Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

3 | Indlela Imizekelo EseBhayibhileni Enokunceda Ngayo

3 | Indlela Imizekelo EseBhayibhileni Enokunceda Ngayo

IBHAYIBHILE ITHETHA  . . Ngamadoda nabafazi awayenokholo “njengathi.”—YAKOBI 5:17.

Ithetha Ntoni Loo Nto?

IBhayibhile igcwaliswe ngamabali amanyhani amadoda nabafazi ababeneemvakalelo ezininzi nezahlukeneyo njengathi. Njengoko sifunda amabali abo, sinokufumanisa ukuba omnye wabo uneemvakalelo ezifana nezethu.

Isinceda Njani Le Nto?

Sonke sifuna ukwazi ukuba abanye bayayiqonda indlela esivakalelwa ngayo. Kodwa le nto yenzeka nyhani xa sisokoliswa zizigulo eziphazamisa iimvakalelo. Xa sifunda iBhayibhile sifunda ngabanye ababecinga, nababevakalelwa njengathi. Le nto isenza sibone ukuba nabanye bakha baziva buhlungu njengathi, ize loo nto isenze singaziva sisodwa kakhulu.

  • IBhayibhile ithetha ngeemvakalelo zabantu abaninzi ababeziva bengeloncedo nababexhalabile. Ngaba wakha wavakalelwa ukuba ‘ayikho into oyiphilelayo’? UMoses, uEliya noDavide nabo bakhe bavakalelwa ngolohlobo.—Numeri 11:14; 1 Kumkani 19:4; INdumiso 55:4.

  • IBhayibhile isixelela ngomfazi “owayekhathazeke kakhulu” onguHana, kuba wayengafumani bantwana ibe wayechukelwa ngumfazi wesibini.—1 Samuweli 1:6, 10.

  • IBhayibhile isixelela ngendoda enguYobhi, esinokuba nezinto esifana ngazo nayo, nangona ukholo lwakhe lwaluqinile wayeziva ebuhlungu kakhulu wade wathi: “Ndiyabenyanya ubomi bam; andisafuni kuphila.”—Yobhi 7:16.

Xa sifunda ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni abakwaziyo ukumelana neengcinga eziyingozi nathi sinokufumana amandla okwazi ukumelana neengxaki esinazo.