Okulungileyo Nokungalunganga: Kufuneka Wenze Ukhetho
Okulungileyo Nokungalunganga: Kufuneka Wenze Ukhetho. NoYehova uThixo uyayazi loo nto. Yiloo nto efuna siphile ngemithetho yakhe.
UYehova ufuna siphile ubomi obugcwele luxolo nolonwabo.
“Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa izinto ezikuncedayo, Lowo ukukhokelela endleleni ofanele uhambe ngayo. Ukuba nje ubungayimamela imiyalelo yam! Uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo, nobulungisa bakho bube njengamaza olwandle.”—Isaya 48:17, 18.
Ekubeni enguMdali wethu, uThixo uyayazi eyona ndlela isifaneleyo yokuphila. Uyasicela ukuba sisebenzise amacebiso akhe kuba aza kusinceda. Xa sithobela imithetho yakhe, asizokuzibuza ukuba izigqibo esizenzayo ziza kuba nemiphumo emihle na. Siza kusoloko sisenza izigqibo eziza kusinceda, izigqibo eziza kusenza sibe noxolo nolonwabo.
UYehova akathi masenze okungapha kwamandla ethu.
“Lo myalelo endiniyalela wona namhlanje awunzimanga yaye uyafikeleleka.”—Duteronomi 30:11.
Ukusebenzisa imithetho kaThixo yokuziphatha ebomini bethu kusenokufuna sitshintshe indlela 1 Yohane 5:3.
esicinga nesenza ngayo. Nangona kunjalo, uThixo akathi masenze okungaphaya kwamandla ethu. Ekubeni enguMdali wethu, uyazazi izinto esinokwazi nesingenakukwazi ukuzenza. Njengoko sisiya simazi uYehova siza kubona ukuba “ayikho nzima imithetho yakhe.”—UYehova uthembisa ukuba uza kubanceda abo bakhetha ukuphila ngemithetho yakhe.
“Mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene, ndithi kuwe, ‘Sukoyika. Mna lo ndiza kukunceda.’”—Isaya 41:13.
Singakwazi ukuphila ngendlela uThixo afuna siphile ngayo kuba uza kuba ngumncedi wethu. Angasinceda esebenzisa iLwizi lakhe iBhayibhile, kuba liyasikhuthaza lisinike nethemba.
Iimiliyoni zabantu emhlabeni wonke zifumanise ukuba ukuphila ngemithetho kaThixo kubancede baphucula ubomi babo. Sikukhuthaza ukuba ufunde amacebiso angakumbi eBhayibhileni. Ungaqalisa ngokufunda incwadana esekelwe eBhayibhileni ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! iyafumaneka mahala ku-jw.org/xh. Ithetha ngale mixholo:
-
Ingakunceda Njani IBhayibhile?
-
IBhayibhile Isenza Sibe Nethemba
-
Unokuyithemba IBhayibhile Ukuba Ithetha Inyani?
Njengoko ufunda iLizwi likaThixo, iBhayibhile, uza kufumanisa ukuba aliphelelwanga lixesha; ‘linokuthenjwa ngoku nangonaphakade.’ (INdumiso 111:8) Ukusebenzisa amacebiso aseBhayibhileni ngendlela yokuziphatha kuza kusenza siphile obona bomi banelisayo. Kodwa ke uThixo akasinyanzeli ukuba siyenze loo nto. (Duteronomi 30:19, 20; Yoshuwa 24:15) Mntu ngamnye ufanele azikhethele.