Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 40

INGOMA 30 Thixo Wam, Tata Wam, Mhlobo Wam

UYehova ‘Uyazipholisa Iintliziyo Ezibuhlungu’

UYehova ‘Uyazipholisa Iintliziyo Ezibuhlungu’

“Upholisa iintliziyo ezibuhlungu; ubopha amanxeba.” ​—INDU. 147:3.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

UYehova ubakhathalele nyhani abantu abophuke iintliziyo. Eli nqaku liza kuthetha ngendlela asithuthuzela ngayo nasinceda ngayo sikwazi ukuthuthuzela abanye.

1. Uziva njani uYehova ngabakhonzi bakhe?

 YINTONI ayibonayo uYehova xa ejonge abakhonzi bakhe abasemhlabeni? Uyababona xa bevuya naxa besentlungwini. (INdu. 37:18) Uvuya nyhani xa esibona sisenza konke okusemandleni ethu ukuze simkhonze naxa sisezintlungwini. Ukufuna nyhani ukusinceda nokusithuthuzela.

2. Yintoni ayenzayo uYehova kubantu abaneentliziyo ezibuhlungu? Yintoni ekufuneka siyenze ukuze zisincede iindlela asithuthuzela ngazo?

2 INdumiso 147:3 ithi uYehova “ubopha amanxeba” abantu abaneentliziyo ezibuhlungu. Kule vesi kuthethwa ngoYehova njengomntu othuthuzela abantu abasentlungwini. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze zisincede iindlela asithuthuzela ngazo? Nanku umzekelo. Ugqirha owazi kakuhle umsebenzi wakhe unokwenza konke okusemandleni akhe ukuze ancede umntu owenzakeleyo aphole. Kodwa ukuze lo mntu aphile, kufuneka azenze izinto azixelelwe ngugqirha. Kweli nqaku siza kuva ukuba uthini uYehova ngabantu abasentlungwini, sibone nendlela esinokuzisebenzisa ngayo izinto asicebisa zona ngenxa yokuba esithanda.

UYEHOVA UYASIQINISEKISA UKUBA USIXABISILE

3. Kutheni abanye abantu bebona ngathi akukho yabo?

3 Abantu abaninzi esiphila nabo abanalo uthando. Okubuhlungu kukuba baye babaphatha kakubi abanye abantu, babenza babona ngathi akukho yabo. Omnye udade onguHelen a uthi: “Ndikhuliswe ngabazali abangenalo tu uthando. Utata wayendlongondlongo, yonke imihla esixelela ukuba akukho yethu.” Mhlawumbi nawe uyafana noHelen, uye waphathwa kakubi, wagxekwa okanye wenziwa wabona ngathi awuthandwa. Ukuba kunjalo, kusenokuba nzima ukukholelwa ukuba ukhona umntu okuthanda nyhani.

4. Ngokutsho kweNdumiso 34:​18, uYehova ukwenza uqiniseke ngantoni?

4 Nokuba abanye abantu baye bakuphatha kakubi, qiniseka ukuba uYehova uyakuthanda futhi uyakuxabisa. “Usondele kwabo baphuke intliziyo.” (Funda iNdumiso 34:18.) Xa ‘utyumkile emoyeni,’ khumbula ukuba uYehova wabona izinto ezintle entliziyweni yakho, waza wakutsalela kuye. (Yoh. 6:44) Usoloko efuna ukukunceda kuba ukuxabisile.

5. Yintoni esinokuyifunda kwindlela uYesu awayebaphatha ngayo abantu ababejongelwa phantsi?

5 Xa sicinga izinto ezenziwa nguYesu, sinokuyazi indlela uYehova aziva ngayo. Xa wayelapha emhlabeni, wayebabona abantu abajongelwa phantsi aze abaphathe kakuhle. (Mat. 9:​9-12) Xa elinye ibhinqa elalinethemba lokuba liza kuphiliswa kwisifo esibuhlungu labamba isambatho sakhe, uYesu walithuthuzela, waza wayincoma indlela elalinokholo ngayo. (Marko 5:​25-34) Wayezibonakalisa zinjengokuba zinjalo iimpawu zikaTata wakhe. (Yoh. 14:9) Ngoko qiniseka ukuba uYehova ukuxabisile, futhi uyazibona iimpawu zakho ezintle, ezinjengokholo nokumthanda.

