4. Kwakutheni ukuze uYehova enze iziprofeto zibhalwe kwiLizwi lakhe? (Yeremiya 29:11) (Jonga nomfanekiso.)

4 Njengaye nawuphi na umzali obathandayo abantwana bakhe, uYehova ufuna abantwana bakhe bonwabe kwixesha elizayo. (Funda uYeremiya 29:11.) Ngokungafaniyo nabazali abangabantu, uYehova uyakwazi ukuyixela kanye ngendlela eza kwenzeka ngayo into eza kwenzeka kwixesha elizayo. Wenza ukuba kwiLizwi lakhe kubhalwe izinto ezibalulekileyo eziza kwenzeka ukuze sizazi ngaphambi kokuba zenzeke. (Isa. 46:10) Ngoko iziprofeto eziseBhayibhileni zisisipho esisinikwe nguTata wethu osezulwini osithandayo. Kodwa unokuqiniseka njani ukuba ziza kwenzeka nyhani?

5. Umntu osemtsha unokufunda ntoni kuMax?

5 Esikolweni abantwana bethu basoloko bekunye nabantu abangayihloniphiyo iBhayibhile. Indlela abaziphethe ngayo nezinto abazithethayo zinokulenza lizithandabuze izinto elizikholelwayo iNgqina eliselitsha. Khawuve into eyenzeka komnye umzalwana, uMax. Uthi, “Xa ndandisesesikolweni ndaqalisa ukungabathembi abazali bam ukuba bandifundisa indlela echanileyo yokunqula uThixo, nokuba iBhayibhile yaphefumlelwa nguThixo.” Benza ntoni abazali bakhe? Uthi, “Ndandisazi ukuba bakhathazekile, kodwa bazola.” Abazali bakaMax basebenzisa iBhayibhile xa babephendula imibuzo yakhe. Naye ke zange asonge izandla. Uthi: “Ndazifundela iziprofeto eziseBhayibhileni ndaza ndancokola nabanye abantwana ngezinto endizifundileyo.” Yamnceda njani loo nto? Uthi, “Loo nto yandenza ndaqiniseka ukuba iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo!”

6. Yintoni omele uyenze xa uthandabuza izinto ezithethwa yiBhayibhile? Ngoba?

6 Ukuba nawe uyafana noMax, uqalis’ ukuthandabuza ukuba iBhayibhile ithetha inyani, sukuba neentloni. Kodwa sukuhlala usonge izandla. Ukuthandabuza kufana nerusi. Ukuba ayihoywanga, inokuyonakalisa kancinci kancinci into exabisekileyo. Ukuze uqalise ukuyisusa irusi ekukholo lwakho, kufuneka uzibuze lo mbuzo, ‘Ngaba ndiyayikholelwa into ethethwa yiBhayibhile ngento eza kwenzeka kwixesha elizayo?’ Ukuba awuqinisekanga, kuza kufuneka ufunde iziprofeto eziseBhayibhileni esele zenzekile. Unokuyenza njani ke loo nto?

INDLELA YOKUFUNDA IZIPROFETO ZEBHAYIBHILE

Ukuze sifane noDaniyeli, simthembe uYehova, simele sithobeke xa sifunda iziprofeto eziseBhayibhileni, siphande ngazo, sizifunde ngesizathu esifanelekileyo (Jonga isiqendu 7)

7. Yintoni eyanceda uDaniyeli wakwazi ukufunda iziprofeto? (Daniyeli 12:10) (Jonga nomfanekiso.)

7 Sonke sinokufunda kwindlela awayezifunda ngayo iziprofeto uDaniyeli. Wayenesizathu esifanelekileyo sokufunda iziprofeto. Wayefuna ukwazi inyaniso. Enye into wayethobekile, esazi ukuba uYehova uza kubenza baziqonde kakuhle iziprofeto abantu abamazi kakuhle, nabaziphethe ngendlela ayifunayo. (Dan. 2:27, 28; funda uDaniyeli 12:10.) Wabonisa ukuba uthobekile ngokumthemba uYehova ukuba uza kumnceda. (Dan. 2:18) UDaniyeli wayecokisa xa efunda. Waphanda kwiZibhalo eziphefumlelweyo ezazikho ngexesha lakhe. (Yer. 25:11, 12; Dan. 9:2) Unokumlinganisa njani uDaniyeli?

