Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Wawubaluleke kangakanani umculo kumaSirayeli?

AMASIRAYELI ayewuthanda kakhulu umculo. IBhayibhile ithetha ngabantu ababesebenzisa izixhobo zomculo nababecula ngomlomo. Ngokomzekelo, ezinye iincwadi zeBhayibhile ziziingoma; incwadi yeeNdumiso, iNgoma yazo iiNgoma neZililo. Enye incwadi ithi iBhayibhile “yenza kucace ukuba kwizinto ezininzi awayezenza amaSirayeli kwakubakho nomculo.”

Umculo kubomi bemihla ngemihla. AmaSirayeli ayebonisa indlela aziva ngayo ngokudlal’ umculo. (Isa. 30:29) Xa kubekwa uKumkani, amajoni oyisile emfazweni nakumatheko okukhonza, amabhinqa ayecula iingoma ezimnandi, ebetha amagubu, edanisa nokudanisa. (ABagwe. 11:34; 1 Sam. 18:​6, 7; 1 Kum. 1:​39, 40) AmaSirayeli ayecula naxa esentlungwini yokuswelekelwa. (2 Kron. 35:25) Enye incwadi ithi, “akuthandabuzeki ukuba amaSirayeli ayewuthanda kakhulu umculo.”

Nookumkani bakwaSirayeli babewuthanda umculo. Ukumkani uSawule wabizela uDavide ebhotweni lakhe ukuze abe sisicaka esimdlalela umculo. (1 Sam. 16:​18, 23) Ekuhambeni kwexesha naye uDavide waba ngukumkani, wazenzela izixhobo zomculo, wabhala iingoma ezimnandi, wenza kwakho iokhestra eyayidlalwa etempileni kaYehova. (2 Kron. 7:6; Amosi 6:5) Ukumkani uSolomon wayenamadoda namabhinqa awayemculela kwibhotwe lakhe.​—INtshu. 2:8.

AmaSirayeli ayecula xa ekhonza uYehova. Kaloku, kwakukho abantu abayi-4 000 ababecula etempileni eYerusalem. (1 Kron. 23:5) Babephethe amacangci, bedlala imirhubhe, uhadi namaxilogo. (2 Kron. 5:12) Yayingengabo kuphela abantu abakhonza uYehova ngomculo. Ngokuqinisekileyo amaSirayeli amaninzi ayecula iiNgoma Zokunyuka xa esiya kumatheko enziwa minyaka le eYerusalem. (INdu. 120–134) Imibhalo yamaYuda ithi amaSirayeli ayecula iiNgoma ZeeNdumiso a ngexesha lesidlo sePasika.

Umculo usabalulekile nanamhlanje kubakhonzi bakaThixo. (Yak. 5:13) Xa sidumisa uYehova siyacula. (Efe. 5:19) Umculo usenza simanyane nabazalwana noodade. (Kol. 3:16) Usenza somelele naxa sineengxaki. (IZe. 16:25) Umculo yenye indlela esibonisa ngayo ukuba sinokholo kuYehova futhi siyamthanda.

a Xa ethetha ngeNdumiso 113 ukuya ku-118 amaYuda ayesithi ziiNgoma ZeeNdumiso. Ayeziculela ukudumisa uYehova.