Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Abantwana Abasentlungwini Yokuswelekelwa

Abantwana Abasentlungwini Yokuswelekelwa

Ngaba usentlungwini yokuswelekelwa ngumntu wakowenu? Ukuba uthi ewe, yintoni omele uyenze? Khawufunde indlela iBhayibhile eyabanceda ngayo abantwana abathathu bakwazi ukunyamezela le ntlungu.

UDAMI UTHI:

UDami

Ekuqaleni utata wayengathi uqaqanjelwa nje yintloko. Kodwa xa kwakubonakala ngathi iyaqatsela, umama wabiza imoto yezigulana. Ndikhumbula kakuhle isimka naye. Ndandingazi ukuba ndiyagqibelisa ukumbona. Emva kweentsuku ezintathu, wabulawa kukuvaleka kwemithambo (ianeurysm). Ndandineminyaka emithandathu ngelo xesha.

Yaqengqeleka iminyaka ndizibek’ ityala ngokufa kwakhe. Ndandisoloko ndicinga ngexesha awayethathwa ngalo yimoto yezigulana ndize ndizibuze: ‘Kwakutheni ukuze ndime nje ndingenzi nto?’ Ndandisithi xa ndibona abantu abadala abagulayo ndizibuze, ‘Kutheni bona besaphila?’ Emva kwexesha umama wandenza ndakwazi ukuthetha ngendlela endiziva ngayo. Ekubeni singamaNgqina KaYehova, ibandla lalisixhasa kakhulu.

Abanye abantu bacinga ukuba intlungu ikufumana kanye xa usand’ ukufelwa, idlule, kodwa kum zange kube njalo. Zange ndibe sentlungwini engako de ndaqalisa ukufikisa.

Nali icebiso endilipha abantwana abaswelekelwe ngabazali, “Yithethe intlungu okuyo. Mhlawumbi xa uyithetha, uza kuziva bhetele.”

Kunzima xa kusenzeka izinto ezindivuyisayo ebomini abe utata engekho. Ndithuthuzelwa yincwadi yeSityhilelo 21:4 ethi, uThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni [ethu], kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”

UDERRICK UTHI:

UDerrick

Ezinye izinto endizikhumbulayo ngotata kuxa siye kuloba naxa siyokuhlala ezintabeni. Wayezithanda nyhani iintaba.

Utata wayekhathazwa yintliziyo; ndikhumbula ndisiya kumbona esibhedlele ndisemncinci. Ndandingazi ukuba ugula kakhulu. Intliziyo yambulala xa ndandineminyaka esithoba.

Ndakhala kakhulu akusweleka. Yayingathi ndifuthaniselekile, ndingafuni kuthetha namntu. Andizange ndizive ngaloo ndlela oko ndazalwa, ndandingafuni kwenza nto tu. Iqela endandikulo lolutsha lwasecaweni laba ngathi liyandixhasa, kodwa yaphelel’ emoyeni yonke loo nto. Abantu basecaweni babesithi, “Bekufike ixesha likatatakho,” abanye besithi “Ubizwe nguThixo,” okanye bathi “Usezulwini.” Zange zindanelise ezo mpendulo, kodwa ndandingayazi eyona nto ifundiswa yiBhayibhile ngezo zinto.

Kusenjalo, umama wafunda iBhayibhile namaNgqina KaYehova, ekuhambeni kwexesha, mna nomkhuluwa wam safunda nabo. Safunda ngemeko yabafileyo nangesithembiso sikaThixo esithuthuzelayo, uvuko. (Yohane 5:28, 29) Kodwa esona sibhalo sandincedayo nguIsaya 41:10, apho uThixo athi: “Musa ukoyika, kuba ndinawe. Musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho. Ndiza kukuqinisa. Ndiza kukunceda.” Ukwazi ukuba uYehova unam kwaba yeyona nto yandithuthuzelayo kwintlungu endandikuyo, isandithuthuzela nanamhlanje.

UJEANNIE UTHI:

UJeannie

Umama wabulawa ngumhlaza ndineminyaka esixhenxe. Yayingathi ndiyaphupha loo mini. Ndikhumbula ukuba waswelekela ekhaya kukho utatomkhulu nomakhulu. Ngelo xesha wonke umntu wayezolile. Enye into endiyikhumbulayo kukuba sasitye amaqanda. Yayingathi ubomi bam buyatshintsha.

Ngelo xesha, nakwiminyaka eyalandelayo, ndandicinga ukuba kufuneka ndiqine ukuze ndikwazi ukujonga udadewethu omncinci. Ndayifihla indlela endandivakalelwa ngayo. Nanamhlanje oku, ndisazifihla iimvakalelo zam, kodwa ayikho sempilweni loo nto. Nangoku sithethayo, ndisazifihla xa ndikhathazekile, kodwa ndiyazi ukuba ayikho sempilweni loo nto.

Ndikhumbula uthando nenkxaso esasiyifumana kwibandla lethu lamaNgqina KaYehova. Nangona kwakungekudalanga sisiya kwiHolo YoBukumkani, amanye amaKristu ayesoloko enathi ngokungathi kudala singamaNgqina. Ingathi waphela unyaka utata engapheki sidlo sasebusuku kuba sasihlala sisiphathelwa.

Esinye isibhalo esindincedayo yiNdumiso 25:16, 17. Kuso, umdumisi ucela uThixo esithi: “Bubhekise kum ubuso bakho, undibabale; kuba ndindedwa yaye ndixhwalekile. Ukubandezeleka kwentliziyo yam kwandile; kwiingcinezelo eziphezu kwam ndikhuphe.” Kuyandithuthuzela ukwazi ukuba xa umntu esentlungwini, uThixo uyamxhasa. IBhayibhile indincedile ndakwazi ukuqhubeka nobomi, ndisoloko ndicinga ngezinto ezikhuthazayo, njengesithembiso esithuthuzelayo sovuko esiseBhayibhileni. Ndinethemba lokuba ndiza kuphinda ndibe kunye nomama eparadesi, ndimazi kakuhle, ephile qete.2 Petros 3:13.

Ungathanda ukwazi okungakumbi ngomyalezo weBhayibhile othuthuzela abantu abasentlungwini? Zidawunlowdele incwadana ethi “Xa Umntu Omthandayo Esifa.” Yiya ku-www.mt1130.com/xh, ujonge umxholo othi IIMPAPASHO > IINCWADI NEENCWADANA EZINEMIFANEKISO.