8. Yintoni esenokwenza abanye abantu bafunde iziprofeto eziseBhayibhileni? Yintoni thina ekufuneka siyenze?

8 Cinga ngesizathu esikwenza ufunde iziprofeto. Ngaba uzifunda kuba ukufuna nyhani ukwazi inyaniso? Ukuba kunjalo, uYehova uza kukunceda. (Yoh. 4:23, 24; 14:16, 17) Sesiphi esinye isizathu esinokwenza umntu afunde iziprofeto? Abanye basenokuzifunda kuba nje befuna ukufumana ubungqina bokuba iBhayibhile ayiphefumlelwanga nguThixo. Kaloku bacinga ukuba xa iBhayibhile ingaveli kuThixo banokuzibekela imithetho ngento elungileyo nengalunganga, baze baphile ngaloo mithetho. Kodwa simele sibe nesizathu esifanelekileyo sokufunda iziprofeto eziseBhayibhileni. Enye into, ukuze siziqonde kukho uphawu olubalulekileyo ekufuneka sibe nalo.

9. Loluphi uphawu ekufuneka sibe nalo ukuze siziqonde iziprofeto eziseBhayibhileni? Cacisa.

9 Thobeka. UYehova uthembisa ukuba uza kubanceda abantu abathobekileyo. (Yak. 4:6) Ngoko kufuneka simcele asincede siziqonde iziprofeto eziseBhayibhileni. Simele sivume nokuncedwa likhoboka elithembekileyo alisebenzisayo ukuze lisinike izinto eziqinis’ ukholo ngexesha elifanelekileyo. (Luka 12:42) UYehova akangoThixo wesiphithiphithi, ngoko iyavakala into yokuba esebenzisa eli khoboka qha ukuze lisincede siqonde inyaniso ekwiLizwi lakhe.—1 Kor. 14:33; Efe. 4:4-6.

10. Ufunda ntoni kwinto eyenziwa nguEsther?

10 Phanda. Qala uphande ngesiprofeto onomdla kuso. Wenza loo nto kanye omnye udade ekuthiwa nguEsther. Wayenomdla wokwazi iziprofeto ezithetha ngokuza kukaMesiya. Uthi, “Ndaqala xa ndandina-15 ukuphanda ukuba yinyani na ukuba ezi ziprofeto zabhalwa ngaphambi kwexesha likaYesu.” Into eyamenza waqiniseka ukuba yinyani yinto awayifunda ngeMisongo Yolwandle Olufileyo. Uthi: “Eminye yayo yayibhalwe ngaphambi kwexesha likaKristu, ngoko iziprofeto ezazikuyo zimele ukuba zazivela kuThixo. Kwafuneka ndiphindaphinde ukufunda ezinye izinto ukuze ndiziqonde.” Kodwa akazisoli ngokwenza ezo nzame. Emva kokuba ephande ngeziprofeto ezininzi eziseBhayibhileni uthi, “Yatsho yacaca kum into yokuba iBhayibhile ichanile!”

11. Sincedakala njani xa siqinisekile ukuba iBhayibhile ithetha inyani?

11 Xa sibona indlela eziye zenzeka ngayo iziprofeto ezikwiLizwi LikaThixo, sitsho simthande kakhulu uYehova nendlela asikhokela ngayo. Iziprofeto eziseBhayibhileni zisenza sihlale sinethemba lezinto ezintle eziza kwenzeka. Ngoko xa sizifunda sihlala siqinisekile ngalo nokuba sineengxaki ezinjani. Makhe sithethe ngeziprofeto ezibini ezabhalwa nguDaniyeli ezenzekayo ngoku. Xa siziqonda siza kukwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo.

IKUCHAPHAZELA NJANI INTO ETHETHWA ZIINYAWO ZENTSIMBI NODONGWE?

12. Iinyawo ezenziwe ‘ngentsimbi exutywe nodongwe’ zimela ntoni? (Daniyeli 2:41-43)

12 Funda uDaniyeli 2:41-43. Kwiphupha uDaniyeli awalitolikela uKumkani uNebhukadenetsare, iinyawo zomfanekiso zazenziwe ‘ngentsimbi exutywe nodongwe.’ Xa sithelekisa esi siprofeto nezinye ezikwincwadi kaDaniyeli neyeSityhilelo, siyaqonda ukuba iinyawo zimela iGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika elinamandla kakhulu kweli xesha lethu. Xa ethetha ngeli gunya uDaniyeli uthi, “Obo bukumkani buza kuba neendawo ezomeleleyo, zibekho nezithambileyo.” Kutheni lineendawo ezithambileyo? Kaloku abantu abamelwa ludongwe balenza lingomeleli njengentsimbi. b

