Igama EliseBhayibhileni Kwingqayi Yakudala
Iingceba zengqayi yodongwe eneminyaka eyi-3 000 ikho ezembiwa ngo-2012, kutshanje zitsale umdla wabaphandi. Zazikhetheke ngantoni? Yayingezo ngceba kodwa yinto ebhalwe kuzo.
Xa abembi bezinto zakudala bakwaziyo ukuzidibanisa ezo ngceba, bakwazi ukufunda umbhalo wamandulo wamaKanan. Zazibhalwe, “Eshba’al Ben [unyana ka] Beda’.” Abembi bezinto zakudala bayaqala ukufumana eli gama kwimibhalo yamandulo.
Kanti ke, ukhona uEshbhali ethetha ngaye iBhayibhile
Kwenye indawo eBhayibhileni, uEshbhali ubizwa ngokuba nguIshe-bhosheti, u-“bhosheti” ufakwe kwindawo ka-“bhali.” (2 Sam. 2:10) Kutheni? Abaphandi bacacisa besithi: “Kwincwadi yesibini kaSamuweli babesonqena ukusebenzisa uEshbhali, kuba elo gama lalibakhumbuza ngoBhahali, isithixo sesaqhwithi samaKanan, kodwa liye lagcinwa kwincwadi yeziKronike.”