Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | IBHAYIBHILE—IBALI LOKUSINDA KWAYO

IBhayibhile Yasinda Ekonakaleni

IBhayibhile Yasinda Ekonakaleni

ISISONGELO: Umpapiri nesikhumba zezona zinto kwakubhalwa kuzo ngababhali nabakhupheli beBhayibhile. * (2 Timoti 4:13) Ezo zinto zayibeka njani emngciphekweni iBhayibhile?

Umpapiri ukrazuka lula, uphuma umbala lula yaye ucekeceke. Iingcali zolwazi lweYiputa yamandulo, uRichard Parkinson noStephen Quirke bathi: “Iphepha linokonakala libe yimicu nje okanye uthuthu. Xa uselugcinweni, umsongo unokungunda okanye ubole kukufuma yaye xa ugcinwe ngaphantsi komhlaba unokutyiwa ziimpuku okanye zizinambuzane ingakumbi iimbovane.” Emva kokuba ifunyenwe, eminye imipapiri yabekwa kwiindawo ezinelanga nezifume kakhulu, nto leyo eyabangela ukuba yonakale ngokukhawuleza.

Isikhumba sihlala ixesha elide kunompapiri, kodwa naso siyonakala xa singaphethwanga kakuhle okanye sihleli kwindawo eshushu okanye ebanda kakhulu, efumileyo nenelanga. * Isikhumba naso sinokutyiwa zizinambuzane. Ngenxa yoko, incwadi ethi Everyday Writing in the Graeco-Roman East ithi, “imibhalo yamandulo ayifane isinde.” Ukuba iBhayibhile yayiye yonakala, umyalezo okuyo ngowatshabalala nayo.

INDLELA EYASINDA NGAYO IBHAYIBHILE: Umthetho wamaYuda wawusithi ookumkani ‘mabazikhuphelele encwadini umbhalo walo mthetho,’ iincwadi ezintlanu zokuqala zeBhayibhile. (Duteronomi 17:18) Ngaphezu koko, abakhupheli abaphum’ izandla bavelisa imibhalo-ngqangi emininzi kangangokuba ngenkulungwane yokuqala, iZibhalo zazifumaneka kwizindlu zesikhungu kwaSirayeli nakwiMakedoni ekude! (Luka 4:16, 17; IZenzo 17:11) Eminye yale mibhalo-ngqangi esekho nanamhl’ oku yasinda njani?

Imibhalo-ngqangi eyaziwa ngokuba yiMisongo yoLwandle Olufileyo yahlala ikhuselekile kwiingqayi kangangamakhulu eminyaka igcinwe emiqolombeni kwindawo ezomileyo

UPhilip W. Comfort, umphengululi weTestamente Entsha uthi, “amaYuda ayesaziwa ngokufaka imisongo yeZibhalo kwiingqayi ukuze igcineke kakuhle.” Kuyabonakala ukuba namaKristu enza ngendlela efanayo. Ngenxa yoko, kuye kwafunyanwa eminye yemibhalo-ngqangi yokuqala yeBhayibhile kwiingqayi, kwiityesi nasemiqolombeni, nakwimimandla eyome kakhulu.

UMPHUMO: Iinxalenye zemibhalo-ngqangi yeBhayibhile ezingamawakawaka—ezinye zazo ezineminyaka engaphezu kweyi-2 000 zikho—zisekho unanamhl’ oku. Ayikho enye incwadi yamandulo enemibhalo-ngqangi emidala emininzi ngolo hlobo.

^ isiqe. 3 Umpapiri yinto eyayisenziwa ngesityalo esikhula emanzini nekwakubhalwa kuyo. Isikhumba sona kwakuba sesesilwanyana.

^ isiqe. 5 Ngokomzekelo, ikopi esayiniweyo yeU.S. Declaration of Independence yayibhalwe kwisikhumba. Kungekapheli neminyaka eyi-250 sele ingabonakali into ebhalwe kuso, ingafundeki nokufundeka.