13. Zeziphi iinyaniso ezibalulekileyo esizifundayo ngenxa yokuba sisiqonda esi siprofeto?

13 Sifunda iinyaniso ezininzi ezibalulekileyo kwindlela uDaniyeli awalichaza ngayo iphupha lomfanekiso, ngokukodwa kwiinyawo zawo. Eyokuqala kukuba zikhona iindlela iGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika eliye lazibonakalisa ngazo ukuba lomelele. Ngokomzekelo, eli gunya lelona lalinomkhosi onamandla kumazwe awoyisayo kwiMfazwe Yehlabathi I nakwiMfazwe Yehlabathi II. Kodwa alisomelelanga njengakuqala, namandla alo aza kuqhubeka ephela kuba abantu abaphantsi kwalo balwa bodwa, baphinde balwe norhulumente. Eyesibini kukuba eli gunya lehlabathi lelokugqibela kuba kuza kube kusalawula lona xa uBukumkani BukaThixo buze kuphelisa oorhulumente babantu. Nangona ngamanye amaxesha amanye amazwe esenokungalifuni, alikho eliza kukwazi ukuthatha indawo yalo. Loo nto siyayazi, kuba ziinyawo zomfanekiso ezimela iGunya LamaNgesi NamaMerika eziza kutyunyuzwa ‘lilitye’ elimela uBukumkani BukaThixo.—Dan. 2:34, 35, 44, 45.

14. Ukuqonda isiprofeto esithetha ngeenyawo zentsimbi nodongwe kuza kusinceda njani senze izigqibo zobulumko?

14 Ngaba uqinisekile ukuba isiprofeto sikaDaniyeli esithetha ngeenyawo zentsimbi nodongwe siyinyaniso? Ukuba uthi ewe, loo nto iza kubonakala kwizinto ozenzayo ebomini bakho. Awuzukufuna ukuba nezinto nemali eninzi kweli hlabathi seliza kutshatyalaliswa. (Luka 12:16-21; 1 Yoh. 2:15-17) Ukusiqonda kwakho esi siprofeto kuza kukwenza uyibone indlela obaluleke ngayo umsebenzi wokushumayela nokufundisa. (Mat. 6:33; 28:18-20) Ekubeni ufundile ngaso zibuze, ‘Ngaba izigqibo endizenzayo zibonisa ukuba ndiqinisekile ukuba uBukumkani BukaThixo sebuza kubaphelisa bonke oorhulumente babantu?’

‘UKUMKANI WASEMNTLA NOWASEMZANTSI’ BAKUCHAPHAZELA NJANI?

15. Namhlanje ngubani ‘ukumkani wasemntla,’ ingubani yena ‘owasemzantsi’? (Daniyeli 11:40)

15 Funda uDaniyeli 11:40. UDaniyeli isahluko 11 uthetha ngookumkani ababini okanye amagunya amabini epolitiki alwela ukulawula emhlabeni wonke. Xa sithelekisa esi siprofeto nezinye eziseBhayibhileni, sitsho sazi ukuba “ukumkani wasemntla” yiRashiya namazwe ayixhasayo, aze “ukumkani wasemzantsi” abe liGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika. c

Xa siyiqonda into yokuba ukungafunwa ‘ngukumkani wasemntla nokumkani wasemzantsi’ kwakuprofetiwe ngako eBhayibhileni, asoyiki kakhulu, nokholo lwethu luyaqina (Jonga isiqendu 16-18)

16. Ziintoni azenzayo “ukumkani wasemntla” kubazalwana noodade abahlala kumazwe awalawulayo?

16 Abantu bakaThixo abahlala kumazwe alawulwa ‘ngukumkani wasemntla’ banyamezele indlela abaphethe kakubi ngayo lo kumkani. Amanye amaNgqina KaYehova aye abethwa aza avalelwa etrongweni ngenxa yokholo lwawo. Endaweni yokuba ziboyikise abazalwana bethu izinto ezenziwa ‘ngukumkani wasemntla,’ ziyaluqinisa ukholo lwabo. Kutheni sisitsho? Kaloku bayazi ukuba xa bephethwe kakubi kwenzeka izinto ezaziprofetwe nguDaniyeli. d (Dan. 11:41) Ukwazi loo nto kusenza siqiniseke ngethemba esinalo, singagungqi ekukhonzeni uYehova.

