Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Xa Inzondo Iphelisiwe Ngonaphakade!

Xa Inzondo Iphelisiwe Ngonaphakade!

Nokuba thina sinokuyeka ukubacaphukela abanye asinokukwazi ukubayekisa ukuba bona basicaphukele. Abantu abamsulwa basaqhubeka becatshukelwa. Ngoko, ngubani onokuphelisa inzondo ngonaphakade?

UYehova uThixo nguye kuphela onokuphelisa inzondo ize ingaphinde ibekhona. IBhayibhile ithembisa ukuba uza kwenza loo nto kanye.​—IMizekeliso 20:22.

UTHIXO UZA KUZIPHELISA IZINTO EZIBANGELA INZONDO

  1. 1. USATHANA UMTYHOLI. Oyena mntu ubangela le nzondo siyibonayo namhlanje nguSathana oyingelosi eyavukelayo. UThixo uzakutshabalalisa uSathana kunye nabo bacaphukela abanye njengaye.​—INdumiso 37:38; Roma 16:20.

  2. 2. IHLABATHI LIKASATHANA ELIKHOHLAKELEYO. UThixo uza kuziphelisa zonke izinto ezikhuthaza abantu ukuba bacaphukelane, njengabantu bezopolitiki abanamaqhinga kunye neenkokeli zeenkonzo ezenza abantu bacaphukelane. UThixo uza kuwaphelisa namashishini anyolukileyo, anamaqhinga nawabaqhathayo abantu.​—2 Petros 3:13.

  3. 3. UKUBA NESONO KWABANTU. IBhayibhile ithi bonke abantu bosulelwe sisono​—ibe ngamanye amaxesha sisibangela ukuba sicinge, senze, okanye sizive ngendlela engafanelekanga. (Roma 5:12) Enye into, isono senza sibazonde abanye size siyibonise ngezenzo loo nto. UThixo uza kusinceda siyeke ukwenza izinto ezimbi aze asuse inzondo ngonaphakade.​—Isaya 54:13.

IBHAYIBHILE ISITHEMBISA IHLABATHI ELINGENANZONDO

  1. 1. AKUKHO MNTU UZA KUPHATHWA KAKUBI. UBukumkani bukaThixo buza kulawula wonke umhlaba, buza kulawula busezulwini buze benze wonke umntu aphathwe kakuhle. (Daniyeli 2:44) Ucalucalulo nokungafuni ukwamkelana akuzubakho.​—Luka 18:7.

  2. 2. WONKE UMNTU UZA KUBA SELUXOLWENI. Akhomntu uza kuva ubuhlungu ngenxa yogonyamelo okanye iimfazwe. (INdumiso 46:9) Umhlaba uza kuba yindawo ekhuselekileyo yokuba abantu baphile, kuba wonke umntu uza kuba noxolo.​—INdumiso 72:7.

  3. 3. WONKE UMNTU UZA KUPHILA KAMNANDI NGONAPHAKADE. Wonke umntu uza kuphila kamnandi ngonaphakade. (Mateyu 22:39) Akukho mntu uza kuva izinto ezibuhlungu ibe asizukuzicinga nezinto ezimbi ezakhe zenzeka ngaphambili. (Isaya 65:17) Ngelo xesha, inzondo iza kube iphelile bonke abantu “baza kuphila kamnandi kukho uxolo oluninzi.”​—INdumiso 37:11.

Ngaba uyafuna ukuphila kumhlaba onjalo? Nangoku abantu abaninzi bafunda ukuyeka ukuba nenzondo besebenzisa imigaqo yeBhayibhile. (INdumiso 37:8) Iimiliyoni zamaNgqina kaYehova emhlabeni wonke zenza loo nto. Nangona besuka kwiintlanga ezahlukeneyo ibe bekhuliswe ngendlela engafaniyo, bayintsapho enye ethandanayo nemanyeneyo.​—Isaya 2:2-4.

AmaNgqina kaYehova angakuvuyela ukukufundisa into abayifundileyo ngokunyamezela ukuphathwa kakubi nokucalulwa. Izinto oza kuzifundiswa ziza kukunceda uyeke ukuba nenzondo uze uqalise ukuba nothando. Ungafunda nendlela yokubonisa uthando​—kubantu abangenambulelo nabanenzondo. Ngenxa yaloo nto, uza konwaba ngoku buze ubuhlobo bakho nabanye bube bhetele. Ngaphezu koko, uza kufunda ngento omele uyenze ukuze uphile phantsi koBukumkani bukaThixo apho inzondo iza kube ingekho ngonaphakade.​—INdumiso 37:29.