Kuyavuyisa Ukuphila Unezinto Ezimbalwa
UDANIEL NOMIRIAM batshata ngoSeptemba 2000, baza bahlala kwisixeko saseBarcelona, eSpeyin. UDaniel uthi: “Sasiphila le nto kuthiwa bubomi. Imisebenzi esasinayo yayisenza sikwazi ukuya kwiindawo zokutyela eziphezulu, sibone amazwe kwaye sinxibe iimpahla ezibizayo. Sasisiya qho nasentsimini.” Kodwa zatshintsha izinto.
UDaniel wafuna ukwenza okuthile emva kokuva intetho yendibano ka-2006 eyayinombuzo othi: “Ngaba senza konke esinako ukunceda ‘abo bagxadazelela ekubulaweni’ ukuba bafumane indlela esa kubomi obungenasiphelo?” (IMize. 24:11) Yagxininisa into yokuba simele sazise abantu umyalezo oseBhayibhileni osindisa ubomi. (IZe. 20:26, 27) UDaniel uthi: “Kwakungathi uYehova uthetha nam.” Le ntetho yaphinda yachaza ukuba ukwandisa ubulungiseleli kubangela umntu avuye ngakumbi. UDaniel wayeyazi lo nto. UMiriam wayesele enguvulindlela yaye wayefumana iintsikelelo ezimvuyisayo.
UDaniel uthi: “Ndagqiba ekubeni nditshintshe izinto.” Ibe wayenza lo nto. Wacutha iiyure awayeziphangela, waqalisa ukuba nguvulindlela, yaye wanombono wendlela yena noMiriam ababeza kuvuya ngayo xa benokukhonza apho kufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi.
EKUQALENI YAYIYIMIQOBO—KAMVA YAZIINDABA EZIMNANDI
NgoMeyi 2007, uDaniel noMiriam bayeka emsebenzini baza benjenjeya ukuya ePanama, ilizwe ababekhe balityelela. Intsimi abaya kuyo yayiziziqithi eziliqela eziyinxalenye yeBocas del Toro Archipelago kuLwandle LweCaribbean, ekwakuhlala kuzo kakhulu abantu bomthonyama, amaNgabe. UDaniel noMiriam babecinga ukuba imali ababenayo yayiza kubagcina kangangeenyanga ezisibhozo xa behlala ePanama.
Babehamba kwezo ziqithi ngephenyana nangebhayisekile, ibe bayikhumbula kakuhle imini abaqala ngayo behamba iikhilomitha ezimalunga ne-32 ngebhayisekile, beqabela iinduli eziphakamileyo kwingqatsini yelanga. UDaniel waphantse wafa isiqaqa kukudinwa. Nakuba kunjalo, iintsapho zamaNgabe ezazihlala kuloo ndlela babeyihamba, zazibamkela ngobubele ingakumbi xa bazama ukufunda ulwimi lwazo. Kungekudala, baqhuba izifundo zeBhayibhile eziyi-23.
Xa baphelelwa yimali, uvuyo lwabo lwajika lwaziinyembezi. UDaniel uthi: “Sibuhlungu, saqalisa ukucinga ngokubuyela eSpeyin. Saba buhlungu ukushiya izifundo zethu zeBhayibhile.” Kodwa ke, emva kwenyanga, bafumana iindaba ezimnandi. UMiriam uthi: “Sacelwa ukuba sibe ngoovulindlela abakhethekileyo. Kwasivuyisa ukuhlala kwisabelo sethu!”
EYONA NTO IBAVUYISAYO
Ngo-2015, uDaniel noMiriam bacelwa ukuba babe ngoovulindlela abathe ngxi, ngenxa yotshintsho olwenziwayo kwintlangano. Babeza kuthini? Babambelela kwisithembiso esikwiNdumiso 37:5 esithi: “Yiqengqele kuYehova indlela yakho, uze uthembele ngaye, kwaye yena uya kwenza.” Bafumana umsebenzi owabenza baqhubeka bengoovulindlela, yaye ngoku bakhonza kwibandla elikwiphondo laseVeraguas, ePanama.
UDaniel uthi: “Ngaphambi kokuba simke eSpeyin, sasingaqinisekanga ukuba singakwazi ukuphila singenazinto zininzi. Kodwa namhlanje siyakwazi, ibe zonke izinto ezibalulekileyo sinazo.” Yintoni eyona nto ibavuyisayo? Bathi, “Eyona nto isivuyisayo kukunceda abantu abathobekileyo bafunde ngoYehova, ayikho enye into esivuyisa ngolu hlobo!”