6. Yintoni anokuyenza umntu xa ebona ngathi akabalulekanga nganto?

6 Yintoni onokuyenza xa ubona ngathi awubalulekanga? Funda iivesi zeBhayibhile ezikwenza uqiniseke ukuba uYehova ukuxabisile, uze ucingisise ngazo. b (INdu. 94:19) Ukuba awukwazanga ukwenza izinto obuzimisele ukuzenza, okanye utyhafiswa kukuba ungakwazi ukwenza izinto njengabanye, sukuzibetha kakhulu. UYehova akalindelanga ukuba wenze okungaphaya kwamandla akho. (INdu. 103:​13, 14) Ukuba kukho umntu owakhe wakuphatha kakubi, sukuzibeka ityala ngento awayenzayo. Ebengamelanga akuphathe ngolo hlobo. Nantsi into omele ungayilibali: Ayingobantu abaye baphathwa kakubi abanetyala kuYehova, kodwa ngabo baye baphatha abanye kakubi. (1 Pet. 3:12) USandra owaphathwa kakubi esengumntwana uthi, “Ndisoloko ndimcela uYehova ukuba andincede ndikwazi ukubona iimpawu ezintle azibonayo kum.”

7. Izinto eziye zenzeka kuwe zinokukunceda njani ukwazi ukubanceda abanye?

7 Qiniseka ukuba nawe uYehova angakusebenzisa ukuze uncede abanye. Ukunike inyhweba yokusebenza naye kumsebenzi wokushumayela. (1 Kor. 3:9) Kusenokwenzeka ukuba izinto ezenzeke kuwe zikuncede wakwazi ukubavela abanye, nokuyiqonda indlela abamele ukuba baziva ngayo. Unokukwazi ukubanceda. UHelen ekuthethwe ngaye kwisiqendu 3 wancedwa, ngoku naye uyakwazi ukunceda abanye. Uthi: “UYehova wenze lo mntu ebezibona engabalulekanga wangumntu oziva ethandwa noluncedo.” Sithetha nje, uHelen nguvulindlela othe ngxi.

UYEHOVA UFUNA SIQINISEKE UKUBA USIXOLELE

8. UIsaya 1:18 usenza siqiniseke ngantoni?

8 Abanye abakhonzi bakaYehova basazisola ngezinto ezimbi abazenze ngaphambi kokuba babhaptizwe okanye emva kokuba bebhaptiziwe. Kodwa kuyasinceda ukukhumbula ukuba uYehova uye wancama uNyana wakhe ukuba asifele, kuba usithanda kakhulu. Ngokuqinisekileyo ufuna sisamkele isipho sakhe. UYehova uthi emva kokuba siye salungisa “izinto phakathi kwethu” c naye, uyalibala ngesono esisenzileyo. (Funda uIsaya 1:18.) Loo nto ibonisa ukuba usithanda nyhani. Kodwa zona izinto ezintle esiye sazenza soze azilibale.​—INdu. 103:​9, 12; Heb. 6:10.

9. Kutheni singafanele sihlale sicinga ngeempazamo esazenzayo?

9 Kunokuba uzikhathaze ngezinto ozenze kwixesha elidlulileyo, cinga ngezinto ozenza ngoku noza kuzenza kwixesha elizayo. Cinga ngompostile uPawulos. Wayezisola ngento yokuba wayekhe waphatha kakubi amaKristu, kodwa wayesazi ukuba uYehova umxolele. (1 Tim. 1:​12-15) Ngaba wayesoloko ecinga ngeempazamo awazenzayo? Ngokuqinisekileyo zange ayenze loo nto. Kaloku nezinto awayezenza ukuze abe ngumFarisi ohlonitshwayo wayengasoloko ecinga ngazo. (Fil. 3:​4-8, 13-15) Endaweni yaloo nto, wayekhuthele kumsebenzi wokushumayela, ecinga nangezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. NjengoPawulos, awunakuzitshintsha izinto owazenzayo, kodwa izinto ozenzayo ngoku zinokumdumisa uYehova zize zimvuyise. Unokucinga nangezinto uYehova akuthembise zona eziza kwenzeka kwixesha elizayo.

10. Ukuba izinto esazenza ebantwini zabashiya bebuhlungu, yintoni esinokuyenza?

10 Kusenokwenzeka ukuba ukhathazwa zizinto owazenza kwabanye abantu nezabashiya bebuhlungu. Yintoni enokukunceda? Yenza konke onokukwazi ukukwenza ukuze ulungise izinto. Cela uxolo ngento owayenzayo, wenze nezinto ezibonisa ukuba uxolisa nyhani. (2 Kor. 7:11) Cela uYehova abancede abo bantu wabakhathazayo. Unokunceda wena nabo nixole, nize niqhubeke nimkhonza.

