Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Yayiphakame kangakanani iveranda yetempile kaSolomon?

Iveranda yayiyindawo ekungenwa kuyo xa kusiyiwa kwindawo eNgcwele yetempile. KwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele eprintwe ngaphambi ko-2023, kuthiwa “iveranda eyayingaphambili yayiziikubhite eziyi-20 ubude, ilingana nobubanzi bendlu, yaye ukuphakama kwayo kwakuziikubhite eziyi-120.” (2 Kron. 3:4) Nezinye iinguqulelo zithi iveranda “yayiziikubhite eziyi-120” ukuphakama. Loo nto ithetha ukuba yayiziimitha eziyi-53.

Kodwa yona iNguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiNgesi eprintwe ngo-2023, xa ithetha ngeveranda yetempile kaSolomon ithi: “Ukuphakama kwayo kwakuziikubhite eziyi-20,” okanye kwakumalunga neemitha eziyi-9. a Makhe sithethe ngezizathu ezimbalwa ezisenze satshintsha.

Kweyoku-1 yooKumkani 6:3 akuthethwa nto ngokuphakama kweveranda. Kule vesi umbhali uYeremiya uthetha ngobude nobubanzi beveranda, akathethi nto ngokuphakama kwayo. Kwisahluko esilandelayo kuthethwa ngezinye izinto ezazisetempileni ezinjengoLwandle lwekopolo, iinqwelo ezilishumi neentsika ezimbini zekopolo ezazingaphandle kweveranda. (1 Kum. 7:​15-37) Ukuba nyhani iveranda yayingaphezu kweemitha eziyi-50 ukuphakama, futhi iphakamile kunetempile, kwakutheni ke ukuze uYeremiya angathethi ngokuphakama kwayo? Nasemva kwamakhulu eminyaka, ababhali bembali yakwaYuda bathi iveranda yayingaphakamanga ngaphezu kwetempile kaSolomon.

Abaphengululi bayathandabuza ukuba iindonga zetempile zazinokukwazi ukubamba iveranda eziikubhite eziyi-120 ukuphakama. Kudala, amatye amade kakhulu nezakhiwo ezazenziwe ngezitena ezifana neegeyithi zetempile yaseYiputa, zazivuleke kakhulu ezantsi, zize ziye zincipha ukuya phezulu. Kodwa yona itempile kaSolomon yayingafani nazo. Abaphengululi bathi iindonga zayo zazingekho nkulu ngaphezu kweekubhite eziyi-6, okanye kweemitha eziyi-2,7. Ngoko uTheodor Busink ophanda ngezakhiwo zakudala uthi: “Ngenxa yokuba zazingekho nkulu kangako iindonga zomnyango wetempile, iveranda yayingenakuba ziikubhite eziyi-120 [ukuphakama].”

Kusenokwenzeka ukuba izi-2 Kronike 3:4 zange zikhutshelwe ngendlela echanileyo. Nangona kweminye imibhalo-ngqangi yakudala kubhalwe “120” kule vesi, kweminye ethenjiweyo efana neCodex Alexandrinus yeminyaka yoo-400 neCodex Ambrosianus yeminyaka yoo-500, kubhalwe “iikubhite eziyi-20.” Yintoni eyayinokwenza umntu owayekhuphela le vesi aphazamele ku-“120”? Igama eliguqulelwe ngokuthi “ikhulu” neliguqulelwe ngokuthi “iikubhite” abonakala ebufana ngesiHebhere. Ngoko kusenokwenzeka ukuba umntu owayekhuphela le vesi wabhala igama eliguqulelwe ngokuthi “ikhulu” kuneliguqulelwe ngokuthi “iikubhite.”

Ewe kona, nangona sizama ukuziqonda kakuhle izinto ezazikwitempile kaSolomon nokuzichaza ngendlela echanileyo, eyona nto siyifunayo kukwazi ukuba yayimela ntoni. Yayimela itempile enkulu kaYehova. Simbulela nyhani uYehova ngokuba eye wamema abakhonzi bakhe ukuba bamkhonze kuloo tempile.​—Heb. 9:​11-14; ISityhi. 3:12; 7:​9-17.

a Umbhalo osemazantsi ucacisa ukuba “kweminye imibhalo-ngqangi yakudala kubhalwe ‘120,’ ngoxa kweminye nakwezinye iinguqulelo kubhalwe ‘iikubhite eziyi-20.’”