17. Ziintoni azenzileyo “ukumkani wasemzantsi” kubantu bakaThixo abahlala kumazwe awalawulayo?

17 Kudala, ‘nokumkani wasemzantsi’ wayekhe wabaphatha kakubi abantu bakaYehova. Ngokomzekelo, ekuqaleni kweminyaka yoo-1900 abazalwana noodade abaninzi bavalelwa etrongweni kuba bengathath’ icala, nabanye abantwana bamaNgqina bagxothwa ezikolweni ngenxa yaloo nto. Kutshanje, kubantu bakaYehova abahlala kumazwe alawulwa ngukumkani wasemzantsi kuye kwenzeka izinto ekungekho lula ukuzibona, eziye zafuna babonise ukuba bathembeke kangakanani kuBukumkani BukaThixo. Ngokomzekelo, xa kugaywa ivoti, umKristu usenokuzibhaqa sele exhasa inkokheli okanye iqela elithile lepolitiki. Usenokungade avote, kodwa engqondweni nasentliziyweni abe eneqela arhalela ukuba liphumelele. Ngoko ukuze singathathi cala nakancinci, simele silumkele izinto esizenzayo, esizicingayo nendlela esiziva ngayo.—Yoh. 15:18, 19; 18:36.

18. Ngaba ukulwa ‘kukakumkani wasemntla nowasemzantsi’ kusenza soyike? Cacisa. (Jonga nomfanekiso.)

18 Abantu abangakholelwayo kwiziprofeto zeBhayibhile basenokoyika kakhulu xa bebona “ukumkani wasemzantsi” ‘esilwa nokumkani wasemntla.’ (Dan. 11:40) Bobabini aba kumkani baneebhombu ezinamandla okutshabalalisa yonke into ephilayo emhlabeni. Kodwa siyazi ukuba uYehova soze ayivumele yenzeke loo nto. (Isa. 45:18) Ngoko ukulwa ‘kukakumkani wasemntla nokumkani wasemzantsi’ kuyaluqinisa ukholo lwethu kunokuba kusenze soyike. Kaloku kubonisa ukuba eli hlabathi seliza kutshatyalaliswa.

HLALA UYIGADILE INDLELA EZENZEKA NGAYO IZIPROFETO

19. Yintoni esimele siyiqonde ngeziprofeto eziseBhayibhileni?

19 Asazi ukuba ziza kwenzeka njani ezinye izinto ekuprofetwe ngazo eBhayibhileni. Kaloku nomprofeti uDaniyeli zikhona izinto awazibhala engazazi ukuba zithetha ukuthini. (Dan. 12:8, 9) Kodwa ukungayazi ukuba iza kwenzeka njani kanye kanye into ekuprofetwe ngayo akuthethi kuthi ayizukwenzeka. Ngokungathandabuzekiyo sinokumthemba uYehova ukuba ngexesha elifanelekileyo uza kusenza siziqonde izinto afuna sizazi, kanye njengokuba wayesenza kudala.—Amosi 3:7.

20. Zeziphi iziprofeto eziseBhayibhileni esesiza kuzibona zisenzeka? Yintoni esimele sihlale siyenza?

20 Kuza kwenziwa isaziso esithi “siseluxolweni yaye sikhuselekile.” (1 Tes. 5:3) Emva koko oorhulumente bomhlaba baza kuhlasela iicawe zobuxoki baze bazitshabalalise. (ISityhi. 17:16, 17) Xa begqibile ngazo baza kuhlasela abantu bakaThixo. (Hez. 38:18, 19) Iza kuqala ngelo xesha ke imfazwe yokugqibela, iArmagedon. (ISityhi. 16:14, 16) Siqinisekile ukuba ezi zinto seziza kwenzeka. De kube lelo xesha, masihlale siyigadile indlela ezenzeka ngayo iziprofeto eziseBhayibhileni, sincede nabanye benze loo nto. Xa sisenza loo nto, sibonisa ukuba siyambulela uTata wethu osezulwini osithandayo.

INGOMA 95 Kuya Kukhanya Ngokukhanya

a Nokuba izinto ziya zisiba mbi kangakanani kweli hlabathi, siqinisekile ukuba sesiza kuphila kamnandi. Into esenza siqiniseke kukufunda iziprofeto eziseBhayibhileni. Kweli nqaku siza kuva ukuba kutheni simele sifunde ngezinto ethi iBhayibhile ziza kwenzeka. Siza kuthetha kancinci nangeziprofeto ezibini ezabhalwa nguDaniyeli, sibone nokuba kusinceda njani ukuziqonda.

b Jonga inqaku elithi “UYehova Utyhila ‘Izinto Ezimele Zenzeke Kamsinya’” kwiMboniselo kaJuni 15, 2012, isiqendu 7-9.

c Jonga inqaku elithi “Ngubani ‘Ukumkani Wasemntla’ Namhlanje?” kwiMboniselo kaMeyi 2020, isiqe. 3-4.

d Jonga inqaku elithi “Ngubani ‘Ukumkani Wasemntla’ Namhlanje?” kwiMboniselo kaMeyi 2020, isiqe. 7-9.