11. Yintoni esinokuyifunda kwinto eyenziwa ngumprofeti uYona? (Jonga nomfanekiso .)

11 Funda kwiimpazamo ozenzileyo, uze uvumele uYehova akusebenzise nangayiphi indlela afuna ukukusebenzisa ngayo. Cinga ngomprofeti uYona. UThixo wamthuma eNineve yena waya eTarshishe. UYehova wamohlwaya, naye wafunda kwimpazamo ayenzileyo. (Yona 1:​1-4, 15-17; 2:​7-10) UYehova zange amncame, waphinda wamthuma eNineve. Ngoku uYona wakhawuleza waya apho athunywa khona. Wazisola yena ngempazamo ayenzileyo, kodwa ukuzisola kwakhe zange kumenze angavumi ukuthunywa nguYehova.​—Yona 3:​1-3.

Emva kokuba umprofeti uYona ephumile kwisisu sentlanzi enkulu, uYehova waphinda wamthuma ukuba aye kushumayela eNineve (Jonga isiqendu 11)


UYEHOVA USEBENZISA UMOYA OYINGCWELE XA ESITHUTHUZELA

12. Xa sehlelwe yinto ebuhlungu kakhulu, uYehova usinceda njani sibe noxolo? (Filipi 4:​6, 7)

12 Xa sehlelwe yinto ebuhlungu kakhulu, uYehova usithuthuzela ngomoya wakhe oyingcwele. Khawuve into eyehlela uRon noCarol. Unyana wabo wazibulala. Bathi: “Le yeyona ngxaki yakhe yanzima kunazo zonke esakhe sanazo. Iintsuku ezininzi sasiye singakwazi ukulala ebusuku. Sasiye sithandaze, size sifumane uxolo ekuthethwa ngalo kumaFilipi 4:​6, 7.” (Wafunde.) Ukuba unyamezele ingxaki ekophula intliziyo, chazela uYehova indlela oziva ngayo, nokuba uthethe naye kangaphi okanye ixesha elingakanani. (INdu. 86:3; 88:1) Mcele akuphe umoya wakhe oyingcwele. Uza kusimamela isicelo sakho.​—Luka 11:​9-13.

13. Umoya oyingcwele unokusinceda njani siqhubeke sithembekile kuYehova? (Efese 3:16)

13 Ngaba uye wanengxaki ekushiye utyhafile? Umoya oyingcwele unokukunceda ube namandla okuqhubeka uthembekile kuYehova. (Funda amaEfese 3:16.) Khawuve into eyenzeka kuFlora. Xa yena nomyeni wakhe babengabathunywa bevangeli, umyeni wakhe wakrexeza, baza badivosa. Uthi: “Yho! Indlela endandibuhlungu ngayo. Ndathandaza kuYehova ndimcela ukuba andiphe umoya wakhe ukuze ndikwazi ukunyamezela. UYehova wandithuthuzela waza wandinceda ndakwazi ukumelana neengxaki endandicinga ukuba andinawo amandla okumelana nazo.” UFlora ucinga ukuba indlela amncede ngayo uThixo imenze wamthemba kakhulu, waqiniseka nokuba uza kumnceda kuzo zonke iingxaki anazo. Uphinda athi: “Ithetha ngam iNdumiso 119:32 xa isithi: ‘Ndizimisele ukuyithobela imiyalelo yakho kuba uvula intliziyo yam ukuze ndiyiqonde.’”

14. Ziintoni esinokuzenza ukuze sifumane umoya kaThixo?

14 Ziintoni onokuzenza emva kokuba ucele uYehova ukuba akuphe umoya oyingcwele? Zizinto eziza kukunceda uwufumane. Ezinye zazo kukuya kwiintlanganiso nokushumayela. Lifunde yonke imihla iLizwi LikaThixo ukuze uyazi indlela acinga ngayo. (Fil. 4:​8, 9) Xa ulifunda, phawula abantu elithetha ngabo ababeneengxaki, uze ucingisise ngendlela uYehova awabanceda ngayo bakwazi ukunyamezela. USandra ekukhe kwathethwa ngaye waba neengxaki ezininzi ezinzima kakhulu. Uthi: “Ibali likaYosefu lindikhuthaza nyhani. Zange avumele iingxaki nokungaphathwa ngobulungisa kulwenze lungaqini ukholo lwakhe.”​—Gen. 39:​21-23.

UYEHOVA USEBENZISA AMANYE AMAKRISTU XA ESITHUTHUZELA

15. Ngoobani abanokusithuthuzela? Banokusinceda njani? (Jonga nomfanekiso.)

15 Xa sisentlungwini, abazalwana noodade ‘banokusithuthuzela.’ (Kol. 4:11) UYehova usebenzisa bona ukuze asibonise indlela asithanda ngayo. Banokusithuthuzela ngokuba kunye nathi nangokusimamela. Banokusifundela umbhalo osikhuthazayo okanye bathandaze nathi. d (Roma 15:4) Ngamanye amaxesha umzalwana okanye udade unokusikhumbuza indlela uYehova acinga ngayo, ize loo nto isincede sizole. Abazalwana noodade banokusinceda nangezinye iindlela xa sisentlungwini, njengokusenzela ukutya.

Abahlobo obathembileyo nabanokholo oluqinileyo banokukuthuthuzela, bakuncede (Jonga isiqendu 15)


16. Yintoni ekusenokufuneka siyenze ukuze abanye basincede?

16 Kusenokufuneka silucele uncedo kubazalwana noodade. Bayasithanda, futhi bayafuna ukusinceda. (IMize. 17:17) Kodwa basenokungayazi indlela esiziva ngayo nento esiyidingayo. (IMize. 14:10) Ukuba ukhathazekile, sukuyigcina kuwe indlela oziva ngayo. Thetha nabazalwana noodade abanokholo oluqinileyo. Bachazele ukuba yintoni ocinga ukuba ingakunceda. Usenokuthetha nomdala omnye okanye ababini okhululekayo kubo. Abanye oodade baye bancedwa kukuncokola nodade onokholo oluqinileyo.

17. Zeziphi izinto ezinokusenza singalufumani ukhuthazo? Yintoni esinokuyenza?

17 Sukuzikhetha ebantwini. Xa usentlungwini usenokungafuni ukuba phakathi kwabantu. Ngamanye amaxesha abazalwana noodade basenokungayiqondi kakuhle indlela oziva ngayo, okanye bathethe izinto ezikukhathazayo. (Yak. 3:2) Sukuvumela izinto ezinjalo zikwenze ungalufumani ukhuthazo. Omnye umdala onedepression, uGavin, uthi: “Ndihlala ndisonqena ukuba kunye nabahlobo bam.” Kodwa uye azinyanzele, kutsho kumncede ukuba kunye nabo. Yena udade onguAmy uthi: “Ngenxa yezinto eziye zenzeka kum, kunzima ukubathemba abantu. Kodwa, ndizimisele ukubathanda nokubathemba abazalwana noodade njengoYehova. Ndiyazi ukuba le nto iyamvuyisa uYehova, nam indenza ndivuye.”

THUTHUZELWA ZIZINTO ESIZITHENJISWA NGUYEHOVA

18. Yintoni esikhangele phambili kuyo? Yintoni esinokuyenza ngoku?

18 Sinokukhangela phambili kwixesha elizayo sisazi ukuba uYehova uza kuziphelisa zonke izinto ezisenza sibe buhlungu. (ISityhi. 21:​3, 4) Ngelo xesha izinto ezibuhlungu eziye zasehlela ‘azizukuphinda zithi qatha entliziyweni.’ (Isa. 65:17) Njengoko sesibonile, khona ngoku uYehova ‘uyawabopha amanxeba’ ethu. Zisebenzise zonke iindlela ozilungiselelwe nguYehova zokukuthuthuzela nokukunceda. Ungaze uyithandabuze into yokuba ‘ukukhathalele.’​—1 Pet. 5:7.

INGOMA 7 UYehova Ungamandla Ethu

a Amanye amagama atshintshiwe.

b Jonga ibhokisi ethi “ UYehova Uyakuxabisa.”

c Ukuze “silungise izinto” noYehova, kufuneka simbonise ukuba siguqukile ngokumcela ukuba asixolele, size sitshintshe indlela esiziphethe ngayo. Ukuba senze isono esinzulu kufuneka sicele abadala basincede.​—Yak. 5:​14, 15.

d Ngokomzekelo, jonga izibhalo ezikumxholo othi “IXhala” nothi “UkuThuthuzela” kwincwadi ethi IZibhalo Ezibonisa Indlela Yokuphila YamaKristu.